IMIMISELO YOKUTHENGISA YAKA-MICROSOFT

Ihlaziywe ngoFebhuwari 2017

Wamkelekile kwiiVenkile zika-Microsoft ezi-onlayini nezokuthengisa. "Ivenkile" ibhekisa kwiindawo zethu ezi-onlayini nezokuthengisa ezikuvumela ukuba ubrawuze, ujonge, ufumane, uthenge, uze uhlele kwaye uhlole ii-aplikeshini iimveliso kunye neenkonzo kuquka izixhobo, ii-game console, iziqulatho ezidijithali, ii-aplikheshini, iigeyimu, iinkonzo nokunye. Le Mimiselo yokuThengisa ("iMimiselo yokuThengisa") iqulathe ukusetyenziswa kweVenkile ka-Microsoft, iVenkile ka-Office, iVenkile ka-Xbox, iVenkile ka-Windows, kunye nezinye iinkonzo zika-Microsoft ezibhekisa kule Mimiselo yokuThengisa (iyonke "yi-Venkile"). Ngesi Store, u-Microsoft ubonelela ngokufikelela kwintlaninge yoovimba, kuquka iindawo zokukhuphela, isoftwe, izixhobo, kunye nenkcazelo malunga nesoftwe, iinkonzo kunye nezinye izinto ezithengiswayo (zizonke "ziiNkonzo" kwaye xa zidibene neVenkile, "yiVenkile"). Uninzi lweemveliso, iinkonzo kunye neziqulatho ezibonelelwa eVenkileni ziimveliso zenye inkampani ezibonelelwa zezinye iindawo ezingengo-Microsoft. Ngokusebenzisa iVenkile, okanye ngokuthenga iimveliso kunye neenkonzo eVenkileni, uyayamkela kwaye uyivuma le Mimiselo yokuThengisa, iNgxelo yobuMfihlo ka-Microsoft (jonga kwicandelo lobuMfihlo noKhuseleko loLwazi loBuqu apha ngezantsi), kunye nemimiselo nemiqathango efanelekileyo, imigaqo-nkqubo okanye iingxelo yokuzikhulula ezifunyanwa ngaphakathi eVenkileni okanye ekubhekiswa kuzo kwiMimiselo yokuThengisa (zizonke "ziiPolisi zeVenkile"). Siyakukhuthaza ukuba ufunde iiPolisi zeVenkile ngocoselelo. AWUVUMELEKANGA UKUBA USEBENZISE IVENKILE OKANYE IINKONZO UKUBA AWUVUMELANI NEEPOLISI ZEVENKILE

Ukuba sineVenkile yoShishino ka-Microsoft ekhoyo kwilizwe okanye kwingingqi yakho, isenokuba neepolisi ezahlukileyo okanye ezongezelelweyo. U-Microsoft usenokuhlaziyo okanye alungise naziphi na iipolisi nanini na ngaphandle kokukwazisa.

IMimiselo eMayelana nokuSebenzisa Kwakho iVenkile

1. I-Akhawunti yeLungu. Ukuba iVenkile ifuna ukuba uvule i-akhawunti, kumele ugcwalise le nkqubo yokubhalisa ngokusinika iinkcukacha zakho zangoku ezipheleleyo nezichanekileyo ezifunwa yile fomu yokubhalisa ifanelekileyo. Kusenakho nokuba kufuneke wamkele isivumelwano seenkonzo okanye iMimiselo yokusebenzisa eyahlukeneyo njengomqathango wokuvula i-akhawunti. Ukusebenzisa kwakho i-akhawunti ukuze ufikelele kwiVenkile kunye neziqulatho ozifumene kwiVenkile zixhomekeke kuyo yonke iMimiselo elawula i-akhawunti ka-Microsoft. Ngenkcazelo ethe vetshe nceda ujonge iSivumelwano seeNkonzo sika-Microsoft. Unoxanduva lokugcina inkcazelo nepaswedi ye-akhawunti yakho iyimfihlo kwaye unoxanduva lwayo yonke intshukumo eyenzeka phantsi kwe-akhawunti yakho.

2. UngayiSebenzise ngokuNgekho Mthethweni okanye ngeNdlela eThintelweyo. Njengomqathango wokusebenzisa kwakho iVenkile kunye neeNkonzo, uyasiqinisekisa ukuba awusayi kusebenzisa iVenkile ngazo naziphi na iinjongo ezingekho mthethweni okanye ezithintelweyo yile Mimiselo yokuThengisa, ziiPolisi zeVenkile, okanye yiyo nayiphi na eminye iMimiselo ebhekisa ekusebenziseni kwakho iVenkile. Awuvumelekanga ukuba usebenzise iVenkile nangayiphi na indlela enokonakalisa, ikhubaze, isinde, okanye imoshe nayiphi na iseva ka-Microsoft, okanye iinetwekhi ezinxibelelaniswe nayo nayiphi na iseva ka-Microsoft, okanye iphazamise naye nawuphi na emntu ekusebenziseni nasekonwabeleni iVenkile. Awuvumelekanga uzame ukufikelela ngokungagunyaziswanga kwiVenkile, kwezinye ii-akhawunti, kwiinkqubo zekhompyutha okanye kwiinetwekhi ezinxibelelaniswe kuyo nayiphi na iseva ka-Microsoft okanye kwiVenkile, ngokuhekha, ngokomba ipaswedi okanye ngezinye iindlela. Awuvumelekanga ukuba ufumane okanye uzame ukufumana naziphi na imatheriyeli okanye ulwazi ngendlela engenziwanga ngabom ukuba ezi zinto zifumaneke eVenkileni. Awuvumelekanga ukuba usebenzise iVenkile ngendlela exusha amalungelo abanye abantu, kuquka ukonzakali umntu okanye inkampani ngabom, kuquka u-Microsoft. Awuvumelekanga ukuba ushishine ngokuhambiesa, ushicilele, ulayisense okanye uthengise naziphi na imveliso, ulwazi okanye iinkonzo ozifumene eVenkileni.

3. IiMatheriyeli oziNika u-Microsoft okanye oziPowusta eVenkileni. U-Microsoft akabangi ubunini beematheriyeli ozinika u-Microsoft (kuquka ingxelo ebuyiswayo, ukuhlelwa, izimvo kunye neengcebiso) okanye oziposta, ozilayisha, ozifaka okanye ozingenisa kwiVenkile okanye iinkonzo zika-Microsoft ezayameneyo ukuze zihlolwe ngabanye (nganye "luNgeniso" zize zizonke ibe "ngamaNgeniso"). Ukanti, unika u-Microsoft ilungelo elingahlawulelwayo, unaphakade, elingenakurhoxiswa, kwihlabathi liphela, elingabekeli mntu ecaleni nelinokuphinda lilayisenswe ngomnye umntu, lokusebenzisa, lokutshintsha, lokwamkela, lokuphinda uvelise, lokudala imisebenzi ethatyathelwayo kulo, lokutolika, lokuhlela, lokwenza, lokuhambisa nokubonisa iNgeniso lakho, kuquka negama lakho, kuyo nayiphi na imidiya. Ukuba uye wapapasha uNgeniso lwakho kwiindawo zeVenkile apho lunokufumaneka ngokubanzi onlayini ngaphandle kwezithintelo, uNgeniso lwakho lungabonakala kwimiboniso okanye kwiimatheriyeli ezipromowutha iVenkile kunye/okanye neemveliso, iinkonzo kunye neziqulatho ezibonelelwa yiVenkile. Uyaqinisekisa kwaye utsho ukuba unawo (kwaye uya kubanawo) onke amalungelo afunekayo okwenza naluphi na uNgeniso onikezela ngalo kunye nokunikezela ngala malungelo ku-Microsoft.

