UBumfihlo Bakho
1. UBumfihlo Bakho. Ubumfihlo bakho bubalulekile kuthi. Nceda ufunde iNgxelo yoBumfihlo yakwa-Microsoft (https://go.microsoft.com/fwlink/?LinkId=521839) ("iNgxelo Yobumfihlo") njengoko ichaza iintlobo zedatha esiziqokelela kuwe nakwizixhobo zakho ("Idatha"), nendlela esiyisebenzisa ngayo idatha yakho kunye nesiseko sezomthetho esisebenza ngaso iDatha yakho. INgxelo yoBumfihlo ikwachaza indlela abakwa-Microsoft abazisebenzisa ngayo iziqulatho zakho, ezilunxibelelo lwakho nabanye; izinto ozixhomayo ezifakwe nguwe kwa-Microsoft ngeeNkonzo; neefayili, iifoto, amaxwebhu, i-odiyo, imisebenzi yedijithali, ukustrima ngqo neevidiyo ozixhomayo, ozigcinayo, ozisasazayo, ozenzayo, ozivelisayo okanye owabelana ngazo ngeeNkonzo, okanye izinto ozingenisayo ukuze wenze isiqulatho sakho ("IZiqulatho Zakho"). Apho ukusetyenzwa kusekelwe kwimvume nakangangoko kuvumelekile ngokomthetho, ngokuvuma le Mimiselo, unika imvume kuqokelelo lakwa-Microsoft, ukusetyenziswa nokubhengezwa kweZiqulatho Zakho neDatha njengoko zichaziwe kwiiNgxelo zoBumfihlo. Kwezinye iimeko, siya kunikezela ngesaziso esohlukeneyo size sicele imvume yakho njengoko kukhankanyiwe kwiNgxelo yoBumfihlo.
Iziqulatho Zakho
2. Iziqulatho Zakho. Uninzi lweeNkonzo zethu zikuvumela ukuba wenze, ugcine okanye wabelane ngeZiqulatho Zakho okanye wamkele imathiriyali evela kwabanye. Asibangi bumnini beZiqulatho Zakho. IZiqulatho Zakho zihlala zizezakho kwaye unoxanduva lwazo.
- a. Xa usabelana ngeZiqulatho Zakho nabanye abantu, uyayiqonda into yokuba basenokukwazi, kwihlabathi liphela, ukusebenzisa, bagcine, barekhode, baphinde bavelise, basasaze, bagqithisele, babelane kwaye babonise iZiqulatho zakho ngaphandle kokukubuyekeza. Ukuba awufuni abanye ukuba bakwazi, musa ukusebenzisa iiNkonzo zokwabelana ngeZiqulatho Zakho. Uthi kwaye uyaqinisekisa ukuba ngeli xesha lale Mimiselo, unawo (kwaye uya kubanawo) onke amalungelo afunekayo ngeZiqulatho Zakho ezilayishiweyo, ezigciniweyo, okanye ekwabelwane ngazo kwiiNkonzo okanye ngeeNkonzo kwaye nokuba ingqokelela, ukusetyenziswa kunye nokugcinwa kweZiqulatho Zakho akusayi kophula nawuphi umthetho okanye amalungelo abanye. U-Microsoft ayingomnini, akalawuli, akaqinisekisi, akahlawuleli, akangqini okanye ngenye indlela athathe nabuphina ubutyala beZiqulatho Zakho kwaye akanakuthwaliswa uxanduva lweZiqulatho Zakho okanye imathiriyali yabanye, yokulayisha, yogcina okanye yokwabelana usebenzisa iiNkonzo.
- b. Kangangokuba kuyimfuneko yokubonelela iiNkonzo kuwe nakwabanye, ukhuselwe nezinye iiNkonzo, nokuphucula iimveliso neenkonzo zika-Microsoft, unika u-Microsoft iphepha-mvume lehlabathi elingenamali ezakuhlawulwa kuwe yamalungelo awodwa omnini ukuba asebenzise iZiqulatho Zakho, umzekelo, ukwenza iikopi, agcine, agqithisele, atshintshe imo, abonise aze ahambise ngezixhobo zonxibelelwano iZiqulatho Zakho kwiiNkonzo. Ukuba upapasha iZiqulatho Zakho kwiindawo zeNkonzo apho ifumaneka ngokubanzi kwi-intanethi ngaphandle kweminyino, iZiqulatho Zakho zingabonakala kwimiboniso okanye kwiimathiriyali ezikhuthaza iNkonzo. Ezinye zeeNkonzo zixhaswa yintengiso. Ulawulo lwendlela u-Microsoft enza intengiso ibeyeyesiqu ifumaneka ku https://choice.live.com. Asisebenzisi oko ukuthetha kwi-imeyili, kwincoko, kwiminxeba yevidiyo, kwimeyili yelizwi, okanye kumaxwebhu akho, kwiifoto, okanye kwezinye iifayili zesiqu ukujolisa ukuthengisela wena. Imigaqo-nkqubo yethu inatyisiwe kwiNgxelo yoBumfihlo.
- c. U-Microsoft wenza ukuba ukwazi ukufikelela idatha enokukhutshelwa ngokusebenzisa ideshibhodi yakwa-Microsoft yabucala (https://account.microsoft.com/privacy) okanye ngokusebenzisa enoba yiwebhusayithi okanye yiaplikeyishini yemveliso xa ungqinisiswe kwiakhawunti yakho yakwa-Microsoft. Le datha enokukhutshelwa inokusetyenziswa ukuze utshintshele kwiinkonzo zomboneleli oliqela langaphandle. U-Microsoft ugcina ilungelo lokulinganisela ukukhutshelwa kwedatha enokubeka esichengeni ukhuseleko lweenkonzo okanye ipropahti yobugcisa yakwa-Microsoft. Ukuba awukwazi kukhuphela idatha yakho usebenzisa la maqonga, qhagamshelana noMicrosoft kwidilesi efumaneka Indlela yokuqhagamshelana nathi nangokuthi (https://privacy.microsoft.com/privacystatement#mainhowtocontactusmodule) okanye ngokusebenzisa ifomu yethu ekwi-intanethi (https://go.microsoft.com/fwlink/?linkid=2126612).
Indlela Yokuziphatha
3. Indlela Yokuziphatha. Xa usebenzisa iiNkonzo, unoxanduva ngendlela yokuziphatha nangeziqulatho zakho.
- a. Ngokuyamkela le Mimiselo, uyavuma ukuba xa usebenzisa iiNkonzo kuquka xa usebenzisa iinkonzo zeAI ezenza izigqibo okanye ezikwaziyo ukuthatha amanyathelo, zizenzela ngokwazo okanye ngokubandakanyeka komntu ngokwamanqanaba athile angafaniyo, uza kulandlela le mithetho:
- i. Sukwenza nantoni na engekho semthethweni okanye uzame ukwenza okanye ukuthumela iziqulatho ezingekho semthethweni.
- ii. Musa ukuzibandakanya nakowuphina umsebenzi uxhaphaza, owenzakalisa, okanye owoyikisa ukuba uzakwenzakalisa abantwana.
- iii. Sukuthumela imiyalezo engafunwayo okanye ubandakenyeke ekuqhatheni okanye uzame ukwenza okanye ukusasaza i-malware. Umyalezo ongafunwayo okanye ii-imeyili ezininzi ezingafunwayo, izinto ezixhonywayo, izicelo zoqhagamshelwano, i-SMS (umyalezo obhaliweyo), okanye imiyalezo ekhawulezileyo. Ubuqhetseba kukuthumela ii-imeyile okanye imiyalezo ekhawulezayo ngobuqhophololo okanye ngokungekho mthethweni ukuqhatha abo bathunyelwayo ukuba baveze iinkcukacha zabo ezibalulekileyo, ezinye ngeephasiwedi, umhla wokuzalwa, Amanani Esazisi sakho, amanani epasipoti, iinkcukacha zekhadi lekhredithi, iinkcukacha zezimali, okanye iinkcukacha ezibalulekileyo, okanye ukufumana iimvume yokungena kwii-akhawunti zakho okanye imbali yazo, ukufuduswa kweedotyhumenti okanye iinkcukacha ezibalulekileyo, intlawulo kunye okanye iinzuzo zezimali. I-Malware iquka nayiphi into eyenziwayo eyenzelwe ukubangela iingxaki zobuxhakaxhaka njengokusasaza iinkqubo zekhompyutha eziyingozi xa zivulwa, ukuququzelelela iinkqubo ezibangela ingasebenzi ikhompyutha okanye ukulawula iiseva.
- iv. Musa ukubonisa elubala okanye usebenzise iiNkonzo ukuze uvelise okanye wabeane ngeziqulatho ezingafanelekanga okanye imatheriyeli (ebandakanya, umzekelo, ukuhamba ze, izenzo zenkohlakalo kwizilwanyana, ukuthuka, ubundlobongela obumasikizi, ukuzenzakalisa okanye izenzo zolwaphulo-mthetho) okanye iZiqulatho Zakho okanye imatheriyeli engayithobeliyo imithetho yasekuhlaleni okanye imigaqo.
- v. Musa ukubandakanyeka kwizinto ezinento yokwenza nobuqhetseba, ezobuxoki okanye eziqhathayo (umz. ukucela imali ube uqhatha, ukuzenza omnye umntu, ukwenza iiakhawunti zomgunyathi, ukwenza izinto ezizenzekelayo ezinenjongo embi, ukwenza okanye ukwabelana ngesiqulatho esiqhatha ngabom, ukuqhatha iNkonzo ukuze yandise ukubala umdlalo okanye ichaphazele amazinga, okanye amagqabaza) okanye engcolisa igama lomntu.
- vi. Musa ukujikela ngaphaya kwezithintelo zokufikelela ukusebenzisa okanye ukufumaneka kweeNkonzo (umz. ukuzama 'ukukhulula' inkqubo ye-Ai okanye ukugqogqa okungavumelekanga).
- vii. Musa ukubandakanyeka kwizinto eziyingozi kuwe, iiNkonzo okanye kwabanye abantu (umz. ukuthumela iivayirasi, ukulandela abantu, ukuzama ukuvelisa okanye ukwabelana ngeziqulatho ezixhaphazayo okanye ezigrogrisa abanye, ukuxhoma iziqulatho zabanqolobi okanye ezinogonyamelo, ukusasaza intetho ebonisa intiyo okanye ukuthethelela ugonyamelo olwenziwa kwabanye abantu).
- viii. Musa ukunyathethelela phantsi okanye unyhashe amalungelo abantu (umz. ukwabelana ngaphandle kwemvume ngomculo onamalungelo okushicilela okanye enye imatheriyeli enamalungelo okushicilela, ukuthengisa okanye ukusasaza iimaphu zikaBing okanye ukuthatha iifoto okanye ukurekhoda ngevidiyo/intetho abanye abantu ngaphandle kwemvume yabo yokusebenzisa inkcazelo ebenza baziwe okanye enye injongo yokusebenzisa iiNkonzo).
- ix. Musa ukuzibandakanya kumsebenzi onyhasha ubumfihlelo okanye ukhuseleko lwamalungelo edatha yabanye.
- x. Musa ukunceda ukwaphula le migaqo.
- Inkcazelo engakumbi ngemigaqo-nkqubo yethu, ukulawula nokunyanzelisa iinkqubo kunye nemimiselo engqale kwinkonzo ifumaneka ku aka.ms/trustandsafety.
Ukusebenzisa Iinkonzo Nenkxaso.
