Izixhobo Zokuhlola ZeMicrosoft Office zivumela ukuhlela kwiilwimi ezongezelelekileyo.
Note:There are multiple files available for this download.Once you click on the "Download" button, you will be prompted to select the files you need.
proofingtools_xh-za-x86.exe
proofingtools_xh-za-x64.exe
Ngaba ufuna ukuhlola upelo kulwimi olungafakelwanga ngokuzenzekelayo yi-Office? Ukwindawo efanelekileyo. IZixhobo Zokuhlola ZeMicrosoft Office ziquka iseti epheleleyo yezixhobo ezifumanekayo kwiOfisi ngolu lwimi. Fakela nje uze uphinde uqale iOffice, kwaye uzixhobo zolo lwimi ziya kufumaneka.
IiSistim zokuSebenza eziXhaswayo:
Windows 7; Windows 8; Windows Server 2008 R2
Olu khuphelo lusebenza kunye nolu setyenziso lulandelayo:
Microsoft Office Excel 2013
Microsoft Office OneNote 2013
Microsoft Office Outlook 2013
Microsoft Office PowerPoint 2013
Microsoft Office Word 2013
Ukufakela olu kuphelo:
Ukufakela izixhobo zokuhlola:
- Khuphela ifayile ngokucinezela iqhosha lokuKhuphela (ngaphezulu) kwaye ugcine iifayile kwihadi diski.
- Sebenzisa isetapu yosetyenziso.
- Xa ufunda kwipheha Lemiqathango YeLayisensi KwiSoftwe YeMicrosoft, hlola imiqathango, "Cinezela apha ukuze wamkele Imiqathango YeLayisensi KwiSoftwe YeMicrosoft" ngokukhetha ibhokisi yokuphawula, uze ucinezele Qhubeka.
- Iwizathi yokuqhubeka ihamba ize ifake izixhobo zokuhlola.
- Emva kokuba ukufakelwa kugqityiwe, qala phantsi usetyenziso lwee-Office.
Imiyalelo emele isetyenziswe: Sebenzisa nje izixhobo zokuhlola njengesiqhelo - umele ngoku izibone ngokolwimi lwakho olutsha olufakiweyo. Ngokomzekelo, unokumisela ulwimi lokuhlola ngokolwimi olutsha ukuze lusebenzise ukuhlola ukupela (ukuba luyafumaneka) - ukuze ufunde indlela yokwenza oku, khangela Tshintsha phakathi kweelwimi ngokiuseta ukuhlolwa kolwimi
Ukushenxisa oku kukhuphela:
- Kwimenyu yokuqala, khomba kwiiSethingi uze ucinezele iPhaneli Yolawulo.
- Cinezela kabini Yongeza/Shenxisa Iiprogramu.
- Kuludwe lweeprogramu ezifakiweyo, khetha Izixhobo Zokuhlola ZeMicrosoft Office 2013 Xhosa uze ucinezele Khupha, Shenxisa, okanye Yongeza/Shenxisa. Ukuba ibhokisi yedayalogi iyabonakala, landela imiyalelo yokushenxisa iprogramu.
- Cinezela Ewe okanye KULUNGILE ukuqinisekisa ukuba wena ufuna ukushenxisa iprogramu.