Akukho mbuyekezo iya kuhlawulwa ngokusebenzisa uNgeniso lwakho. U-Microsoft akanyanzelekanga ukuba apowuste okanye asebenzise naluphi na uNgeniso kwaye u-Microsoft usenokususa naluphi uNgeniso nanini na ngokuzibonela kwakhe. U-Microsoft akazithwalisi naluphi uxanduva kwaye akazibeki tyala ngamaNgeniso okanye ngematheriyeli epowustwa, elayishwa, efakwa okanye engeniswa ngabanye besebenzisa iVenkile.

Ukuba uthelekelela okanye uphonononga i-aplikeshini eVenkileni, ungafumana i-imeyili evela kwa-Microsoft equlathe iziqulatho ezivela kumpapashi we-aplikeshini.

4. IiLinki eziya kwiWebhusayithi zaBanye aBantu. IVenkile isenokuquka neelinki kwiiwebhusayithi zabanye abantu ezikuvumela ukuba umke eVenkileni. Ezi sayithi zilinkiweyo azikho phantsi kolawulo luka-Microsoft kwaye u-Microsoft akanaxanduva ngeziqulatho zazo naziphi iisayithi ezilinkiweyo okanye nayiphi na ilinki equlathwe kwisayithi. U-Microsoft ukubonelela ngezi linki ukukunceda, kwaye ukuqukwa kwayo nayiphi na ilinki akuthethi ukuba loo sayithi iyaxhaswa ngu-Microsoft. Ukusebenzisa kwakho iwebhusayithi yomnye umntu kusenokuxhomekeka kwimimiselo nemiqathango yaloo mntu.

IMimiselo eMayelana nokuThengiswa kweeMveliso KUNYE NEENKONZO kuWe

5. ImiMandla eFumaneka Kuyo. Iimveliso neenkonzo ezifumanekayo zisenokwahluka, oku kuxhomekeke kwinqila okanye kwisixhobo sakho. Ukongeza, kusenokubakho imida kwiindawo esinokuthumela kuyo iimveliso njengoko kuchaziwe kwiipolisi zethu zokuthumela. Ukugqibezela ukuthenga, kusenokufuneka ube nedilesi eyiyo yokuthumela ityala nemveliso kweli lizwe okanye le nqila ineVenkile apho uthenga khona.

6. Abasebenzisi boQobo Kuphela. Kumele ube ngumsebenzisi woqobo ukuze uthenge iimveliso kunye neenkonzo eVenkileni. Abantu abaphinde bathengise abafanelekanga ukuba bathenge.

7. IziThintelo zoKuthumela kuMazwe aNgaphandle. Iimveliso neenkonzo ezithengwe eVenkileni zisenokugunyaziswa yimithetho nemigaqo yolawulo lweemveliso ezivela nezithunyelwa kumazwe angaphandle. Uyavuma ukuthobela yonke imithetho nemigaqo esebenzayo kumazwe ngamazwe nekazwelonke.

8. Ukuhlawuliswa. Ngokunika u-Microsoft indlela yokuhlawula: (i) uthi ugunyazisiwe ukuba ungayisebenzisa le ndlela yokuhlawula unikezela ngayo nokuba naziphi na iinkcukacha zokuhlawula onikezela ngazo zinyanisekile kwaye zichanekile; (ii) ugunyazisa u-Microsoft ukuba akuhlawulise ngazo naziphi iimveliso, iinkonzo okanye iziqulatho ezifumanekayo ezithengwe kusetyenziswa indlela yakho yokuhlawula; kwaye (iii) ugunyazisa u-Microsoft ukuba akuhlawulise ngazo naziphi iifitsha ezihlawulelwayo zeVenkile okhetha ukuzisayinela okanye ukuzisebenzisa. Uyavuma ukuhlaziya kwakamsinya i-akhawunti yakho kunye nezinye iingcombolo kuquka idilesi yakho ye-imeyili kunye neenombolo zekhredithi khadi kunye nemihla yokuphelelwa kwazo, ukuze sigqibezele unaniselwano lwakho kwaye siqhagamshelane nawe xa kuyimfuneko mayelana nonaniselwano lwakho. Sisenokukuhlawulisa (a) kwangaphambi kwexesha; (b) ngexesha lokuthenga; (c) kungekudala emva kokuthenga; okanye (d) ngamaxesha aphindaphindeneyo ngobulungu bakho. Kwaye, siza kukuhlawulisa ukuya kuma kule mali uyivumeleyo, kwaye siya kwazisa kwangaphambili nangokuhambelana nemiiselo yobulungu bakho ngazo naziphi iinguqu ngemali oya kuyihlawuliswa ngobulungu obuphindaphindwayo. Sisenokukuhlawulisa ngaxeshanye ngeentlawulo ezingasetyenzwanga ngaphambili zamaxesha okuhlawulisa angaphezu kwelinye. Jonga icandelo lokuHlaziya ngokuZenzekelayo apha ngezantsi.

Ukuba uthatha inxaxheba kuso nasiphi ispeshali sexesha lolingo, kumele uzirhoxise ezi nkonzo ekupheleni kwexesha lolingo ukuze uphephe ukubizwa iintlawulo ezintsha ngaphandle kokuba sikwazisile ukuba ungakwenzi oko. Ukuba awuzirhoxisi iinkonzo ekupheleni kwexesha lolinga, uyasigunyazisa ukuba sikuhlawulise ngendlela yakho yokuhlawula ngezi mveliso okanye ngezi nkonzo.

9. IiNtlawulo eziPhindaphindwayo. Xa uthenga iimveliso, iinkonzo okanye iziqulathi ngendlela yobulungu (umz. Qho ngeveki, qho ngenyanga, qho kwiinyanga ezi-3, okanye qho ngonyaka (leyo ifanelekileyo)), uyakwamkela kwaye uvuma ukuba ugunyazisa iintlawulo eziphindaphindwayo, kwaye iintlawulo ziyakwenziwa ku-Microsoft ngale ndlela uyikhethileyo ngamaxesha aphindaphindwayo akhethwe nguwe, de ubulungu bupheliswe nguwe okanye ngu-Microsoft okanye ngokweMimiselo yazo. Ngokugunyazisa iintlawulo eziphindaphindwayo, ugunyazisa u-Microsoft ukuba asebenze ngezi ntlawulo ngokuzitsala ngekhompyutha okanye ngokugqithiselwa kwemali, okanye njengeedrafti zekhompyutha ezivela kwi-akhawunti yakho (xa iyi-Automated Clearing House okanye iintlawulo ezifana nayo), okanye njengeentlawulo ezithunyelwa kwi-akhawunti yakho oyinikiweyo (xa iyikhredithi khadi okanye iintlawulo ezifana nayo) (zizonke, "ziiNtlawulo zeKhompyutha"). Iintlawulo zobulungu zihlawuliswa okanye zibizwa kwangaphambi kweli xesha lobulungu. Ukuba nayiphi na intlawulo ibuyisiwe ingahlawulwanga okanye ukuba nayiphi na ikhredithi khadi okanye intlawulo efanayo ikhatyiwe okanye yaliwe, u-Microsoft okanye abaniki-nkonzo bakhe banelungelo lokulanda nayiphi na into ebuyisekayo, isilandulo okanye ezinye iintlawulo ezivumelekileyo ngokwalo mthetho ufanelekileyo.