4. Ukusebenzisa Iinkonzo Nenkxaso.
- a. IAkhawunti ka-Microsoft. Uza kudinga iakhawunti ye-Microsoft ukufikelela kwiiNkonzo. Iakhawunti ka-Microsoft ikwenza ungene kwiimveliso, kwiiwebhusayithi ezibonelelwe ngu-Microsoft nabalingane abathile baka-Microsoft.
- i. Ukuvula Iakhawunti. Ungavula iakhawunti ye-Microsoft ngokubhalisa kwi-intanethi. Uyavuma ukungasebenzisi nayiphi inkcazelo ebubuvuvu, engachanekanga okanye ekhohlisayo xa uvula iakhawunti ye-Microsoft. Kwezinye iimeko, omnye umntu, njengomboneleli wakho wenkonzo ze-Intanethi, angabe ukwabele iakhawunti ye-Microsoft. Ukuba ufumene iakhawunti yakho ye-Microsoft komnye umntu, omnye umntu anganamalungelo awongezelelweyo kwiakhawunti yakho, njengokwazi ukufikelela okanye acime iakhawunti yakho ye-Microsoft. Nceda uhlolisise nayiphina imimiselo eyongezelelweyo oyinikwe ngomnye umntu, njengoko u-Microsoft engenaxanduva ngokumalunga nale mimiselo yongezelelweyo. Ukuba udala iakhawunti ye-Microsoft egameni lequmrhu, njengeshishini lakho okanye lomqeshi, umela ukuba unegunya elisemthethweni lokubophelela elo qumrhu kule Mimiselo. Awunakho ukugqithisela amagunya e-akhawunti yakho ye-Microsoft komnye umsebenzisi okanye inkampani. Ukuze ukhusele iakhawunti yakho, gcina iinkcukacha zakho ze-akhawunti yakho nepaswedi ziyimfihlo. Unoxanduva lwayo yonke imisetyenzana eqhubekayo phantsi kwegama le-akhawunti yakho ye-Microsoft.
- ii. Ukusetyenziswa Kwe-Akhawunti. Kumele usebenzise iakhawunti yakho ye-Microsoft ukuze uyigcine isebenza. Oku kuthetha ukuba kufuneka ungene ngemvume ubuncinane kanye ngexesha leminyaka emibini ukugcina iakhawunti yakho ye-Microsoft, kunye neenkonzo ezimbelanayo (ngaphandle kokuba kuchazwe ngenye indlela), ezisebenzayo, ngaphandle kokuba ixesha elide libonelelwa kwinkqubo yomsebenzi we-iakhawunti ye-Microsoft e https://go.microsoft.com/fwlink/p/?linkid=2086738 okanye kwisisulu kwisixa esihlawuliweyo seeNkonzo. Ukuba awungeni kwesi sithuba sexesha, siyakucingela ukuba iakhawunti yakho ye-Microsoft ayisebenzi kwaye sakukuvalela yona. Nceda ujonge icandelo le-4.a.iv.2 ngeziphumo ze-iakhawunti ye-Microsoft evaliweyo. Kumele ungene kwi-inbhoks yakho ka-Outlook.com nakwi-OneDrive (ngokwahlukeneyo) ubuncinane kanye kwisithuba sonyaka omnye, kungenjalo siyakukuvalela i-nbhoks yakho ka-Outlook.com ne-OneDrive yakho. Ukuba sikhankanya ngokucacileyo ukuba iakhawunti yakho ye-Microsoft isengozini yokuba isetyenziswe ngumntu wangaphandle ngobuqhetseba (umzekelo, ngenxa ye-akhawunti esesichengeni), U Microsoft unokumisa iakhawunti yakho kuze kube unokubuyisela ubunikazi. Ngokusekelwe kwisizathu sokubekwa esichengeni, kusenokudingeka ukuba sikuvale ukufikelela kwakho kweinye okanye kuzo zonke iZiqulatho Zakho. Ukuba unengxaki yokufikelela kwiakhawunti yakho ye-Microsoft, nceda tyelela le webhusayithi: https://go.microsoft.com/fwlink/?LinkId=238656.
- iii. Abantwana NeeAkhawunti. Ngokuvula iakhawunti ye-Microsoft okanye ngokusebenzisa iiNkonzo, uyamkela kwaye uyavuma ukubotshelelwa yile Miqathango kwaye umela ukuba ufikile kwiminyaka "yobudala" okanye "uxanduva lasemthethweni" apho uhlala khona okanye nomzali ngokusemthethweni okanye umgcini ngokusemthethweni ubenemvume ubotshelelwe yile Mimiselo ngawe. Ukuba awazi nokuba ufikelele na kubudala "obaneleyo" ngokomthetho apho uhlala khona, okanye awuliqondi eli candelo, nceda ucele uncedo nemvume kumzali wakho okanye kumgcini wakho ngokomthetho. Ukuba ungumzali okanye ungumgcini ngokomthetho womntwana ongaphantsi ngeminyaka, wena nomntwana lowo namkela kwaye niyavuma ukubopheleleka ngale miMiselo kwaye ninoxanduva lwako konke ukusetyenziwa kwe-akhawunti okanye kweeNkonzo zika-Microsoft, kuquka nokuthenga nokuba iakhawunti yomntwana ongaphantsi ngeminyaka ivulwe ngoku okanye idalwe mva.
- iv. Ukuvala Iakhawunti Yakho.
- 1. Ungazirhoxisa iiNkonzo ezithile okanye uvale iakhawunti yakho ye-Microsoft nanini na nangasiphi na isizathu. Ukuze uvale iakhawunti yakho ye-Microsoft, nceda tyelela ku https://go.microsoft.com/fwlink/p/?linkid=618278. Xa usicela ukuba sivale iakhawunti yakho ye-Microsoft, ungakhetha ukuyibeka kwimo emisiweyo kangangeentsuku ezingama-30 okanye ezingama-60, mhlawumbi utshintshe isigqibo sakho. Emva kweso sithuba seentsuku ezingama-30 okanye ezingama-60, iakhawunti yakho ye-Microsoft iya kuvalwa. Nceda ujonge icandelo 4.a.iv.2 apha ngezantsi ngenkcazelo yokuba kwenzeka ntoni xa iakhawunti yakho ye-Microsoft ivaliwe. Ukungena kwakhona ngexesha lokumiswa kwe-akhawunti, kuya kuvula iakhawunti yakho ye-Microsoft kwakhona.
- 2. Ukuba iakhawunti yakho ye-Microsoft ivaliwe (nokuba nguwe okanye sithi), kwenzeka izinto ezimbalwa. Okokuqala, ilungelo lakho lokusebenzisa iakhawunti ye-Microsoft ukungena kwiiNkonzo liyaphela ngoko nangoko. Okwesibini, siza kucima iDatha okanye iZiqulatho Zakho ezayanyaniswa neiakhawunti ye-Microsoft okanye siza kuyiqhawula kuwe nakwiakhawunti yakho ye-Microsoft (ngaphandle kokuba umthetho ufuna siyigcine, siyibuyise, okanye siyigqithisele kuwe okanye komnye umntu ochongwe nguwe). Kufanele ubenesicwangciso sokuxhasa sarhoqo njengoko u-Microsoft engazukwazi ukufumana kwakhona iZiqulatho Zakho okanye iDatha xa ithe yavalwa iakhawunti yakho. Okwesithathu, ungalahlekana nokufikelela kwiimveliso obuzifumene.
- b. Ukulawula Iziqulatho Nokunyanzelisa. Iinkonzo zethu ezininzi ezikuvumela ukuba unxibelelane, wenze, uvelise uze wabelane ngeziqulatho kunye nabanye zisebenzisa iinkqubo zokhuseleko ukuze zikhusele iiNkonzo zethu kunye nabanye abasebenzisi.
- i. Imigaqo-nkqubo. Indlela Yokuziphatha yethu ichaza izinto ezingavumelekanga xa usebenzisa iiNkonzo zethu. Ipolisi yethu yeziqulatho neyokuziphatha ingafumaneka apha (https://www.microsoft.com/DigitalSafety/policies). IiNkonzo ezithile zinemigaqo-nkqubo kunye nemilinganiselo yabasebenzisi esebenza kubasebenzisi bazo, zifumaneka apha (https://aka.ms/trustandsafety).
- ii. Ukuxela Inkxalabo. Unokuxela into ekuxhalabisayo ngesiqulatho okanye ukuziphatha okophula Indlela Yokuziphatha yethu apha (https://aka.ms/reportconcerns).
- iii. Ukuhlola. Apho kusebenza khona, sinokusebenzisa iinkqubo ezisebenza ngokuzenzekelayo kunye nabantu ukuze sihlole iziqulatho ukuze sibone izinto ezingafunwayo ezirhanelwayo, iivayirasi, ubuqhetseba, ii-imeyile eziqhathayo, i-malware, ukuvula ngokuqhetseba isoftwe okanye esinye isqulatho esiyingozi okanye ukuziphatha okuyingozi.
- iv. Unyanzeliso. Sigcina ilungelo lokwalela iziqulatho ukuba ziyedlua kumda wendawo yokugcina okanye kwisayizi yefayile evunyelwe yiNkonzo. Sinokuthuntela, sisuse okanye singavumi ukubonisa iziqulatho ukuba kubonakala ngathi zophula Indlela Yokuziphatha yethu okanye omnye umgaqo-nkqubo weNkonzo okanye apho kuyimfuneko ngokusemthethweni. Ukuba wophula le mimiselo okanye Iipolisi (https://aka.ms/trustandsafety), sinokuthatha inyathelo nxamnye ne-akhawunti yakho. Oku kusenokuquka ukulinganisela ukufikelela kwizinto ezifumanekayo ezithile okanye kwiiNkonzo ezithile, ukuyeka ukubonelela ngeeNkonzo, ukuvala iakhauwnti yakho ye-Microsoft ngoko nangoko okanye ukuthintela kothungelwano (olufana ne-imeyili, ukwabelana ngeefayile okanye imiyalezo eziphumelayo) oluya okanye oluvela kwiiNkonzo. Ukuvala ukufikelela kwakho kwiNkonzo okanye kwiakhawunti yakho kungabangela ukuphulukana neelayisensi zesiqulatho, isiqulatho esinxulumeneyo, ukuba lililungu kunye neebhalansi ezinxulumene neiakhawunti ye-Microsoft. Xa ehlolisisa unyhasho okuthwa lwenzekile lwale Mimiselo, u-Microsoft ugcine ilungelo lokuphonononga iziqulatho zakho ukuze asombulele lo mba. Noko kunjalo, asinakuhlola iiNkonzo zonke kwaye asenzi linge lokwenza oko. Ngenkcazelo engakumbi malunga neenkqubo zokulawula nokunyanzelisa (https://www.microsoft.com/DigitalSafety/moderation-and-enforcement), imimiselo engqale kwiNkonzo, imigaqo-nkqubo Eyongezelelekileyo nezikhokelo (https://www.microsoft.com/DigitalSafety/policies/additional-guidelines), kunye nezibheno (https://www.microsoft.com/DigitalSafety/moderation-and-enforcement/appeals), jonga https://aka.ms/trustandsafety. Inkcazelo malunga nomgaqo-nkqubo wethu omalunga nemiba yokunyhwashwa kwamalungelo awodwa ombhali ingafunyanwa kwindawo ethi IZAZISO.
- c. Iiakhawunti Zasemsebenzini okanye Ezesikolo. Ungangena kwezinye iinkonzo zika-Microsoft ngedilesi ye-imeyili yasemsebenzini okanye yesikolo. Ukuba uyenza, uyavuma ukuba umnini we-domain edibene nedilesi ye-imeyile yakho unokukwaziswa ngokubakhona kwe-iakhawunti yakho ye-Microsoft kunye nokubhaliselwa kwayo okuhambelanayo, ukulawula nokubhaliswa kwe-akhawunti yakho, kunye nokufikelela kunye nokucwangcisa i-Data yakho, kubandakanywa neziqulatho zakho unxibelelwano kunye neefayili, kwaye U Microsoft angazisa umnini we-domain ukuba iakhawunti okanye iDatha isemngciphekweni. Kwaye uyavuma nokuba ukusebenzisa kwakho ezi nkonzo zika-Microsoft kusenokuxhomekeka kwizivumelwano u-Microsoft anazo nawe okanye nombutho wakho kwaye le mimiselo isenokungasebenzi. Ukuba sele unayo iakhawunti ye-Microsoft kwaye usebenzisa idilesi ye-imeyili yasemsebenzini okanye yesikolo eyahlukileyo ukufikelela kwiiNkonzo ezichazwe phantsi kwale Mimiselo, ungakhokelwa ukuba uhlaziye idilesi ye-imeyili eyayanyaniswa ne-iakhawunti ye-Microsoft ukuze uqhubeke nokufikelela kweza Nkonzo.
- d. Izixhobo Ezongezelelweyo/izicwangciso Zedatha. Ukuze usebenzise iiNkonzo, uza kudinga uqhagamshelo lwe-intanethi na/okanye idatha/isicwangciso seselula. Usengadinga isixhobo esongezelelekileyo, esinjenge-handset, ikhamera okanye isandisi-sandi. Luxanduva lwakho ukubonelela ngalo lonke unxibelelwano, izicwangciso kunye nezixhobo ezifunekayo ukuze usebenzise iiNkonzo nokubhatala zonke iintlawulo ezibizwa ngum(aba)boneleli wonxibelelwano, wezicwangciso kunye nezixhobo. Lo mirhumo yongezwa kuyo nayiphina imirhumo oyihlawulayo yeeNkonzo kwaye asizokubuyekezela ngemirhumo enjalo. Khangela kum(ba)boneleli wakho uve ukuba ikhona na imirhumo enjalo engasebenza kuwe.
- e. Izaziso Zeenkonzo. Xa kukho into esifuna ukukuxelela yona ngeeNkonzo ozisebenzisayo, siya kukuthumela izaziso zeeNkonzo. Ukuba usinike idilesi yakho ye-imeyile okanye inombolo yefowuni malunga ne-akhawunti yakho ye-Microsoft, ngoko singathumela izaziso zeNkonzo kuwe nge-imeyile okanye nge-SMS (umyalezo wombhalo), kubandakanywa ukuqinisekisa ubungqina bakho phambi kokuba ubhalise inombolo yakho yefowuni kwaye uqinisekise izinto ozithengileyo. Sisenakho nokukuthumela izaziso zeeNkonzo ngezinye iindlela (umzekelo ngemiyalezo yangaphakathi kwimveliso). Amaxabiso okuthumela umyalezo okanye okusebenzisa idatha angasebenza xa ufumana izaziso nge-SMS.
- f. Inkxaso. Inkxaso yezinye iiNkonzo ifumaneka ku https://support.microsoft.com kwaye ilawulwa yile mimiselo ibe iiNkonzo ezithile zingabonelela ngenkxaso yabathengi esecaleni okanye eyongezelelekileyo ngokuxhomekeka kwimimiselo eyongezelelekileyo. Inkxaso isenokungafumaneki ukuba ingakrotywa okanye ngeenguqulelo ze-beta zeempawu okanye zeeNkonzo. Ukufumaneka kweNkxaso kungohluka ngokusekelwe kukuba imveliso ikweliphi inqanaba lokuveliswa kwayo ibe Umele ube neNkonzo efanelekayo nenempepha-mvume esemthethweni, ufikelele iimfaneleko ezisiseko zokuxhaswa ezicaciswe kwiMicrosoft Lifecyle (https://learn.microsoft.com/lifecycle). IiNkonzo zingangahambelani nesoftwe okanye neenkonzo ezibonelelwa ngabanye abantu, kwaye unoxanduva lokuziqhelanisa neemfuneko zokuhambelana.
- g. Ukuphelisa Iinkonzo Zakho. Ukuba iiNkonzo zakho zirhoxisiwe (nokuba nguwe okanye sithi), okokuqala, ilungelo lakho lokufikelelela kwiiNkonzo liyaphela kwangoko kwaye iphepha-mvume lakho lokusebenzisa isoftwe enxulumene neeNkonzo liyaphela. Okwesibini, siza kucima iiDatha okanye iZiqulatho Zakho ezayanyaniswa neeNkonzo zakho okanye siza kuyiqhawula kuwe nakwiakhawunti yakho ye-Microsoft (ngaphandle kokuba umthetho ufuna siyigcine, siyibuyise, okanye siyigqithisele kuwe okanye komnye umntu ochongwe nguwe). Ngenxa yakho usenokungakwazi ukufikelela kuzo naziphi na iiNkonzo (okanye iZiqulatho Zakho oye wazigcina kwezo Nkonzo). Kufanele ubenesicwangciso sokwenza i-backup rhoqo. Okwesithathu, ungalahlekana nokufikelela kwiimveliso obuzifumene. Ukuba uye wayirhoxisa iakhawunti yakho ye-Microsoft kwaye awunayo enye iakhawunti ekwaziyo ukungena kwiiNkonzo, iiNkonzo zakho zingarhoxiswa ngoko nangoko.
Ukusebenzisa ii-Aplikeshini zoMntu wesiThathu neeNkonzo
5. Ukusebenzisa ii-Apps zoMntu wesiThathu neeNkonzo. IiNkonzo zisenokukuvumela ukuba ufikelele okanye ufumane iimveliso, iinkonzo, iiwebhusayithi, iilinki, iziqulatho, imatheriyeli, imidlalo, izakhono, iintlanganise, ii-bot okanye ii-aplikheshini zezinye iinkampani ezizimeleyo (iinkampani okanye abantu abangenguye u-Microsoft) ("Ii-Apps kunye neeNkonzo zaBanye aBantu"). Uninzi lweeNkonzo zethu zinokukunceda ukuba ufumane, wenze izicelo, okanye udibanise unxulumane nee-App zangaphandle kunye neeNkonzo ibe zisenokukuvumela okanye zifune ukuba wabelane ngeZiqulatho okanye ngeDatha yakho kunye nezo App zoMntu wesiThathu kunye neeNkonzo ibe uyaqonda ukuba ngokusebenzisa iiNkonzo zethu ubayalelea ukuba benze ii-App zoMntu wesiThathu bazenze zifumaneke kuwe. Ii-Apps kunye neeNkonzo zaBanye aBantu zingavumela okanye zisenokufuna ukuba ugcine iZiqulatho neDatha Yakho nomshicileli, umboneleli okanye i-opareyitha yee-Apps kunye neeNkonzo zaBanye aBantu. Ii-App zangaphandle kunye neNkonzo zingakunika umgaqo mfihlo okanye zifune ukuba wamnkele imimmiselo yazo ngaphambi kokuba ufake okanye usetyenzise i-App yangaphandle okanye iNkonzo. Bona icandelo 13.b mgokwamabinza ongeziweyo ezishicileli afumaneka kwiivenkile ezithile ezi ezimnini okanye zisetyenziswa ngu Microsoft okanye amanqabane akhe (kuquka, kodwa kungapheleli kwiVenkile ye-Office, ka Microsoft Store ku Xbox kunye ka Microsoft Store ku Windows. Kufuneka uhlalutye imigaqo-nkqubo yangaphandle kunye nemigaqo-nkqubo yobumfihlo ngaphambi kokufumana, ukusebenzisa, ukucela okanye ukudibanisa iakhawunti yakho ye-Microsoft nakwiziphi na ii-App neeNkonzo zangaphandle. Nawaphi na amacandelo angaphandle akanakuguqula le Mimmiselo. U-Microsoft akaniki naliphina iphepha-mvume lamagunya amalungelo awodwa njengenxalenye yazo naziphina ii-Aplikeshini zoMnye uMntu neeNkonzo. Uyavuma ukuthatha wonke umngcipheko obangelwa kukusebenzisa kwakho ii-Aplikeshini zaBanye aBantu neeNkonzo kwaye u-Microsoft akanaxanduva lwayo nayiphina imiba ebangelwa kukusetyenzisa kwazo nguwe. U-Microsoft akanaxanduva okanye tyala kuwe okanye kubanye abantu ngenkcazelo okanye ngeenkonzo ezibonelelwa zizo naziphi na ii-Apps kunye neeNkonzo zeZinye iiNkampani.
UkuFumaneka kweNkonzo
6. UkuFumaneka kweNkonzo.
- a. IiNkonzo, ii-Aplikeshini zaBanye aBantu neeNkonzo, okanye imathiriyali okanye iimveliso ezibonelelwa ngeNkonzo zisenokungafumaneki amaxesha ngamaxesha, zisenokubonelelwa ngokuqingqiweyo, okanye zahluke kuxhomekeke kwingingqi okanye kwisixhobo sakho. Ukuba utshintsha indawo enxulumene ne-akhawunti yakho yakwa-Microsoft, ungadinga ukufumana kwakhona imathiriyali okanye ii-aplikeshini ebezifumaneka kuwe waze wazihlawulela kwingingqi yakho yangaphambili. Uyavuma ukuba ungafikelele okanye usebenzise imathiriyali okanye iiNkonzo ezingekhomthethweni okanye ongenaphepha-mvume lokuzisebenzisa kwilizwe ofikelela okanye usebenzise imathiriyali enjalo okanye iiNkonzo, okanye ukufuhla okanye ugqwethe indawo yakho okanye ubuwena ukuze ufikelele okanye usebenzise imathiriyali enjalo okanye iiNkonzo.
- b. Sizama ukugcina iiNkonzo zisebenza; noko kunjalo, zonke iinkonzo ezikwi-intanethi zimana ukuphazanyiswa kumane kusimka umbane, kwaye u-Microsoft akanatyala ngokwasemthethweni kuko nakuphina ukuphazamiseka okanye ngelahleko othe wanayo ngenxa yoku. Xa kuthe kwamka umbane, usenongakwazi ukufumana kwakhona iZiqulatho Zakho okanye iiNgcombolo obuzigcinile. Sicebisa ukuba wenze rhoqo i-backup yeZiqulatho neDatha Yakho oyigcina kwiiNkonzo okanye usebenzisa ii-Apps kunye neeNkonzo zaBanye aBantu.
Uhlaziyo kwiinkonzo okanye isoftwe, kunye noTshintsho Kule Mimiselo
7. Uhlaziyo kwiiNkonzo okanye kwiSoftwe, noTshintsho Kule Mimiselo.
- a. Singayitshintsha le Mimiselo nangaliphi na ixesha, kwaye siza kukuxelela xa sikwenza oko. Ukusebenzisa iiNkonzo emva kokuba utshintsho luqalile ukusebenza kuthetha ukuba uyavumelana nemimiselo emitsha. Ukuba awuyivumi le mimiselo mitsha, kumele uyeke ukusebenzisa ezi Nkonzo, uvale i-akhawunti yakho ka-Microsoft kwaye, ukuba ungumzali okanye umgcini womntwana, nceda umntwana wakho osemncinci avale i-akhawunti yakhe ka-Microsoft.