10. UkuFumaneka kweMveliso noMlinganiselo kunye neZithintelo ze-Odolo. Amaxabiso eemveliso nokufumaneka kwazo angatshintsha nanini na ngaphandle kwesaziso. U-Microsoft angayisikela imilinganiselo yezinto ezinokuthengwa nge-odolo nganye, nge-akhawunti nganye, ngekhredithi khadi nganye, ngomntu ngamnye, okanye ngekhaya ngalinye. Ukuba ezi mveliso okanye iinkonzo ozi-odoleyo azifumaneki, sisenokuqhagamshelana nawe ukuze sikubonelele ngenye imveliso. Ukuba ukhetha ukungayithengi le mveliso iyenye, siza kuyirhoxisa i-odolo yakho.

U-Microsoft usenoyilandula okanye ayale i-odolo yakho nanini na, akubuyisele nayiphi na imali oyihlawulileyo ngale odolo, ngezizathu ezinokuquka, zibe zingaphelelanga koku, ukuba awuyifezekisanga iMimiselo echazwe ngexesha le-odolo, ukuba intlawulo yakho ayinakho ukusetyenzwa, ukuba iimveliso okanye iinkonzo ezi-odolweyo azifumaneki, okanye ngenxa yamaxabiso okanye ezinye iimpazamo. Ukuba kuyenzeka ibe ngamaxabiso okanye ezinye iimpazamo, sinelungelo, ngokokubona kwethu, loku- (a) rhoxisa i-odolo yakho okanye ukuthenga kwakho, okanye (b) qhagamshelana nawe ukuze sifumane imiyalelo. Ukuba kuyenzeka kurhoxiswe, kuya kuvalwa ukufikelela kwakho kwezo ziqulatho zayamene noku.

Sisenokuvala ukufikelela kwakho kwiziqulatho ezayamene ne-akhawunti yakho ngaso nasiphi na isizathu. Sisenokususa okanye sivale iigeyimu, ii-aplikheshini, iziqulatho okanye iinkonzo kwisixhobo sakho ukuze sikhusele iVenkile okanye abanye abantu abasenokuchaphazeleka. Ezinye iziqulatho zisenokungafumaneki ngamaxesha athile okanye zingabonelelwa ngexesha elisikelweyo. Ukufumaneka kungachatshazelwa yinqila. Ngoko, ukuba utshintshela i-akhawunti yakho okanye isixhobo sakho kwenye inqila, usenokungakwazi ukuphinda ukhuphele iziqulatho okanye ii-aplikheshini obuzihlawulele kwinqila yakho yangaphambili. Ngaphandle kwakangangoko kuvunyelwe ngumthetho ofanelekileyo, asibophelelekanga ukuba sikubonelele ngokuphinda ukhuphele okanye ngokukubuyisela naziphi na iziqulatho okanye ii-aplikheshini ozithengileyo.

11. Uhlaziyo. Ukuba oku kufanelekile, u-Microsoft uya kukhangela ngokuzenzekelayo aze ekhuphele uhlaziyo lwee-aplikheshini zakho, nokuba awusayinelanga ukungena eVenkileni. Ungatshintsha iisethingi zakho ukuba ukhetha ukungafumani uhlaziyo oluzenzekelayo kwii-apps zeVenkile. Ukanti, ezinye ii-app ze-Office Store ezihowustwa onlayini ngokuphleleyo okanye ngokungaphelelanga, zisenokuhlaziywa nanini na ngumphuhlisi we-app kwaye zisenokungafuni imvume yakho ukuze zihlaziywe.

12. IiLayisensi zeSoftwe naMalungelo okuSebenzisa. Isoftwe kunye nezinye iziqulatho ezidijithali ezenziwa zifumaneke ngesi Store ziyalayisenswa, awuzithengiselwa. Ii-aplikheshini ezikhutshelwe ngqo ukusuka eVenkileni ziphantsi kweMimiselo yeLayisensi ye-Aplikheshini eQhelekileyo (Standard Application License Terms - "SALT") efumaneka ku- [https://go.microsoft.com/fwlink/p/?linkid=838610&clcid=0x0434], ngaphandle kokuba kunikezelwe ngeMimiselo eyahlukileyo yelayisensi kunye ne-aplikheshini. (Ii-aplikheshini ezikhutshelwe ukusuka kwi-Office Store azilawulwa yi-SALT kwaye zineMimiselo yelayisensi eyahlukeneyo.) Ii-Apps, iigeyimu kunye neziqulatho ezidijithali ezifunyenwe ngevenkile ziphantsi kwemigaqo yokusebenzisa ebekwe ku-https://go.microsoft.com/fwlink/p/?LinkId=723143. Uyayiqonda kwaye uyamkela into yokuba amalungelo akho ngokuphathelele kwizinto ezidijithali anyiniwe yile Mimiselo yokuThengisa, ngumthetho wamalungelo ekopi kunye nemigaqo yokusebenzisa ekubhekiswe kuyo apha ngentla. Iilayisensi zesoftwe ezithengwe kwi-Microsoft Retail Store ziphantsi kwesivumelwano selayisensi esikhapha loo softwe, kwaye kuya kufuneka uvumelane neso sivumelwano selayisensi xa u-instola loo softwe. Nakuphi na ukuphinda kuveliswe okanye kuhanjiswe kwesoftwe okanye kwezinto ezithengiweyo ngokungahambelani neMimiselo yelayisensi efanelekileyo, imigaqo yokusebenzisa, kunye nomthetho osebenzayo akuvunyelwanga ngokucacileyo kwaye kungakhokelela kwizohlwayo ezimandundu zokudliwa nezolwaphulo-mthetho. Abophuli bale mithetho bangatshutshiswa kangangoko umthetho ukuvumela oku.

NCEDA UQHAGAMSHELANE NE-MICROSOFT RETAIL STORE (NJENGOKO KUCHAZIWE KWIZAZISO KUNYE NOTHUNGELWANO KWICANDELO ELINGEZANTSI) UKUBA UNGATHANDA IKOPI YESIVUMELWANO SELAYISENSI ESIFANELEKILEYO NGESOFTWE ESEBHOKISINI, NGAPHANDLE KWEENDLEKO, NGAPHAMBI KOKUBA UVULE NAYIPHI NA IPAKETHE YESOFTWE.

EMINYE IMIMISELO NEMIQATHANGO. Ukongeza kwisoftwe nezinye iimveliso ezinokukhutshelwa, ezinye iimveliso neenkonzo ezifumanekayo ukuba zingathengwa okanye zilingwe eVenkileni nazo ungabonelelwa ngazo ngokuxhomekeke kwizivumelwano zomsebenzisi ezahlukeneyo, kwiMimiselo yokusebenzisa, kwiMimiselo yeenkonzo okanye kweminye imimiselo nemiqathango. Ukuba uyazithenga okanye uyazisebenzisa ezo mveliso, kusenokufuneka ukuba wamkele loo Mimiselo njengomqathango wokuthenga, woku-instolwa okanye wokusebenzisa.