- b. Ngamanye amaxesha uza kudinga uhlaziyo lwesoftwe ukuze uqhubeke nokusebenzisa iiNkonzo. Singavela sikhangele inguqulelo yakho yesoftwe ngokuzenzekelayo size sikhuphele uhlaziyo lwesoftwe okanye sakhele iinguqu. Kusengafuneka uhlaziye isoftwe ukuze uqhubeke nokusebenzisa iiNkonzo. Uhlaziyo olunjalo luxhomekeke kwiMimiselo ngaphandle kokuba eminye imimiselo ihamba nohlaziyo, xa kunjalo, loo mimiselo ingeminye iyasebenza. U-Microsoft akabophelelekanga ukuba enze naluphi na uhlaziyo kwaye akaqinisekisi ukuba siya kuyixhasa le nguqulelo yale nkqubo uyithengele okanye ufumene ilayisensi yesoftwe, yee-apps, yeziqulatho okanye ezinye iimveliso ngayo. Uhlaziyo olunjalo lusenokungahambelani nesoftwe okanye neenkonzo ezibonelelwa ngabanye abantu. Ungayirhoxisa imvume yakho kuhlaziyo lwesoftwe lwexesha elizayo nangaliphina ixesha ngokukhupha isoftwe.
- c. Ukongezelela, kungakho amaxesha apho sizakudinga ukususa khona okanye sitshintshe iimpawu okanye ukusebenza kweNkonzo okanye siyeke ukubonelela ngeNkonzo okanye ngofikelelo kwii-Aplikeshini zaBanye aBantu ngokupheleleyo. Ngaphandle kwangoko kulinganiselwe ngumthetho ofanelekileyo, asibophelelekanga ukuba sinikezele ngokuphinda kukhutshwelwe okanye kubuyiswe naziphi na izinto, iiMveliso zeKhompyutha (ezichazwe kwicandelo 13.i), okanye kwii-aplikeshini ezithengwe ngaphambili. Singazikhupha iiNkonzo okanye iimpawu zazo kwinguqulelo yokukrobisa okanye ye-beta, esenokungasebenzi kakuhle okanye ngendlela efanayo nendlela inguqulelo yokugqibela enokusebenza ngayo.
- d. Ukuze ubenakho ukusebenzisa imatheriyeli ekhuselwe ngolawulo lwamalungelo adijithali (digital rights management - DRM), njengomculo othile, imidlalo, iimuvi, iincwadi nokunye, isoftwe ye-DRM isenokuqhagamshelana neseva yamalungelo ekwi-intanethi ize ikhuphele kwaye i-instole uhlaziyo lwe-DRM.
IPhepha-mvume leSoftwe
8. IPhepha-mvume leSoftwe. Ngaphandle kokuba ikhatshwa sisivumelwano selayisensi sika-Microsoft esahlukeneyo (umzekelo, ukuba usebenzisa i-aplikheshini ka-Microsoft equkwe ku-Windows okanye eyinxalenye yakhe, ngoko imiMiselo yeLayisensi yeSoftwe ka-Microsoft yeNkqubo eSebenzisa u-Windows iyayilawula lo softwe), nayiphi na isoftwe enikezelwe sithi njengenxalenye yeeNkqubo ixhomekeke kule miMiselo. Izishicileli ezifumaneke kwiiVenkile ezithile ezimnini okanye zisetyenziswa ngu Microsoft okanye amanqabane akhe (kuquka, kodwa kungapheleli kwiVenkile ye-Ofisi, Ivenkile ka Microsoft ku Windows kunye neVenkileka Microsoft kwi-Xbox) ziphantsi kwecandelo 13.b.i ngasezantsi.
- a. Ukuba uthobela le Mimiselo, sikunika ilungelo lokufakela nelokusebenzisa ikopi enye yesoftwe kwisixhobo ngasinye ngokwesiseko sehlabathi ukuba isetyenziswe ngumntu omnye ngexesha njengenxalenye yokusebenzisa kwakho iiNkonzo. Ngezixhobo ezithile, loo softwe isenoba seyi-instolwe kwangaphambili ukwenzela uzisebenzise ezi Nkonzo kwezobuqu, ezingezizo ezoshishino. Isoftwe okanye iwebhusayithi eyinxalenye yeeNkonzo ingaquka ikhowudi yomnye umntu. Naziphina izikripthi okanye ikhowudi yomnye umntu, eqhagamshelwe okanye ebhekiselwe kwisoftwe okanye kwiwebhusayithi, zinephepha-mvume lakho kwabanye abantu abanekhowudi enjalo, hayi ngu-Microsoft. Izaziso, ukuba zikhona ezkhowudi yomnye umntu ziqukelwe ulwazi lwakho kuphela.
- b. Isoftwe inephepha-mvume, ayithengiswa, kwaye u-Microsoft ugcine onke amalungelo angavakaliswanga ngu-Microsoft, nokuba ngokuqukayo, igatya lomthetho elithintela omnye ekukhanyeleni into ethile okanye ngenye indlela. Eli phepha-mvume alikuniki naliphina ilungelo loku, kwaye awunako:
- i. thintela okanye udlule amanyathelo okhuselo lobugcisa kwi okanye anxulumene nesoftwe okanye neeNkonzo;
- ii. uqhaqhe, uhlakaze, ususe ikhowudi, uzame ukungena ngokungekho semthethweni kwiinkcukacha zabanye, ukope, ukuxhaphaze okanye ubuyisele umsebenzi webonjineli umva nayiphina isoftwe okanye omnye umba weeNkonzo eziqukwe kwi okanye ekufikelelwa kuzo ngeeNkonzo, ngaphandle kwaye kangangoko umthetho wamalungelo awodwa ombhali asebenzayo avumela ukuba kwenziwe njalo;
- iii. kwahlula iikhomponenti zesoftwe okanye iiNkonzo ukuze zisebenze kwizixhobo ezahlukileyo;
- iv. papasha, ukope, urentise, uqeshe, uthengise, uthumele ngaphandle, uhambise okanye ubolekise isoftwe okanye iiNkonzo, ngaphandle kokuba u-Microsoft ugunyazise ngokuvakalayo ukwenza njalo;
- v. gqithisa isoftwe, nawaphina amaphepha-mvume esoftwe, okanye nawaphina amalungelo okufikelele okanye okusebenzisa iiNkonzo;
- vi. sebenzisa iiNkonzo nangayiphina indlela engagunyaziswanga enokuphazamisana nokusebenzisa kwazo ngomnye umntu okanye afikelele kuyo nayiphina inkonzo, iingcombolo, i-akhawunti, okanye inetwekhi;
- vii. ukuvumela ukufikelela kwiiNkonzo okanye ukuguqula nayiphi na isixhobo esigunyaziswe ngu Microsoft (isb., i-Xbox console, i-Microsoft Surface, njl.) ngezishicileli ezingagunyaziswanga zangaphandle.
IMimiselo Yentlawulo
9. IMimiselo Yentlawulo. Ukuba uthenga iNkonzo, xa kunjalo le mimiselo yentlawulo isebenza ekuthengeni kwakho kwaye uyavumelana nayo.
- a. Imirhumo. Ukuba kukho umrhumo onxulumene nentwana yeeNkonzo, uvuma ukuhlawula loo mrhumo ngemali esetyenziswayo ebalulweyo. Ixabiso elichaziweyo leeNkonzo aliquki yonke irhafu ehlawuliswayo nezivumelwano zorhwebelwano zemali esebenzayo, ngaphandle kokuba kuchazwe ngenye indlela. Onke amaxabiso eemveliso ze-Skype ezihlawulwayo aquka irhafu esebenzayo, ngaphandle kokuba kuchazwe ngenye indlela. Unoxanduva lokuhlawula irhafu enjalo okanye eminye imirhumo wena wedwa. U-Skype ubala irhafu ngokusekelwe kwidilesi yendawo ohlala kuyo eyayanyaniswa nenkcazelo yokuhlawulisa. Unoxanduva lokuqinisekisa ukuba le dilesi yeyamvanje kwaye ichanekile. Ngaphandle kweemveliso zika-Skype, irhafu ibalwa ngokusekelwe kwindawo okuyo nanini na i-akhawunti yakho ka-Microsoft ibibhalisiwe ngaphandle kokuba umthetho wasekhaya ufuna isiseko esahlukileyo sokubala. Singazixhoma okanye sizirhoxise iiNkonzo ukuba asiyifumani kwangethuba intlawulo epheleleyo evela kuwe. Uxhomo okanye urhoxiso lweeNkonzo ngenxa yokungahlawulwa kungabangela ilahleko yokufikelela kwi-akhawunti nakusetyenziso neziqulatho zakho. Ukunxibelelana ne-intanethi ngenetwekhi yenkampani okanye eyenye yabucala egquma indawo okuyo kungabangela iindleko zahluke kwezi zibonisiweyo ngendawo yakho yoqobo. Ngokuxhomekeke kwindawo okuyo, eminye imisebenzi ingafuna ukuguqulwa kweemali zangaphandle okanye zisetyenzwe kwelinye ilizwe. Ibhanki yakho ingakubiza iintlawulo ezongezelelweyo ngeenkonzo apho usebenzisa idebhit khadi okanye ikhredit khadi. Nceda uqhagamshelane nebhanki yakho ukuze ufumane iinkcukacha.
- b. IAkhawunti Yakho Yetyala. Ukuze uhlawule imirhumo yeNkonzo, uzakucelwa ukuba ubonelele ngendlela yentlawulo ngexesha ozakube ujoyinela loo Nkonzo. Ngazo zonke iiNkonzo ngaphandle kwe Skype ungafikelela uze utshintshe iinkcukacha zakho zentlawulo kunye nendlela yentlawulo ku iwebhusayoithi yolawulo lwe-akhawunti ka-Microsoft (https://go.microsoft.com/fwlink/p/?linkid=618281 kunye nesoftwe ka Skype kunye neemveliso ngokungena kwi-portal ye-akhawunti e https://skype.com/go/myaccount. Ukongeza, uyavuma ukuvumela u-Microsoft asebenzise naziphina iinkcukacha ezihlaziyiweyo ze-akhawunti malunga nendlela yentlawulo yakho oyikhethileyo ebonelelwe yibhanki yakho okanye inetwekhi yentlawulo. Uyavuma ukuhlaziya kwakamsinya i-akhawunti yakho kunye nezinye iingcombolo kuquka idilesi yakho ye-imeyili kunye neenkcukacha zendlela yokuhlawula, ukuze sigqibezele unaniselwano lwakho kwaye siqhagamshelane nawe xa kuyimfuneko mayelana nonaniselwano lwakho. Iinguqu ezenziwe kwi-akhawunti yakho yetyala azizokuchaphazela imirhumo esiyifaka kwi-akhawunti yakho yetyala phambi kokuba sibe sithathe amanyathelo ngokufanelekileyo kwi-akhawunti yakho yetyala.
- c. Ityala. Ngokubonelela u-Microsoft ngendlela yokuhlawula, uthi (i) ugunyazisiwe ukuba ungayisebenzisa le ndlela yokuhlawula unikezela ngayo nokuba naziphi na iinkcukacha zokuhlawula onikezela ngazo zinyanisekile kwaye zichanekile; (ii) ugunyazisa u-Microsoft ukuba akuhlawulise ngeeNkonzo okanye ngeziqulatho ezifumanekayo kusetyenziswa indlela yakho yokuhlawula; kwaye (iii) ugunyazisa u-Microsoft ukuba akuhlawulise ngazo naziphi iifitsha ezihlawulelwayo zeeNkonzo okhetha ukuzisayinela okanye ukuzisebenzisa ngeli thuba le miMiselo isebenza. Singakuthumela ityala (a) ngaphambi kwexesha; (b) ngexesha lokuthenga; (c) kancinci nje emva kokuthenga; okanye (d) ngokuqhubekekayo ngomrhumo weeNkonzo. Kananjalo, singakurhumisa ukuya kutsho kwisixa osivumileyo, kwaye siyakwazisa kwangethuba ngayo nayiphina inguqu kwisixa-mali ozakusirhunyiswa ngomrhumo weeNkonzo eziqhubekekayo. Singakuthumela ityala kwangaxesha linye ngaphezu kwamathuba etyala amanye ngezixa-mali ezingakhange zenziwe ngaphambili.
- d. Iintlawulo Eziqhubekekayo. Xa uthenga iiNkonzo ngendlela yobulungu (umz. qho ngenyanga, qho kwiinyanga ezi-3, okanye qho ngonyaka), uyavuma ukuba ugunyazisa iintlawulo eziphindaphindwayo, kwaye iintlawulo ziya kwenziwa ku-Microsoft ngale ndlela nangamaxesha aphindaphindwayo owavumeleyo, de ubulungu balo Nkonzo bupheliswe nguwe okanye ngu-Microsoft. Fufanelurhoxise iiNkonzo zakho ngaphambi komhla olandelayo wentlawulo ukumisa ukohlwaywa ukuze uqhubeke neeNkonzo zakho. Sizakukunika imiyalelo yokuba ungarhoxhisa kanjani iiNkonzo. Ngokugunyazisa iintlawulo eziphindaphindwayo, ugunyazisa u-Microsoft ukuba asebenze ngezi ntlawulo ngokuzitsala ngekhompyutha okanye ngokugqithiselwa kwemali, okanye njengeedrafti zekhompyutha ezivela kwi-akhawunti yakho (xa iyi-Automated Clearing House okanye iintlawulo ezifana nayo), okanye njengeentlawulo ezithunyelwa kwi-akhawunti yakho oyinikiweyo (xa iyikhredithi khadi okanye iintlawulo ezifana nayo) (zizonke, "“ziiNtlawulo zeKhompyutha"). Iintlawulo zobulungu zibizwa jikelele kwangaphambi kweli xesha lokuba lilungu. Ukuba nayiphi na intlawulo ibuyisiwe ingahlawulwanga okanye ukuba nayiphi na ikhredithi khadi okanye intlawulo efanayo ikhatyiwe okanye yaliwe, u-Microsoft okanye abaniki-nkonzo bakhe banelungelo lokulanda nayiphi na into ebuyisekayo, isilandulo okanye iintlawulo yemali engaphelelanga baze bayisebenze lo ntlawulo njengeNtlawulo yeKhompyutha.
- e. Ixwebhu Ngxelo Elikwi-intanethi Nempazamo. Ngazo zonke iiNkonzo ngaphandle kwe Skype, uMicrosoft uza kukunika uxwebhu lwengxelo yentlawulo ku iwebhusayoithi yolawulo lwe-akhawunti ka-Microsoft (https://go.microsoft.com/fwlink/p/?linkid=618282), apho ungabona khona kwaye uprinte uxwebhu lwengxalo yakho. Ngo-Skype ungafikelela kwingxelo yakho ekwi-intanethi ngokungena kwi-akhawunti yakho ku www.skype.com (https://www.skype.com). Le kuphela kwengxelo yetyala esiyibonelelayo. Ukuba senza impazamo kwityala lakho, kumele usixelele zingaphelanga iintsuku ezingama-90 emva kokubonakala okokuqala kwempazamo kwityala lakho. Siyakuthi sikhawuleze siphande isimangalo. Ukuba awusixeleli kwangelo xesha, uyasikhulula kulo lonke uxanduva lwamabango elahleko ebangelwe yile mpazamo kwaye akusayi kufuneka silungise le mpazamo okanye sinikezele ngembuyekezo, ngaphandle kokuba umthetho ufuna njalo. Ukuba u-Microsoft uthe wabhaqa impazamo kwityala, siyakuyilungisa loo mpazamo zingaphelanga iintsuku ezingama-90. Lo mgaqo awuchaphazeli nawaphina amalungelo asemthethweni asebenzayo.
- f. Inkqubo Yokubuyiselwa Kwemali. Ngaphandle kokuba kuchazwe ngumthetho okanye yimimiselo ethile yesibonelelo seNkonzo, yonke into ethangwayo igqityiwe kwaye imali ayibuyiselwa. Ukuba ukholelwa ukuba u-Microsoft uthi unetyala ngempazamo, kumele uqhagamshelane nathi zingaphelanga iintsuku ezingama-90 zelo tyala. Akukho mali iyakubuyiswa ngeentlawulo ezingaphezu kweentsuku ezingama-90 ubudala, ngaphandle kokuba umthetho ufuna njalo. Sigcine ilungelo lokubuyisela imali okanye ikhredit ngokwengqiqo yethu eyodwa ngaphandle kokugunyaziswa ngumthetho. Ukuba sibuyisela imali okanye ikhredit, asibophelelekanga ukuba sikhuphe kwale mali inye okanye efanayo kwixesha elizayo. Le mali ibuyiselwayo ayichaphazeli nawaphina amalungelo asemthethweni asebenzayo. Ngenkcazelo ethe vetshe, nceda utyelele isihloko sethu soncedo (https://go.microsoft.com/fwlink/p/?linkid=618283). Ukuba uhlala e-Taiwan okanye eIsrael, nceda uqaphele ukuba ngokoMthetho woKhuselo lwaBaxumi base-Taiwan kunye nemigaqo yawo efanelekileyo, konke okuthengwayo okuphathelele kwiziqulatho zedijithali ezinikezelwe ngesimo esingabambekiyo kunye/okanye ngeenkonzo ezikwi-intanethi ziphelele kwaye azibuyiswa ukuba eso siqulatho sinikezelwe kwi-intanethi. Awuvumelekanga ukuba ubange naliphi na ixesha lokuphumla okanye nakuphi na ukubuyekezwa.
- g. Ukurhoxiswa Kweenkkonzo. Ungazirhoxisa iiNkonzo zakho nangaliphina ixesha, ngesizathu okanye ngaphandle kwaso. Ukurhoxiswa kweeNkonzo ezihlawulwayo kumisa izihlwayo ezizayo ukuze uqhubeke neNkonzo. Ukuze urhoxise iiNkonzo uze ucele ukubuyekezwa, ukuba unelungelo lokwenza oku, tyelela kwiwebhusayithi yolawulo lwe-akhawunti ka-Microsoft. Nge-Skype, nceda ugcwalise iFomu yokuRhoxisa usebenzisa iinkcukacha ezibonelelwe apha (https://go.microsoft.com/fwlink/p/?linkid=618286). Kumele ujonge emva kula nkcazelo yezi Nkonzo kuba (i) usenokungafumani imuyikezo xa urhoxa; (ii) usenokunyanzeleka ukuba wenze intlawulo yokurhoxa; (iii) usenokunyanzeleka uhlawule zonke iintlawulo ezenziwe kwi-akhawunti yakho ngeeNkonzo ozifumene ngaphambi kokurhoxa; kwaye (iv) usenokulahlekelwa kukukwazi ukufikelela kwaye usebenzise i-akhawunti yakho xa urhoxisa ezi Nkonzo; okanye, ukuba uhlala e-Taiwan okanye eIsrael, (v) usenokufumana imali yembuyekezo elingana nezi ntlawulo zingasetyenziswanga. Ukuba uhlala eIsrael ungayicinga nangeyiphi indlela kwezi zindweliswe apha https://support.microsoft.com/help/4027815. Nceda uqhangamshelane nommeli wakwa-Microsoft ngomnxeba ukuze ufumane imbuyekezo ukuba ufanelekile. Siza kuzisebenza iiNgcombolo zakho njengoko zichaziwe ngentla kwicandelo 4. Ukuba uyarhoxisa, ufikelelo lwakho kwiiNkonzo luphela ekupheleni kwesithuba sangoku seNkonzo yakho okanye, ukuba sikuthumelela ityala kwi-akhawunti yakho amaxesha ngamaxesha, ekupheleni kwexesha orhoxise ngalo. Ukuba ucela ibhanki yakho ibuyisele imali oyihlawulele iiNkonzo, siza kukuthatha oko njengokuba uye warhoxisa ukususela ngomhla wentlawulo yokuqala, kwaye uyasigunyazisa ukuba siyirhoxise ngoko nangoko inkonzo kwaye/okanye sithathe nayiphi ikhontenti obuye wayinikwa emva kokuba ubhatele.
- h. Izisulu Zexesha Lovavanyo. Ukuba uthatha inxaxheba nakwisiphi na isisulu sexesha lovavanyo, kungadingeka urhoxise Iinkonzo zovavanyo xa usamnkela okunikwayo phakathi kwexesha elixeliweyo kuwe xa usamnkela okunikwayo uze kunqandwe ukohlwaywa ukuze uqhubeke Neenkonzo ekupheleni kwexesha lovavanyo ukuqhibeka neeNonzo ekupheleni kwexesha lovavanyo. Xa kukho izibonelelo eizithile zolingo olulinganiselwe ixesha, sisenokufuna ukuba kuvelelwe ukuhlaziya ngokuzenzekelayo.
- i. Izisulu Ezibhengezwayo. Amaxesha ngamaxesha, u-Microsoft angakubonelela ngeeNkonzo simahla kangangethuba lokulinga. U-Microsoft unelungelo lokukubiza imali ngezo Nkonzo (ngokwemilinganiselo eqhelekileyo) ukuba u-Microsoft ugqiba kwelokuba (ngokokubona kwakhe okwamkelekileyo) uyayixhaphaza le mimiselo yokubonelelwayo.
- j. Ukutshintsha Kwamaxabiso. Sisenokutshintsha ixabiso lezi Nkonzo nanini na kwaye ukuba unento oyithenga ngokuphindaphindayo, siza kukwazisa nge-imeyile, okanye ngenye indlela eyamkelekileyo, ubuncinane iintsuku ezili-15 ngaphambi kokutshintshwa kwamaxabiso. Ukuba awuvumelani nokutshinsthwa kwexabiso, kumele urhoxise kwaye uyeke ukusebenzisa iiNkonzo phambi kokuba kwenzeke ukutshintshwa kwexabiso. Ukuba kukho ixesha eliqingqiweyo nexabiso lesibonelelo seNkonzo, elo xabiso liyakuhlala lisebenza kwelo xesha liqingqiweyo.
- k. Iintlawulo Eziya Kuwe. Ukuba sikutyala intlawulo, uyavuma ukusibonelela kwangexesha nangokuchanekileyo ngazo naziphina iinkcukacha ekufuneka sinazo ukuze sikuhlawule. Ngokuvumelana nomthetho osebenzayo, unoxanduva layo nayiphi na irhafu ekusenokufuneka uyibhatale ngenxa yale ntlawulo iza kuwe. Kananjalo kumele uthobele nayo nayiphina eminye imiqathango esiyibeka kwilungelo lakho layo nayiphina intlawulo. Ukuba ufumana intlawulo ngempazamo, singayibuyisela umva okanye sicele ukuba ubuyise intlawulo. Uyavuma ukusebenzisana nathi kwiinzame zethu zokwenza oku. Kananjalo singanciphisa intlawulo kuwe ngaphandle kwesaziso silungise nayiphina intlawulo egqithisileyo yangaphambili.