KULUNGISELELA WENA, U-MICROSOFT USENOKWENZA KUFUMANEKE IZIXHOBO KUNYE NEZINTO EZISETYENZISWAYO ESENZELA UKUBA ZISETYENZISWE KWAYE/OKANYE ZIKHUTSHELWE ZIBE ZINGEYONXALENYE YEMVELISO OKANYE YEENKONZO EZITHENGISWAYO. KANGANGOKO KUVUMELEKILE NGOKOMTHETHO OFANELEKILEYO, U-MICROSOFT AKENZI NAKUPHI UKUZIMELA, IIWARANTI OKANYE IZIQINISEKISO MAYELANA NOKUCHANEKA KWEZIPHUMO OKANYE IZINTO EZIVELISWA ZEZI ZIXHOBO OKANYE EZI ZINTO ZOKUSEBENZA.

Nceda uhloniphe amalungelo obutyebi obuveliswe ngeengqondo zabanye xa usebenzisa ezi zixhobo kunye nezinto zokusebenza ezenziwe zafumaneka ngVenkile, okanye kwisoftwe okanye kwizinto ezithengiswayo.

13. IiKhowudi zeSoftwe neZinto eziKhutshelwayo zeziQulatho. Isoftwe ethile kunye neziqulatho zihanjiswa kuwe ngokwenza ilinki yokukhuphela ifumaneke kwi-akhawunti yakho ka-Microsoft ayayamene noku kuthenga kwakho. Ngokuxhomekeke kulo mhlathi ungezantsi, siqhele ukuyigcina le linki yokukhuphela kunye nesitshixo esidijithali esimayelana nayo ngezi zinto uzithengileyo kwi-akhawunti yakho ka-Microsoft kanganeminyaka emi-3 emva komhla wokuthenga, kodwa asithembisi ukuzigcina kangangalo naliphi ixesha elithile. Ngeemveliso zobulungu ezihanjiswa ngokunikezelwa kwelinki yokukhuphela, kusenokubakho iMimiselo yokusebenzisa kunye namalungelo okugcina awohlukileyo, oya kuthi ubenakho ukuwahlola uze uwavume ngexesha lokubhalisa kwakho.

Uyavuma ukuba singayirhoxisa okanye siyilungisa nanini na inkqubo yethu yokugcina ngesitshixo sedijithali. Ukwavuma nokuba sisenokuyeka ukuxhasa ukugcinwa kwezitshixo ngemveliso enye okanye ngaphezulu nanini na nangasiphi na isizathu, kuquka, umzekelo, ekupheleni kwexesha lokuxhasa imveliso, oya kuthi emva koko ungakwazi ukuphinda ubenakho ukufikelela kwilinki yokukhuphela okanye kwisitshixo esidijithali. Ukuba siyayirhoxisa okanye siyilungise inkqubo yethu kangangokuba ungabinakho ukuphinda ufikelele kwilinki yokukhuphela okanye kwizitshixo zedijithali kwi-akhawunti yakho, siya kukubonelela ngesaziso kwiintsuku ezingama-90 kwangaphambili sisebenzisa iinkcukacha zoqhagamshelwano ezimayelena ne-akhawunti ka-Microsoft.

14. Amaxabiso. Ukuba sineVenkile yoShishino ka-Microsoft kwilizwe okanye kwinqila yakho, amaxabiso, iimveliso ezinokukhethwa kunye neepromowushini ezikhoyo zisenokwahluka kwezo zeVenkile e-onlayini. Kangoko umthetho ofanelekileyo ukuvumela oku, u-Microsoft akaqinisekisi ukuba ixabiso, imveliso okanye ipromowushini enikezelwa onlayini iya kufumaneka okanye ihlonitshwe nakwi-Microsoft Retail Store kunjalo naxa izinto zijikiwe.

IVenkile ayinasiqinisekiso sokulungiswa kwamaxabiso ahambelane. Asisayi kulungisa amaxabiso ahambelane nakwiintengiso zabanye abathengisi ngezinto ezifanayo.

Sisenokubonelelo ngokhetho loku-odola kwangaphambili ezinye iimveliso ngaphambi komhla wokufumaneka kwazo. Ukuze ufunde nangakumbi ngeepolisi zethu zoku-odola kwangaphambili, nceda ujonge ipheyiji yethu yoku-Odola Kwangaphambili https://go.microsoft.com/fwlink/p/?linkid=834935&clcid=0x0434.

Ngaphandle kokuba uchazelwe ngokwahlukileyo, amaxabiso aboniswe eVenkileni akafakwanga rhafu okanye iintlawulo ("Irhafu") ezisenokusebenza kwizinto ozithengileyo. Amaxabiso aboniswe eVenkileni akafakwanga neendleko zokuhambisa imveliso. Iindleko zerhafu nezokuhambisa imveliso (ezisetyenziswayo) ziya kongezwa kwimali othenge ngayo zize ziboniswe kwisliphu. Nguwe kuphela onoxanduva lokuhlawulela iRhafu kunye neendleko.

Ngokuxhomekeke kwindawo okuyo, eminye imisebenzi ingafuna ukuguqulwa kweemali zangaphandle okanye zisetyenzwe kwelinye ilizwe. Ibhanki yakho ingakubiza iintlawulo ezongezelelweyo ngeenkonzo apho usebenzisa ikhredit khadi okanye idebhit khadi. Nceda uqhagamshelane nebhanki yakho ukuze ufumane iinkcukacha.

15. Ukhetho loHlaziyo oluZenzekelayo. Nje ukuba uhlaziyo oluzenzekelayo luvumelekile kwilizwe lakho, kwinqila yakho, kwiphondo/kummandla wakho, okanye kwiqumrhu lakho, ungakhetha ukuba iimveliso okanye iinkonzo zihlaziywe ngokuzenzekelayo ekupheleni kwexesha eliqingqiweyo leenkonzo. Ukuba ukhethe ukuhlaziya imveliso okanye iinkonzo zakho ngokuzenzekelayo, sisenokuyihlaziya ngokuzenzekelayo imveliso okanye iinkonzo ekupheleni kweexesha leenkonzo elimiyo size sikubize ixabiso lelo xesha ngeli xesha uhlaziyelwa lona, ngaphandle kokuba ukhethe ukuyirhoxisa imveliso okanye iinkonzo njengoko kuchaziwe apha ngezantsi. Siya kukuhlawulisa ngendlela yakho yokuhlawula oyikhethileyo ngolu hlaziyo, nokuba ibikwifayile ngomhla wokuhlaziya okanye inikezelwe ekuhambeni kwexesha. Usenokuzirhoxisa iimveliso okanye iinkonzo ngaphambi komhla wokuhlaziya. Kumele urhoxise phambi komhla wokuhlaziya ukuze uphephe ukuhlawuliselwa ukuhlaziya.

16. Ipolisi yokuJikisa. Siya kuzamkela izinto ezibuyiswayo nezitshintshwayo ngeemveliso ezilungele oku kwiintsuku ezili-14 ukusukela kumhla wokuthenga okanye wokukhuphela, leyo ifanelekileyo. Vela ubuyise le mveliso ilungele oku kwimeko efana nentsha kwaye kwipakethi yayo yoqobo, kunye nazo zonke izinto zayo, amalungu, iimanyuwali zemiyalelo kunye namaxwebhu ebequkiwe kwasekuqaleni. Le Polisi yokuJikisa ayichaphazeli nawaphi amalungelo ezomthetho asebenzayo kwizinto ozithengileyo.