- l. Amakhadi Ezipho. Ukusebenza nokusetyenziswa kwamakhadi esipho (ngaphandle kwamakhadi esipho e-Skype) kulawulwa yiMiqathango neMimiselo yeKhadi leSipho yakwa-Microsoft (https://support.microsoft.com/help/10562/microsoft-account-gift-card-terms-and-conditions). Iinkcukacha ngamakhadi esipho e-Skype zifumaneka kwiphepha loNcedo le-Skype (https://go.microsoft.com/fwlink/?LinkId=615383).
- m. Indlela Yokuhlawula Ngeakhawunti Yebhanki. Usenokubhalisa i-akhawunti yebhanki elungeleyo nge-akhawunti yakho ka-Microsoft ukuze uyisebenzise njengendlela yokuhlawula. Ii-akhawunti zebhanki ezilungeleyo ziquka ii-akhawunti onazo kwiziko lezemali elikwaziyo ukufumana ungeniso lwedebithi ngqo (umz. iziko lezemali eliseMelika elixhasa ungeniso lwe-automated clearing house ("ACH") iziko lezemali laseYurophu elixhasa i-Single Euro Payments Area ("i-SEPA") okanye i-"iDEAL" e-Netherlands). miMiselo oyivumileyo xa ubufaka i-akhawunti yakho yebhanki njengendlela yokuhlawula kwi-akhawunti yakho ka-Microsoft (umz. “umyalelo” ngokwakwi-SEPA) nayo iyasebenza. Uthi kwaye uqinisekisa ukuba i-akhawunti yakho yebhanki ebhalisiweyo ibhalwe ngegama lakho okanye ugunyazisiwe ukuba ungayibhalisa kwaye uyisebenzise le akhawunti yebhanki njengendlela yokuhlawula. Ngokubhalisa okanye ngokukhetha i-akhawunti yakho yebhanki njengendlela yokuhlawula, ugunyazisa u-Microsoft (okanye i-arhente yakhe) ukuba aqalise idebithi enye okanye ngaphezulu yale mali uthenge ngayo iphelele okanye yentlawulo yobulungu (ngokuhambelana nemimiselo yeenkonzo zakho zobulungu) kwi-akhawunti yakho yebhanki (kwaye, ukuba oku kuyimfuneko, aqalise ikhredithi enye okanye ngaphezulu kwi-akhawunti yakho yebhanki ukuze alungise iimpazamo, akhuphe imali yembuyekezo okanye ngeenjongo ezifanayo), kwaye ugunyazisa iziko lakho lezemali eline-akhawunti yakho yebhanki ukuba litsale ezi debithi okanye lamkele ezi khredithi. Uyayiqonda into yokuba olu gunyaziso luya kuhlala lusebenza de uzisuse iinkcukacha ze-akhawunti yakho yebhanki kwi-akhawunti yakho ka-Microsoft. Qhagamshelana nesebe lenkxaso yabathengi njengoko kudandalazisiwe kwicandelo 4.e kwakamsinyane kangangoko ukuba ukholelwa ekubeni uhlawuliswe ngempazamo. Imithetho esebenzayo kwilizwe lakho isenokulinyina ityala lakho ngazo naziphi na izenzo zoshishino ezinobuqhophololo, ezinempazamo okanye ezingagunyaziswanga ezivela kwi-akhawunti yakho yebhanki. Ngokubhalisa nokukhetha i-akhawunti yebhanki njengendlela yakho yokuhlawula, uyavuma ukuba uyifundile, wayiqondo kwaye wayivuma le miMiselo.
Iqumrhu Elingena Kwisivumelwano, Ukhetho lomthetho Nendawo Yokusombulula Iimbambano
10. Iqumrhu Elingena Kwisivumelwano, Ukhetho lomthetho Nendawo Yokusombulula Iimbambano. Ukusebenzisa kwakho iinkonzo ze-Skype zasimahla nezibhatalwayo, ukuba awuhlali eYurophu, kuMbindi Mpuma kunye nase-Afrika, unesivumelwano kunye ibe zonke iimbekiselo "zika-Microsoft" kule Mimiselo zithetha, i-Skype Communications S.à.r.l, 23 - 29 Rives de Clausen, L-2165 Luxembourg, ngaphandle kokuba kuchazwe ngenye indlela ngasezantsi. Ukusebenzisa kwakho iinkonzo ze-Skype zasimahla nezibhatalwayo, ukuba uhlala ngaphandle kwe Yurophu, uMbindi Mpuma kunye ne-Afrika, umthetho waseLuxembourg ulawula ukuchazwa kwezi Mithetho kunye namabango ngokuphambana kwabo, kungakhathaliseki ukuba imimiselo yomgaqo-mthetho. Imithetho yephondo okanye eyelizwe ohlala kulo ilawula onke amabango angamanye (kuquka ukhuseleko lomthengi, ukhuphiswano olungenabulungisa namabango embambano). Ukuba awuhlali eYurophu, kuMbindi Mpuma kunye nase-Afrika, wena kunye nathi siyavumelana kukulawulwa okuthe ngqo kunye nendawo ezihlala kuyo iinkundla zaseLuxembourg kuzo zonke iimbambano ezivela okanye eziphathelele kumsebenzisi weeNkonzo ze-Skype. Kuzo zonke ezinye iinkonzo, iqumrhu ongena kwisivumelwano nalo, umthetho olawulayo kunye nendawo yokulungisa iimbambano ibonakala ngezantsi:
- a. EKhanada. Ukuba uhlala (okanye, ukuba ulishishini, indawo yakho ephambili yezoshishino) iseKhanada kwaye usebenzisa iiNkonzo zabathengi zika-Skype okanye usebenzisa iinxalenye ezisimahla zika-Microsoft Teams, ungena kwisivumelwano kunye nabakwa-Skype Communications US Corporation, 2215-B Renaissance Drive, Las Vegas, NV 89119, United States. Ngazo zonke ezinye iiNkonzo ezisimahla nezibhatalelwayo, ungena kwisivumelwano no-Microsoft Corporation, One Microsoft Way, Redmond, WA 98052, U.S.A. Imithetho yephondo ohlala kulo (okanye ukuba ulishishini, indawo engundoqo oshishina kuyo), ilawula ukutolikwa le Mimiselo, ibango lokophulwa kunye namanye amabango (kuquka ukukhuselwa komthengi, ushishino olungenabulungisa kunye namabango asenkundleni) enoba kukho ukungqubana kwemigaqo yemithetho. Wena nathi sinika imvume engenakubhangiswa kumda owodwa wolawulo nakwindawo yeenkundla zamatyala ezise-Ontario kuzo zonke iimbambano ezisuka ku okanye ezinxulumene nale Mimiselo okanye neeNkonzo.
- b. EmNtla okanye eMzantsi Merika ngaphandle kwe-United States naseKhanada. Ukuba uhlala e (okanye, ukuba ulishishini, indawo yakho ephambili yezoshishino) isemNtla okanye kuMzantsi Merika ngaphandle kwe-United States naseKhanada, ungena kwisivumelwano no-Microsoft Corporation, One Microsoft Way, Redmond, WA 98052, U.S.A. Umthetho wase-Washington State ulawula ukutolikwa kweMimiselo namabango okuphulwa kwayo, nokuba yeyiphi na imigomo yomthetho ekhethiweyo. Imithetho yelizwe esisa kuyo iiNkonzo zakho ilawula onke amanye amabango (kuquka ukhuseleko lomthengi, ukhuphiswano olungenabulungisa, namabango embambano).
- c. EMbindi Mpuma, eAfrika okanye iYurophu. Ukuba uhlala (okanye, ukuba ulishishini, indawo yakho ephambili yezoshishino) ikuMbindi Mpuma, eAfrika okanye eYurophu iingabalwa i-European Union (i-EU)I-Iceland, i-Lichtenstein, i-Norway, i-Switzerland, kunye ne-United Kingdom kunye ne-European Association Trade Association (i-EFTA), kwaye usebenzisa iinxalenye ezisimahla zeeNkonzo (ezifana ne-Bing kunye ne-MSN), ungena kwisivumelwano kunye ne-Microsoft Corporation, One Microsoft Way, Redmond, WA 98052, U.S.A, ngaphandle kokuba ukuba usebenzisa iinxalenye ezisimahla zika-Skype, unesivumelwano kunye nabakwa-Microsoft Corporation, One Microsoft Way, Redmond, WA 98052, U.S.A., ngaphandle kokuba usebenzisa iinxalenye ezisimahla zika-Skype, ungena kwisivumelwano kunye nabakwa-Microsoft Ireland Operations Limited, One Microsoft Place, South County Business Park, Leopardstown, Dublin 18, Ireland. Ukuba uhlawule ukusebenzisa inxalenye yeeNkonzo, unesivumelwano kunye no-Microsoft Ireland Operations Limited, One Microsoft Place, South County Business Park, Leopardstown, Dublin 18, Ireland. NgeeNkonzo ezisimahla nezihlawulwayo, imithetho yase-Ireland ilawula ukutolikwa kwale Mimiselo namabango okophulwa kwayo, nokuba kukho imigomo yemithetho engquzulanayo. Imithetho yelizwe esisa kuyo iiNkonzo zakho ilawula onke amanye amabango (kuquka ukhuseleko lomthengi, ukhuphiswano olungenabulungisa, namabango embambano). Wena nathi sivuma ngokungenakubhangiswa kumda owodwa wolawulo nakwindawo yeenkundla zamatyala zase-Ireland kuzo zonke iimbambano ezisuka ku okanye ezinxulumene nale Mimiselo okanye neeNkonzo.
- d. E-Asia okanye kwi-South Pacific, ngaphandle kokuba ilizwe lakho likhankanywe apha ngezantsi. Ukuba uhlala e- (okanye ukuba ishishini, indawo yakho yoshishino engundoqo ise-) eAsia (ngaphandle kwaseTshayina, e-Japan, kwi-Republic of Korea, okanye e-Taiwan) okanye kwi-South Pacific, kwaye usebenzisa iinxalenye ezisimahla zezi Nkonzo (ezifana no-Bing no-MSN), wenza isivumelwano no-Microsoft Corporation, e-One Microsoft Way, Redmond, WA 98052, U.S.A. Ukuba uhlawulele ukusebenzisa inxalenye yeeNkonzo, okanye usebenzisa inkonzo ka-Outlook.com esimahla e-Singapore okanye e-Hong Kong, wenza isivumelwano no-Microsoft Regional Sales Pte Ltd, inkampani elungiselelwe phantsi kwemithetho yaseSingapore enedilesi ebhalisiweyo ese-182 Cecil Street #13-01 Frassers Tower, Singapore 069547; nje ukuba uhlala e- (okanye ukuba ishishini, indawo yakho yoshishino engundoqo ise-) Australia, wenza isivumelwano no-Microsoft Pty Ltd, 1 Denison St, North Sydney NSW 2060, Australia kwaye ukuba uhlala e- (okanye ukuba ishishini, indawo yakho yoshishino engundoqo ise-) New Zealand, wenza isivumelwano no-Microsoft New Zealand Limited, Level 5, 22 Viaduct Harbour Avenue, PO Box 8070 Symonds Street, Auckland, 1150 New Zealand. NgeeNkonzo ezisimahla okanye ezihlawulelweyo, umthetho weQumrhu laseWashington ulawula ukutolikwa kwale Mimiselo namabango okwaphulwa kwawo, nokuba kukho ukuphikisana kwemigaqo yemithetho. Imithetho yelizwe esisa kuyo iiNkonzo zakho ilawula onke amanye amabango (kuquka ukhuseleko lomthengi, ukhuphiswano olungenabulungisa, namabango embambano). Nayiphina imbambano esuka ku okanye enxulumene nale Mimiselo okanye iiNkonzo ngaphandle kwe-Skype, kuquka nawuphina umbuzo ongobukho bazo, ukusebenza okanye ukupheliswa, iyakuthunyelwa eSingapore ize ekugqibeleni isonjululwe ngolamlo ngokweMigaqo yoLamlo ye-Singapore International Arbitration Center (i-SIAC), imigaqo yayo ethathwa njengedityanisiweyo ngokubhekisa kweli solotya. INkundla yamatyala iyakuquka umlamli omnye ozakunyulwa nguMongameli we-SIAC. Ulwimi lolamlo luyakuba sisiNgesi. Isigqibo somlamli iyakuba sesokugqibela, sibophelele, singaphikiswa, kwaye singasetyenziswa njengesiseko sokugweba kulo naliphina ilizwe okanye ingingqi.