Isoftwe kunye neegeyimu ezisepakethini kumele zibuyiswe kunye nesiciko sazo sisavaliwe kwaye kumele ziquke yonke imidiya kunye nezitshixo zemveliso. Umahluko ongephi, kukuba iipakethe zesoftwe kunye neegeyimu ezivuliweyo zingabuyisw ngexesha lokubuyisa ukuba awuvumelwani nesivimelwano selayisensi, kodwa kuphela ukuba awukhange wenze iikopi okanye uzisebenzise.

Ezinye izinto azifanelanga ukuba zibuyiswe; ngaphandle kokuba umthetho okanye isibonelelo esithile sithetha into eyahlukileyo, zonke izinto ezithengiweyo zezi ntlobo zemveliso ziphelele kwaye ayibuyiswa intlawulo yazo:

ii-app, iigeyimu, iziqulatho ezikwi-app kunye nobulungu, umculo, iifilimu, iinkqubo ze-TV, neziqulatho ezayameneyo;

amakhadi ezipho kunye namakhadi eenkonzo/obulungu (umz., i-Skype, i-Xbox Live, i-Groove Music Pass);

iimveliso ezilungiselelwe loo mntu wazo okanye ezilungiselwe ezo mfuno;

iimveliso ezikhethekileyo ezi-odolwayo, ukuba azikho kwipromowushini yeVenkile;

iimveliso ze-random access memory ("RAM");

iinkonzo ezenziweyo okanye ezisetyenzisiweyo; kunye

nezinto ezipheliswayo okanye ezo ziphawulwe ngelebhuli efana no-"Final Sale" okanye no-"Non-Returnable".

Xa ubuyisa into ekulungeleyo ukubuyiswa, siya kukunika imali epheleleyo, kutsalwe iintlawulo zokuqala zokuthumela nokuphatha (ukuba zikhona), kwaye uya kuthi ufumane imbuyekezo yakho ngokwesiqhelo kwiintsuku zoshishino ezi-3-5. Nayiphi na imali ebuyiswayo iya kufakwa kwakula akhawunti inye, kwaye kusetyenziswa la ndlela inye yokuhlawula, le isetyenziswe ukwenza i-odolo (ngaphandle kokuba ukhetha ikhredithi yeVenkile ngale mali ibuyiswayo).

Ngeenkcukacha ezipheleleyo ngendlela yokubuyisa iimveliso ezilungele oku, jonga ipheyiji yokuJikisa nokuBuyekezwa https://go.microsoft.com/fwlink/p/?linkid=723276&clcid=0x0434.

Ukuba uhlala e-Taiwan, nceda uqaphele ukuba ngokoMthetho woKhuselo lwaBaxumi base-Taiwan kunye nemigaqo yawo efanelekileyo, konke okuthengwayo okuphathelele kwiziqulatho zedijithali ezinikezelwe ngesimo esingabambekiyo kunye/okanye ngeenkonzo ezi-onlayini ziphelele kwaye azibuyiswa ukuba eso siqulatho sinikezelwe onlayni. Awuvumelekanga ukuba ubange naliphi na ixesha lokuphumla okanye nakuphi na ukubuyekezwa.

17. Iintlawulo eziza kuWe. Ukuba sikutyala intlawulo, uyavuma ukusinika kwangexesha nangokuchanekileyo naziphi na iinkcukacha esizidingayo ukuze sikunike loo ntlawulo. Nguwe onoxanduva lwayo nayiphi irhafu kunye neentlawulo ezisenokubakho ngenxa yale ntlawulo iza kuwe. Kangangoko umthetho ofanelekileyo ukuvumela oku, kumele uthobele neminye imiqathango esiyibekayo kwilungelo lakho kuyo nayiphi intlawulo. Ukuba ufumene intlawulo ngempazamo, singayijikisa okanye sicele uyibuyise loo ntlawulo. Uyavuma ukusebenzisana nathi kwezi nzame zethu zokwenza oku. Sisenakho nokuyithoba intlawulo eza kuwe ngaphandle kokukwazisa ukuze silungise nayiphi na intlawulo egqithisileyo yangaphambili.

18. Amakhadi eZipho. Amakhadi eziphu athengwe kwi-Microsoft Retail Store alawulwa siSivumelwano seKhadi leSipho eliThengiswayo esifumaneka ku-https://www.microsoftstore.com/store/msusa/html/pbPage.Help_Retail_Stores#GiftCards.

Inkcazelo ngamakhadi esipho ka-Skype iyafumaneka kwipheyiji yoNcedo ka-Skype (https://support.skype.com/en/faq/FA12197/what-is-a-skype-gift-card-and-where-can-i-buy-one).

Ukutshintshisa nokusebenzisa amanye amakhadi ezipho ka-Microsoft kulawulwa ngemimiselo nemiqathango amaKhadi eZipho ka-Microsoft (https://commerce.microsoft.com/PaymentHub/Help/Show/toc_link_no_62).

19. IiNkonzo zaBathengi. Nceda utyelele iipheyiji yethu yokuThengisa neNkxaso https://go.microsoft.com/fwlink/p/?linkid=824761&clcid=0x0434 ngenkcazelo ethe vetshe malunga nokhetho lweenkonzo zabathengi.

IMimiselo JIKELELE

20. Ukutshintsha iMimiselo. U-Microsoft usenokutshintsha iMimiselo yokuThengisa nanini na kwaye ngaphandle kokukwazisa. IMimiselo yokuThengisa esetyenziswayo ngeli xesha ufaka i-odolo yakho iya kulawula le nto uyithengileyo kwaye isebenze njengesivumelwano esiphakathi kwethu ngale nto uyithengileyo. Ngaphambi kwento elandlayo oyithengayo, u-Microsoft usenokuba uyitshintshile iMimiselo yokuThengisa ngaphandle kokukwazisa. Nceda uhlole iMimiselo yokuThengisa qho utyelela eVenkileni. Sicebisa ukuba useyive okanye uprinte ikopi yeMimiselo yokuThengisa ukuze uyijonge xa uthenga into kwixesha elizayo.

21. IziThintelo zoBudala. Izithintelo zobudala zisenokubhekisa kukusebenzisa kwakho iVenkile, kuquka izinto ozithengileyo.

22. UbuMfihlo noKhuselo lweeNkcukacha zoKobuqu. Ubucala bakho bubalulekile kuthi. Sisebenzisa iinkcukacha ezithile esiziqokelela kuwe ukuze siphathe kwaye sibonelele iVenkile. Nceda ufunde iNgxelo yoBumfihlo yakwa-Microsoft njengoko ichaza iintlobo zeengcombolo esiziqokelela kuwe nakwizixhobo zakho ("Iingcombolo") nendlela esizisebenzisa ngazo iiNgcombolo zakho. INgxelo yoBumfihlo ikwachaza indlela abakwa-Microsoft abazisebenzisa ngayo iziqulatho zakho, ezilunxibelelo lwakho nabanye; izinto ozixhomayo okanye impendulo efakwe nguwe kwa-Microsoft ngeVenkile; neefayili, iifoto, amaxwebhu, i-odiyo, imisebenzi yedijithali, neevidiyo ozixhomayo, ozigcinayo okanye owabelana ngazo kwizixhobo zakho okanye ngeVenkile ("IZiqulatho Zakho"). Ngokusebenzisa iVenkile, uyakuvuma ngokucacileyo ukuqokelelwa, ukusetyenziswa nokutyhilwa kweziQulatho Zakho neDatha ngu-Microsoft, njengoko zichaziwe kwiNgxelo yoBumfihlo.

23. Umboniso weMveliso kunye neMibala. U-Microsoft uzama ukubonisa imibala yeemveliso kunye neefoto ngokuchanekileyo kodwa asinakuqinisekisa ukuba umbala owubonayo kwiskrini sesixhobo sakho okanye semonitha yakho uyakufana ncam nombala wemveliso.

24. Iimpazamo kuMboniso weVenkile. Sisebenza nzima ukuze sishicilele ulwazi oluchanekileyo, sihlaziye i-Venkile rhoqo, nokulungisa iimpazamo xa zifunyanisiwe. Kodwa ke, naziphi na iziqulatho eziseVenkileni zisenokuba azichanekanga okanye ziphelelwe lixesha nanini na. Sinelungelo lokwenza iinguqu eVenkileni nanini na, kuquka nakumaxabiso emveliso, iMimiselo yolwakhelo, izibonelelo kunye nokufumaneka kwayo.

25. Ukupheliswa kokuSetyenziswa okanye kokuFikelela. U-Microsoft usenokuphelisa i-akhawunti yakho okanye ukusebenzisa kwakho iVenkile nanini na ngaphandle kwesizathu, kuquka, ngaphandle kwezithintelo, ukuba wophule iMimiselo yokuThengisa okanye yeePolisi zeVenkile, okanye ukuba iVenkile asisekho phantsi ko-Microsoft. Ngokusebenzisa iVenkile, uyavuma ukuthwala uxanduva (ngokwale Mimiselo) ngazo naziphi na ii-odolo ozenzayo okanye ngeendelo ozenzileyo ngaphambi koko kupheliswa. u-microsoft usenokuhlawulisa, ayekise, okanye anqumamise ivenkile nanini na, nangasiphi na isizathu, nangaphandle kokukwazisa.

26. IziQinisekiso kunye neZithintelo zeeNdlela zokuZilungisa. KANGANGOKO UMTHETHO OFANELEKILEYO UKUVUMELA OKU, U-MICROSOFT KUNYE NABABONELELI BAKHE, ABAHAMBISI BEMVELISO, ABO BAPHINDA BAYITHENGISE KUNYE NABABONELELI BEZIQULATHO ABENZI ZIQINISEKISO ZICACILEYO OKANYE ZICINGELWAYO ZOKULUNGISA, ZIQINISEKISO ZEMVELISO, OKANYE MIQATHANGO, KUQUKA EYOKUTHENGISEKA, UBULUNGA OBANELISAYO, UKULUNGELA INJONGO ETHILE, IINZAME ZOMSEBENZI OMHLE, ITAYITILE OKANYE UKUNGOPHULI-MGAQO. IIMVELISO OKANYE IINKONZO EZITHENGISWAYO OKANYE EZIFUMANEKAYO EVENKILENI ZINEWARANTI, UKUBA IKHO, KUPHELA PHANTSI KWESIVUMELWANO SELAYISENSI OKANYE KWEEWARANTI ZOMVELISI EZIZIKHAPHAYO. NGAPHANDLE KWANJENGOKO ZIBONELELWE PHANTSI KWESIVUMELWANO SELAYISENSI ESIKHAPHAYO OKANYE KWEWARANTI YEMVELISO KWAYE ZIXHOMEKEKE KUMALUNGELO AKHO NGOKOMTHETHO:

NGOKUTHENGA NOKUSEBENZISA KWAKHO UZIBEKA NGOKWAKHO EMNGCIPHEKWENI;

SIBONELELA NGEEMVELISO KUNYE NEENKONZO "NJENGOKUBA ZINJALO", "NAZO ZONKE IZIPHAKO" "NANGOKUFUMANEKA KWAZO";

UTHABATHA UMNGCIPHEKO WOBULUNGA BAZO KUNYE NOKUSEBENZA KWAZO KAKUHLE; KWAYE

UTHABATHA IINDLEKO EZIPHELELEYO ZAKO KONKE UKUSEVISWA NOKULUNGISWA OKUFUNEKAYO.

U-MICROSOFT AKAKUQINISEKISI UKUCHANEKA OKANYE AMAXESHA OLWAZI OLUFUMANEKAYO EVENKILENI OKANYE KWIINKONZO. UYAVUMA UKUBA IINKQUBO ZEKHOMPYUTHA NEZOTHUNGELWANO NGEFOWUNI ZINAZO IZIPHAKO KWAYE ZIYONAKALA NGAMAXESHA ATHILE. ASIQINISEKISI UKUBA UKUFIKELELA EVENKILENI NAKWIINKONZO ZETHU AKUZUKUPHAZAMISEKA, KUZA KWENZEKA NGEXESHA, NGOKUKHUSELEKILEYO, OKANYE KUNGABI NAMPAZAMO, OKANYE AKUZUBAKHO KULAHLEKELWA ZIZIQULATHO.

Ukuba, nangona kukho le Mimiselo yokuThengisa, unaso nasiphi isizathu sokubuyekezwa ngomonakalo obangelwe okanye ONXULUMENE neVenkile, neeNkonzo, okanye nayiphi imveliso okanye iinkonzo ezinikezelwayo, KANGANGOKO KUVUNYELWE NGUMTHETHO OFANELEKILEYO, ukulungiswa kwakho wena wedwa kukubuyekezwa NGQO ngu-Microsoft okanye ngababoneleli be-ITS, abo baphinda bayithengise imveliso, abahambisi mveliso, kunye nababoneleli beziqulatho, umonakalo opheleleyo NGQO ukuya (1) kwixabiso okanye intlawulo yenyanga enye ngazo naziphi iinkonzo, ubulungu, okanye intlawulo efanayo (akuqukwa ixabiso lokuthenga ihadwe, isoftwe, inkxaso okanye iziqinisekiso ezandisiweyo), okanye (2) I-US $100.00 ukuba bekungekho ziinkonzo, bulungu okanye intlawulo efanayo.

USENOKUBA NAMALUNGELO ATHILE PHANTSI KOMTHETHO WASEKHAYA. AKUKHO NTO KWESI SIVUMELWANO ICHAPHAZELA LOO MALUNGELO, UKUBA AKHONA ASEBENZAYO.

Ngabasebenzisi abahlala e-New Zealand, nisenokuba namalungela phantsi koMthetho weZiqinisekiso zaBasebenzisi wase-New Zealand, kwaye akukho nto kule Mimiselo yokuThengisa eyenzelwa ukuba uchaphazele amalungelo akho.