- e. EJapan. Ukuba uhlala e (okanye, ukuba ishishini, indawo yakho yoshishino engundlunkulu) iseJapan, kwaye usebenzisa iintwana ezisimahla zeeNkonzo (ezifana ne-Bing ne-MSN), ungena kwisivumelwano no-Microsoft Corporation, One Microsoft Way, Redmond, WA 98052, U.S.A. Ukuba uhlawulele ukusebenzisa inxalenye yeeNkonzo, ungena kwisivumelwano no-Microsoft Japan Co., Ltd (MSKK), Shinagawa Grand Central Tower, 2-16-3 Konan Minato-ku, Tokyo 108-0075. NgeeNkonzo ezisimahla nezihlawulwayo, imithetho yaseJapan ilawula ukutolikwa kwale Mimiselo nayo nayiphina imiba esuka kuyo okanye enxulumene nayo okanye neeNkonzo. Wena nathi sivuma ngokungenakubhangiswa kumda wokuqala owodwa wolawulo nakwindawo yeNkundla yeSithili saseTokyo kuzo zonke iimbambano ezisuka ku okanye ezinxulumene nale Mimiselo okanye neeNkonzo.
- f. KwiRiphabliki YaseKorea.
- i. Ukuba uhlala (okanye, ukuba ulishishini, indawo yakho ephambili yezoshishino) iseRiphablikhi yaseKorea, kwaye usebenzisa iinxalenye ezisimahla zeeNkonzo (ezifana ne-Bing kunye no-MSN), ungena kwisivumelwano kunye ne-Microsoft Corporation, One Microsoft Way, Redmond, WA 98052, U.S.A, ngaphandle kokuba ukuba usebenzisa iiNxalenye zeeNkonzo ezisimahla, ungena kwisivumelwano no-Microsoft Korea, Inc, 12th Floor, Tower A, The K-Twin Tower, Jongro 1 gil 50, Jongro-gu, Seoul, Republic of Korea, 03142. NgeeNkonzo ezisimahla nezibhatalelwayo, imithetho yaseRiphablikhi yaseKorea ilawula le Mimiselo kunye nayiphi imiba evelayo okanye emayela nayo okanye iiNkonzo. Wena nathi sivuma ngokungenakubhangiswa kumda wokuqala ongakhethekanga wolawulo nakwindawo yeNkundla yeSithili saseSeoul Central kuzo zonke iimbambano ezisuka ku okanye ezinxulumene nale Mimiselo okanye neeNkonzo.
- ii. Ukuba uhlala e-Republic of Korea, ngokusemthethweni, usenokuba namalungelo athile anokungalinganiselwa ngenxa yesivumelwano esifana nale Mimiselo. Le Mimiselo ayinanjongo ngalo naluphi uhlobo ukuba ilinganisele loo malungelo okanye ilinganisele ityala lika-Microsoft elibekwa ngumthetho. Kungekho nto iphikisana nokuqulathwe apha, le Mimiselo iya kusebenza kangangoko kuvunyelwa ngumthetho. Naluphi na utshintsho kule Mimiselo (kunye naluphi na utshintsho kwisixa-mali esihlawulwa kumrhumo oqhubekayo weeNkonzo, siyasebenza) luya kwenziwa ngokuhambelana neemfuno zomthetho.
- g. ETaiwan. Ukuba uhlala (okanye, ukuba ishishini, indawo yakho engundoqo yezoshishino ise) eTaiwan, kwaye usebenzisa iinxalenye ezisimahla zeeNkonzo (njenge Bing kunye ne-MSN), unesivumelwano kunye ne-Microsoft Corporation, One Microsoft Way, Redmond , WA 98052, eU.SA Ukuba uhlawulele ukusebenzisa inxalenye yeeNkonzo, unesivumelwano kunye ne-Microsoft Taiwan Corp, 18F, No. 68, Sec. 5, Zhongxiao E. Rd., Xinyi District, Taipei 11065, Taiwan. Iinkonzo zasimahla kunye nezihlawulwayo, imithetho yase Taiwan ilawula le Mimmiselo kunye nayiphi na imiba evela okanye ephathelene nabo okanye iiNkonzo. Ngeenkcukacha ezithe vetshe malunga no-Microsoft Taiwan Corp., nceda ujonge iwebhusayithi ebonelelwe liSebe leMicimbi yezoQoqosho R.O.C. (https://gcis.nat.gov.tw/mainNew/). Wena nathi sigunyazisa ngokungenakubhangiswa iNkundla yeSithili saseTaipei sengenkundla yokuqala enegunya lolawulo kuzo naziphina iimbambano ezisuka okanye ezinxulumene nale Mimiselo okanye neeNkonzo, kangangoko kuvunyelwe yimithetho yaseTaiwan.
Imithetho yomthengi yendawo ohlala kuyo ingafuna imithetho ethile yendawo ohlala kuyo ilawule okanye ikunike ilungelo lokusombulula iimbambano kwelinye iqonga ngaphandle kwale Mimiselo. Ukuba kunjalo, umthetho okhethiweyo nezibonelelo zeqonga ezikwicandelo le-10 zisebenza kangangoko ivuma imithetho yabathengi yendawo ohlala kuyo.
Iziqinisekiso
11. Iziqinisekiso.
- a. U-MICROSOFT NABAZIBANDAKANYE NATHI, OOMATHENGATHENGISA, ABAHAMBISI, NABATHENGISI, ABENZI ZIGUNYAZISO, EZIVAKALISIWEYO OKANYE EZIQUKIWEYO, IZIQINISEKISO OKANYE IMIQATHANGO NGOKUMAYELA NOKUSEBENZISA KWAKHO IINKONZO. UYAQONDA UKUBA UKUSEBENZISA IINKONZO UKWENZA NGOKUNOKWAKHO KWAYE SIBONELELA NGEENKONZO "NJENGOKO ZINJALO" "ZINEZIPHENE" KWAYE "NGOKUFUMANEKA KWAZO." U-MICROSOFT AKAQINISEKISI NGOKUCHANEKA OKANYE NGOKUZISWA NGEXESHA KWEENKONZO. UNGANAMALUNGELO ATHILE APHANTSI KOMTHETHO WENDAWO OHLALA KUYO. AKUKHO NTO KULE MIMISELO ENEENJONGO ZOKUCHAPHAZELA LOO MALUNGELO, UKUBA AYASEBENZA. UYAVUMA UKUBA IKHOMPYUTHA NEENKQUBO ZONXIBELELWANO ZINEZIPHENE KWAYE NGAMAXESHA ATHILE ZIKHE ZINGASEBENZI. ASIQINISEKISI UKUBA IINKONZO AZIZOKUPHAZAMISEKA, KWANGEXESHA, ZIKHUSELEKE, OKANYE ZINGABINAMPAZAMO OKANYE AKUZOKUZUKUBAKHO UKULAHLEKA KWESIQULATHO, SINGAQINISEKISI KANANJALO UQHAGAMSHELO OKANYE UGQITHISO KWIINETWEKHI ZEKHOMPYUTHA.
- b. KANGANGOKO KUVUNYELWE NGUMTHETHO WENDAWO OHLALA KUYO, SIKHUPHA ECALENI NAZIPHINA IZIQINISEKISO EZIQUKIWEYO, KUQUKA EZORHWEBELWANO, UBULUNGA OBANELISAYO, UKOMELELA KWENJONGO ETHILE, ILINGE LOMSEBENZI, NOKUNGABIKHO KONGENELELO.
- c. Kubathengi abahlala e-Australia: Impahla neenkonzo zethu ziza neziqinisekiso ezingenakukhutshwa phantsi komthetho wase-Australia wabathengi. Ngenxa yokungaphumeleli okukhulu nenkonzo, unelungelo:
- Lokurhoxisa ikotileka yenkonzo nathi; kwaye
- Kwimbuyekezo kwinxalenye engesetyenziswanga, okanye imbuyekez0 kwixabiso layo elekhileyo.
Kwakhona unelungelo lokukhetha imbuyekezo mali okanye ukutshintshelwa kusilelo olukhulu lweempahlala. Ukuba ukungaphumeleli ngeempahla okanye inkonzo ayifaki ukuhluleka okukhulu, unelungelo lokuba ukuhluleka kulungiswe ngexesha elifanelekileyo. Ukuba oku kungenziwanga unelungelo lokubuyiselwa kwempahla kwaye ukhansele inkontileka yenkonzo kwaye ufumane imali yokubuyisela nayiphi na isabelo esingasetshenzisiweyo. Unelungelo lokuhlawulelwa nayiphi na enye ilahleko ebonakalayo okanye umonakalo ovela kwihlulo kwimpahla okanye kwinkonzo.sha elifanelekileyo.
- d. Kubathengi abahlala eNew Zealand, unganamalungelo ngokusemthethweni ngaphantsi kweNew Zealand Consumer Guarantees Act, kwaye akhonto ngokwale Mimiselo ineenjongo zokuchaphazela loo malungelo.
Ukunyinwa kokuba neTyala
12. Ukunyinwa kokuba neTyala.
- a. Ukuba unaso nasiphi na isiseko sokubuyekeza ilahleko (kuqukwa nokungathobeli le Mimiselo), ngokomlinganiselo ovunyelwe ngumethetho, uyavuma ukuba isisombululo sakho wedwa sokubuyekeza, kuMicrosoft okanye kwiinkampani eziphantsi kwakhe, kubathengisi abayigqithiselayo, kubahambisi bemveeliso, kubaboneleli bee-Apps kunye neeNkonzo zoMntu weSithathu, kunye nabathengisi, ngelahleko ethe ngqo ukuya kuma kwimali elingana neentlawulo zeeNkonzo ngale nyanga kwenzeke ngayo le lahleko okanye oku kungathotyelwa kommiselo (okanye ukuya kwi-USD$10.00 ukuba iiNkonzo zisimahla).
- b. Ngokomlinganiselo ovunyelwe ngumthetho osebenzayo, awunakho ukubuyekeza nayiphi na (i) ilahleko okanye umonakalo ngenxa yoku, (ii) ilahleko yengeniso yoqobo okanye elindelekileyo (nokuba ithe ngqo okanye ayithanga ngqo), (iii) ilahleko yomvuzo (nokuba ithe ngqo okanye ayithanga ngqo), (iv) ilahleko yekontraka okanye yeshishini okanye ezinye iilahleko okanye umonakalo ovele ngokusetyenziswa kweeNkonzo ngendlela engeyiyo eyobuqu, (v) ilahleko okanye umonakalo okhethekileyo, ongathanga ngqo, obangelwe yiloo nto okanye wesohlwayo; kwaye (vi) nangokomlinganiselo ovunyelwe ngumthetho, ilahleko okanye umonakalo othe ngqo ongaphezu kwemida echazwe kwicandelo 12.a apha ngentla. Le minyino nezikhutshelwe ecaleni zisebenza ukuba olu ncedo alukubuyekezi ngokupheleleyo kuzo ngayo nayiphina ilahleko okanye iphanze kweyona njongo yayo okanye ukuba besisazi okanye bekufanele ukuba sazile ngomonakalo onokwenzeka. Kangangoko kuvunyelwa ngumthetho, le minyino nezikhutshelwe ecaleni zisebenza kuyo nantonina okanye kuwo nawaphina amabango anxulumene nale Mimiselo, iiNkonzo, okanye isoftwe enxulumene neeNkonzo.