27. Ukunyinwa kokuba neTyala. TO KANGANGOKO KUVUNYELWA NGUMTHETHO OFANELEKILEYO, UYAVUMA UKUBA AWUNAKUBUYEKEZWA NGOMNYE UMONAKALO OKANYE ILAHLEKO, KUQUKA ILAHLEKO ESISIPHUMO SALOO NTO, EKHETHEKILEYO, EGWEGWELEZAYO, ENXULUMENEYO OKANYE ESISOHLWAYO, OKANYE INGENISO ELAHLEKILEYO. Izithintelo kunye nokubekelwa ecaleni KUMACANDELO 26 NO-27 ziyasebenza nokuba ufumene umonakalo kwaye nokuba besisazi okanye bekumele siyazi ukuba loo monakalo ungenzeka. AMANYE AMAQUMRHU OKANYE AMAPHONDO/imimandla AKAKUVUMELI UKUBEKELWA ECALENI KOMONAKALO ONXULUMENEYO OKANYE OSISIPHUMO SALOO NTO, NGOKO ESI SITHINTELO OKANYE OKU KUBEKWA ECALENI KUNGENTLA KUSENOKUNGABHEKISI KUWE.

Ngobukhulu obukangangoko kuvunyelwa ngumthetho ofanelekileyo, ezi zithintelo noku kubekwa ecaleni kubhekisa kuwo ONKE AMABANGO, PHANTSI KWAYO NAYIPHI INGCAMANGO YEZOMTHETHO, mayelana neVenkile, neeNkonzo, le Mimiselo yokuthengisa, okanye nayiphi imveliso okanye iinkonzo ezibonelelwayo, kuquka nelahleko yeziqulatho, nayiphi ivayirasi OKANYE I-MALWARE echaphezela ukusebenzisa kwakho iVenkile okanye iiNkonzo OKANYE NAYIPHI IMVELISO OKANYE IINKONZO OZIFUMENE EVENKILENI; KUNYE nokulibaziseka okanye ukusilela ukuqalisa okanye ukugqibezela ukuthumela okanye unaniselwano.

28. Ukutolika Le Mimiselo. Zonke iindawo zale Mimiselo yokuThengisa zibhekisa kowona mlinganiselo omkhulu kangangoko kuvunyelwe ngumthetho ofanelekileyo; usenokuba namalungela angaphezulu kwimida yomthetho yendawo ohlala kuyo (okanye, ukuba ishishini, indawo eyintloko apho ishishini likhoyo). Ukuba kufumaniseke ukuba asikwazi kuzinyanzelisa ezi ndawo zale Mimiselo yokuThengisa njengoko zibhaliwe, sisenokubeka eminye iMimiselo efanayo endaweni yayo kangangoko kunokunyanzeliswa ngumthetho ofanelekileyo, kodwa eminye yale Mimiselo yokuThengisa iseleyo ayisayi kutshintsha. Le Mimiselo yokuThengisa yenzelwe wena nathi kuphela; ayenzelwanga nowuphi omnye umntu, ngaphandle kwabaphathi abalandelayo nabathunyelwe ngu-Microsoft. Eminye iMimiselo isenokusebenza ukuba uthenga iimveliso okanye iinkonzo kwiiwebhusayithi zika-Microsoft.

29. Ukunikezela. Kangangoko kuvunyelwe ngumthetho ofanelekileyo, sisenokunikezela, sigqithisele okanye siwalahle amalungelo ethu kunye nezibophelelo phantsi kweMimiselo yokuThengisa, ngokupheleleyo okanye ngokungaphelelanga, nanini na ngaphandle kokukwazisa. Wena awunakunikezela okanye uwagqithisele nawaphi amalungelo phantsi kwale Mimiselo yokuThengisa.

30. Izaziso noThungelwano. Ngemibuzo yenkxaso yabathengi, nceda ujonge ipheyiji yokuThengisa neNkxaso eVenkileni. Ngeengxwaba-ngxwaba, landela inkqubo yezaziso kweli candelo.

31. Inkampani eneSivumelwano, Ukhetho loMthetho kunye neNdawo yokuSombulula iiNgxwaba-ngxwaba.

a. IMelika eseMantla okanye eseMazantsi ngaphandle kwe-United States ne-Canada. Ukuba uhlala (okanye, ukuba ishishini, indawo eyintloko yeshishini lakho ise-) eMelika eseMantla okanye eseMazantsi ngaphandle kwe-United States nase-Canada, wenza isivumelwano no-Microsoft Corporation, One Microsoft Way, Redmond, WA 98052, U.S.A. Umthetho weQumrhu lase-Washington ulawula ukutolikwa kwale Mimiselo yokuThengisa kunye namabango okophulwa kwayo, nokuba ukhethe iinqobo zowuphi umthetho. Imithethoyelizwe apho silawula khona iVenkile neeNkonzo iya kulawula onke amanye amabango (kuquka namabango okhuselo lwabathengi, okhuphiswano ngendlela enganabulungisa, nawezenzo ezibi).

b. E-Middle East okanye e-Afrika. Ukuba uhlala (okanye, ukuba ishishini, indawo eyintloko yeshishini lakho ise-) e-Middle East okanye e-Afrika, wenza isivumelwano no-Microsoft Ireland Operations Limited, The Atrium Building, Block B, Carmanhall Road, Sandyford Industrial Estate, Dublin 18, Ireland. Imithetho yase-Ireland ilawula ukutolikwa kwale Mimiselo yokuThengisa kunye namabango okophulwa kwayo, nokuba ukhethe iinqobo zowuphi umthetho. Imithetho yelizwe apho silawula khona iVenkile neeNkonzo iya kulawula onke amanye amabango (kuquka namabango okhuselo lwabathengi, okhuphiswano ngendlela enganabulungisa, nawezenzo ezibi). Wena kunye nathi siyavumelana unaphakade ngemida yezomthetho eyeyethu sodwa kunye nendawo yenkundla yase-Ireland ngayo yonke ingxwaba-ngxwaba evela ngenxa okanye enxulumene neMimiselo yokuThengisa okanye neVenkile.

c. E-Asia okanye e-South Pacific, ngaphandle kwala mazwe abizwe apha ngezantsi. Ukuba uhlala (okanye, ukuba ishishini, indawo eyintloko yeshishini lakho ise-) e-Eshiya (ngaphandle kwaseTshayina, e-Japan, kwi-Republic of Korea okanye e-Taiwan), wenza isivumelwano kunye no-Microsoft Regional Sales Corporation, ikoporotyeni eququzelelwe phantsi kwemithetho yeQumrhu lase-Nevada, e-U.S.A., elinamasebe e-Singapore nase-Hong Kong, ibe indawo eyintloko yoshishino ikwa-438B Alexandra Road, #04-09/12, Block B, Alexandra Technopark, Singapore, 119968. Umthetho wase-Washington State ulawula ukutolikwa kwale Mimiselo kunye namabango okungathotyelwa kwayo, akukhathalisekanga nokuba kukho ungquzulwano lweenkolelo zemithetho. Imithetho yelizwe esisa kuyo iVenkile ilawula onke amanye amabango (kuquka ukhuseleko lomthengi, ukhuphiswano olungenabulungisa, namabango embambano). Nayiphina imbambano esuka ku okanye enxulumene nale Mimiselo yokuThengisa okanye neVenkile, kuquka nawuphina umbuzo ongobukho bazo, ukusebenza okanye ukupheliswa, iya kuthunyelwa eSingapore ize ekugqibeleni isonjululwe ngolamlo ngokweMigaqo yoLamlo ye-Singapore International Arbitration Center (i-SIAC), imigaqo yayo ethathwa njengedityanisiweyo ngokubhekisa kweli solotya. INkundla yamatyala iyakuquka umlamli omnye ozakunyulwa nguMongameli we-SIAC. Ulwimi lolamlo luyakuba sisiNgesi. Isigqibo somlamli iyakuba sesokugqibela, sibophelele, singaphikiswa, kwaye singasetyenziswa njengesiseko sokugweba kulo naliphina ilizwe okanye ingingqi.

d. E-Japan. Ukuba uhlala (okanye, ukuba ishishini, indawo eyintloko yeshishini lakho ise-) e-Japan, wenza isivumelwano kunye no-Microsoft Japan Co., Ltd (MSKK), Shinagawa Grand Central Tower, 2-16-3 Konan Minato-ku, Tokyo 108-0075. Imithetho yase-Japan ilawula le Mimiselo yokuThengisa kunye nayiphi imiba evela okanye enxulumene nayo okanye neVenkile.

e. E-Republic of Korea. Ukuba uhlala (okanye, ukuba ishishini, indawo eyintloko yeshishini lakho ise-) e-Republic of Korea, wenza isivumelwano kunye no-Microsoft Korea, Inc., 11th Floor, Tower A, K-Twin Tower, Jongro 1 gil 50, Jongro-gu, Seoul, Republic of Korea, 110-150. Imithetho ye-Republic of Korea ilawula le Mimiselo yokuThengisa kunye nayiphi imiba evela okanye enxulumene nayo okanye neVenkile.

f. E-Taiwan. Ukuba uhlala (okanye, ukuba ishishini, indawo eyintloko yeshishini lakho ise-) e-Taiwan, wenza isivumelwano kunye no-Microsoft Taiwan Corporation, 18F, No. 68, Sec. 5, Zhongxiao E. Rd., Xinyi District, Taipei 11065, Taiwan. Imithetho yase-Taiwan ilawula le Mimiselo yokuThengisa kunye nayiphi imiba evela okanye enxulumene nayo okanye neVenkile. Ngeenkcukacha ezithe vetshe malunga no-Microsoft Taiwan Corporation, nceda ujonge iwebhusayithi ebonelelwa liSebe loMphathiswa weMiba yeZoqoqosho R.O.C. (https://gcis.nat.gov.tw/main/index.jsp). Wena kunye nathi sibeka unaphakade iNkundla yeSithili sase-Taiwan Taipei njengenkundla ekuqalwa kuyo enomida yezomthetho kuzo naziphi iingxwaba-ngxwaba ezivela okanye ezinxulumene nale Mimiselo okanye neVenkile, ngomlinganiselo omkhulu kangangoku kuvunyelwa yimithetho yase-Taiwan.

32. Izaziso.

a. Izaziso kunye neenkqubo zokwenza amabango ngokophulwa kwemithetho yobutyebi obuveliswe ngengqondo. U-Microsoft uyawahlonipha amalungelo obutyebi obuveliswe ngengqondo babanye abantu. Ukuba unqwenela ukuthumela isaziso sokophulwa komthetho wobutyebi obuveliswe ngengqondo, kuquka amabango okophulwa komthetho wamalungelo ekopi, nceda usebenzise iinkqubo zethu zokungenisa iSaziso Sokophulwa koMthetho (https://www.microsoft.com/info/cpyrtInfrg.aspx). YONKE IMIBUZO ENGENXULUMENANGA NALE NKQUBO AYISAYI KUFUMANA MPENDULO.

U-Microsoft usebenzisa ezi nkqubo zidandalaziswe kuTayitile 17, ngeKhowudi yaseMelika, kwiCandelo 512 ukuze aphendule izaziso zokophulwa kwelungelo lekopi. Kwiimeko ezifanelekileyo, u-Microsoft usenokuvala okanye ayekise ii-akhawunti zabasebenzisi beenkonzo zika-Microsoft abaphindayo ukophula umthetho.

b. Izaziso zeLungelo leKopi noPhawu loRhwebo.

Zonke iziqulatho zeVenkile neeNkonzo zine-Copyright ©2016 Microsoft Corporation kunye/okanye nababoneleli bakhe kunye nezinye iinkampani ezingabaniki-nkonzo, U-One Microsoft Way, Redmond, WA 98052, USA. Onke amalungelo alondoloziwe. Thina okanye ababoneleli bethu nezinye iinkampani zabaniki-nkonzo singabanini betayitile, belungelo lekopi, kunye namanye amalungelo obutyebi obuveliswe ngengqondo obuseVenkileni, kwiiNkonzo neziqulatho. U-Microsoft kunye namagama, iilogo kunye nee-ayikhoni zazo zonke iimveliso neenkonzo zika-Microsoft zisenokuba luphawu lorhwebo okanye luphawu lorhwebo olubhalisiweyo luka-Microsoft e-United States, e-Canada kunye/okanye kwamanye amazwe.

Uluhlu lweempawu zorhwebo zika-Microsoft lungafunyanwa ku-: https://www.microsoft.com/trademarks. Amagama ezona nkampani kunye neemveliso asenokuba ziimpawu zorhwebo zabanini bazo. Nawaphi na amalungelo anganikezelwanga ngokucacileyo kule Mimiselo yokuThengisa alondoloziwe.

33. ISilumkiso soKhuselo. Ukuze uphephe ukonzakala, ukuphatheka kakubi okanye ukuxhamleka kwamehlo okunokwenzeka, kufanele uthathe ikhefu ngamaxesha athile usuke kwiigeyimu nakwezinye ii-aplikheshini, ingakumbi ukuba uva iintlungu okanye ukudinwa ngenxa yokuzisebenzisa. Ukuba uziva ungaphathekanga kakuhle, thatha ikhefu. Ukungaphatheki kakuhle kuquka ukuziva unesicaphucaphu, unencilikithi, unesiyezi, udidekile, unentloko ebuhlungu, udiniwe, uxhamleka amehlo okanye amehlo akho omile. Ukusebenzisa ii-aplikheshini kungakuphazamisa okanye kukusithe kwizinto ezikungqongileyo. Phepha izinto ezinokukuwisa, izitephu, iisilingi ezisezantsi, izinto ezophukayo okanye zexabiso ezinokonakala. Yipersenti encinci kakhulu yabantu abanganohlaselo xa bebone imifanekiso ethile efana nezibane ezidanyazayo okanye iipateni ezingabonakala kwii-aplikeshini. Kwanabantu abangenayo imbali yohlaselo banganemeko engaxilongwanga engabangela uhlaselo. Iimpawu zingabandakanya ubudizi, ukubona ngenye indlela, ukudikizela, uxhuzulo okanye ukungcangcazela kwamalungu omzimba, ukubangathi ulahlekile, ukudideka, ukungabikho sezingqondweni okanye ukuzanyazanyiswa. Kwangoko yeka uyisebenzisa uze udibane nogqirha ukuba uthe wanayo nokuba yeyiphina kwezimpawu, okanye udibane nogqirha wakho phambi kokuba usebenzise ii-aplikeshini ukuba wakhe wanazo iimpawu ezinento yokwenza nohlaselo. Abazali kufanele bahlole ukusebenzisa kwabantwana babo imifuziselo yeempawu ze-aplikeshini.

 Ingxelo yesayithi