- c. U-Microsoft akanaxanduva okanye akanatyala lwayo nayiphina intsilelo yokusebenza okanye ukulibazisa ekusebenzeni kwezibophelelo zakhe eziphantsi kweMimiselo kangangokuba intsilelo okanye ukulibazisa kubangelwa zimeko engaphaya kolawulo olunengqiqo luka-Microsoft (njengeembambano zemisebenzi, izinto ezibangelwe yindalo, imfazwe okanye umsebenzi wobunqolobi, umonakalo owenziwe ngolunya, iingozi okanye uthobelo lwawo nawuphina umthetho osebenzayo okanye ulawulo lukarhulumente). U-Microsoft uzakuzama ukunciphisa imiphumela yazo naziphina ezi zehlo kwaye enze izibophelelo ezingachaphazelekanga.
IMimiselo eNgeNkonzo
13. IMimiselo eNgeNkonzo. Imimiselo engaphambi nesemva kokuba kusebenze icandelo le-13 isebenza ngokubanzi kuzo zonke iiNkonzo. Eli candelo liqulathe imimiselo engenkonzo esisongezo kwimimiselo ngokubanzi. Le mimiselo yenzelwe kanye iinkonzo ilawula xa kukho naluphi ungquzulwano nemimiselo jikelele.
I-Xbox
- a. I-Xbox.
- i. Ukusebenzisela Isiqu Okungekuko Okorhwebo. Inkonzo ye-Xbox ekwi-intanethi, ("Inethiwekhi ye-Xbox"), i-Xbox Game Studios games (kuquka i-Mojang Games) (https://www.xbox.com/xbox-game-studios), ii-aplikeshini, imirhumo (umz., imirhumo yenkonzo ye-Xbox Game Pass), iinkonzo (umz., i-Xbox Cloud Gaming), kunye nesiqulatho esibonelelwa ngu-Microsoft (xa zidibene "iiNkonzo ze-Xbox") zenzelwe wena kwaye azimele zisetyenziselwe ukurhweba ngazo.
- ii. IiNkonzo zika-Xbox. Xa ubhalisela ukufumana iiNkonzo ze-Xbox, ulwazi malunga nomdlalo, imisebenzi kunye nokusetyenziswa kwemidlalo kunye neeNkonzo ze-Xbox ziza kulandelelwa kuze kwabelwane ngazo kunye namaqela angaphandle, kuquka abakhi nabapapashi bemidlalo ukuze u-Microsoft azise iiNkonzo ze-Xbox nokuze amaqela angaphandle asebenzise imidlalo neenkonzo ezingezizo ezakwa-Microsoft. Ukongezelela, ukuba iiNkonzo ze-Xbox zifikelelwa kusetyenziswa iidivayisi okanye amaqonga eqela langaphandle, ulwazi malunga nomdlalo wakho wezemidlalo, imisebenzi kunye nokusetyenziswa kweemidlalo kunye neenkonzo ze-Xbox kusenokwenzeka zilandelelwe kwaye kwabelwane ngazo kunye nezo divayisi kunye naloo maqonga amaqela angaphandle ngokuhambelana nemimiselo neepolisi zobumfihlo zaloo maqela angaphandle. Ukuba ungena kwelinye iqonga okanye kwenye idivayisi usebenzisa iakhawunti yakho yakwa-Microsoft okanye uqhagamshela iakhawunti yakho yakwa-Microsoft kuloo maqonga okanye kwezo divayisi ukuze uvikelele kwiNkonzo engeyiyo eyakwa-Microsoft (umzekelo, umpapashi womdlalo ongengowakwa-Microsoft wee-Aplikeshini zaBanye aBantu neeNkonzo), uyavuma ukuba: (a) U-Microsoft angabelana ngeenkcukacha ze-akhawunti ezilinganiselweyo kunye nolwazi ngokusetyenziswa (kuquka ngaphandle kokulinganisela i-gamertag, i-gamerscore, imbali yomdlalo, idatha yokusetyenziswa noluhlu lwabahlobo) neqela elingelilo elakwa-Microsoft njengeko kuchazwe kwiNgxelo yoBumfihlo yakwa-Microsoft, kwaye (b) ukuba uvunyelwe zisetingi zabucala ze-Xbox yakho, iqela elingelilo elakwa-Microsoft lngafikelela kwiZiqulatho zakho kunxibelelwano ngoxa udlala okanye ezinye ii-aplikeshini ozisebenzisayo xa ungene nge-akhawunti yakho kwelo qela lingelilo elikwa-Microsoft. Kwaye, ukuba oku kuyavunyelwa ziisethingi zakho zobumfihlo zika-Xbox, u-Microsoft angapapasha igama lakho, i-gamertag, i-gamerpic, i-motto, i-avatar, ii-gameclips kunye neegeyimu ozidlalileyo kuthungelwano nabanye abantu obavumelayo. Ukuba uvulele iisethingi ze-Xbox ezingqamene ngqo Nokhuseleko Lwentsapho, ezo sethingi zisebenza kwiikhonsoli ze-Xbox, kwi-Xbox Cloud Gaming nakwi-app ye-Xbox ekwi-PC okanye kwiidivayisi ezimobhayili kodwa zingangasebenzi kwimidlalo ye-Xbox Game Studios okanye kwiinkonzo ezifikelelwa okanye ezidlalwa kwezinye iidivayisi okanye kwamanye amaqonga. Ukuze uqinisekise ukuba intsapho yakho idlala ngokukhuselekileyo, nceda uphawule iisethingi zabazali kwezi divayisi zingezinye nakwamanye amaqonga.
- iii. Iziqulatho Zakho. Njengenxalenye yokwakho uluntu lweeNkonzo ze-Xbox, unika u-Microsoft, iinkampani eziphantsi kwakhe kunye noosolayisenisi abaphantsi kwakhe ilungelo elisimahla nelehlabathi liphela, lokusebenzisa, ukutshintsha, ukuphinda avelise, ukuhambisa, ukusasaza, ukwabelana nokubonisa iZiqulatho Zakho okanye igama lakho, i-gamertag, i-motto, okanye i-avatar oye wayixhoma kwiiNkonzo zika-Xbox.
- iv. Abalawuli Bomdlalo. Eminye imidlalo ingasebenzisa abalawuli bomdlalo, abameli okanye abasingathi. Abalawuli bomdlalo nabasingathi ayingabo oosomlomo abagunyazisiweyo bakwa-Microsoft. Izimvo zabo azibonisi ezo zakwa-Microsoft.
- v. Abantwana ne-Xbox. Ukuba ungumntwana osebenzisa iinkonzo ze-Xbox, umzali wakho okanye umgcini osethethweni anganolawulo lwezinto ezininzi ze-akhawunti yakho kwaye angafumana iingxelo ngokusebenzisa kwakho iinkonzo ze-Xbox. Ezi fitsha zifumaneka kuphela kwiiNkonzo ze-Xbox ibe azinakuthunyelwa kwezinye iidivayisi okanye kwamanye amaqonga.
- vi. Imali Esetyenziswa Kumdlalo okanye Iimpahla Ezikwi-intanethi. IiNkonzo ze-Xbox zingabandakanya ezokwenyani, imali esetyenziswa kumdlalo (njengegolide, iinkozo zemali okanye amanqaku) ezinokuthengwa okanye zithengwe eganebu lika-Microsoft kusetyenziswa ezona zixhobo zemali zokwenene ukuba ufike kwiminyaka "yobudala" apho uhlala khona. IiNkonzo ze-Xbox zingabandakanya ezikwi-intanethi, izinto zedijithali okanye iimpahla ezingathengwa okanye zithengwe egameni lika-Microsoft usebenzisa izixhobo zemali zokwenene okanye usebenzisa imali esetyenziswa kumdlalo. Imali esetyenziswa kumdlalo nakwiimpahla zokwenyani isenokungasetyenziswa kwakhona kwizixhobo zemali zokwenene, kwiimpahla okanye kwezinye izinto zexabiso lemali zakwa-Microsoft okanye zakhe nabanina. Ngaphandle kwephepha-mvume, elinyiniweyo lobuqu, elinokurhoxiswa, elingenakunikelwa omnye, iphepha-mvume elingenakugqithiselwa komnye umntu alisebenzise kwimali esetyenziswa kumdlalo nakwiimpahla zokwenyani kwiiNkonzo ze-Xbox kuphela, awunalungelo okanye itayitile kuyo nayiphina imali esetyenziswa kumdlalo enjalo okanye iimpahla zokwenyani ezibonakala okanye ezisuka kwiiNkonzo ze-Xbox, okanye naziphina ezinye iimpawu ezibandakanywa nokusebenzisa iiNkonzo okanye ezigcinwe kwalapha kwiiNkonzo ze-Xbox. U-Microsoft angathi nangaliphi na ixesha abeke imithetho, alawule, atshintshe kwaye/okanye ayisuse imali yomdlalo kunye/okanye iimpahla ezinxulunyaniswe kunye nemidlalo ye-Xbox omnye okanye engakumbi okanye ii-apps njengoko ebona njalo ngokwesigwebo sakhe ukuya kutsho linqanaba elivunyelweyo yimithetho yendawo okuyo.
- vii. Uhlaziyo Lwesoftwe. Ngaso nasiphi na isixhobo onokunxibelelanisa neeNkonzo ze-Xbox, sisenokuhlola ngokuzenzekelayo inguqulelo yakho yesoftwe yekhonsoli ye-Xbox okanye isoftwe ye-app ye-Xbox size sikhuphele ikhonsoli ye-Xbox okanye uhlaziyo lwesoftwe ye-app ye-Xbox okanye siinguqu zokwakhela, kuquka nezo zikuthintela ukuba ungangeni kwiiNkonzo ze-Xbox, ungasebenzisi iigeyimi ze-Xbox okanye ii-apps ze-Xbox ezingagunyaziswanga, okanye ungasebenzisi izixhobo ezisemacaleni zehadwe ezingagunyaziswanga kunye nekhonsoli ye-Xbox.
- viii. Ukuqhatha Nokuphazamisa Isoftwe. Ngaso nasiphi na isixhobo esinokunxibelelana ne-Xbox Services, singavela sisihlole isixhobo sakho ngokuzenzekelayo sikhangela ihadwe nesoftwe engagunyaziswanga evumela ukuqhatha okanye ukuphazamisa kusaphulwa uMgaqo woKuziphatha okwanye le miMiselo, kwaye sikhuphele uhlaziyo lwesoftwe ye-app ka-Xbox okanye iinguqu zolwakhelo, kuquka nezo zikuthintelayo ukuba ungangeni kwi-Xbox Services, okanye ungasebenzisi ihadwe okanye isoftwe engagunyaziswanga evumela ukuqhatha okanye ukuphazamisa.
- ix. Imimiselo Nemiqathango Eyongezelelekileyo Yokurhuma. IiNkonzo zokurhumela i-Xbox ziphantsi kwemimiselo nemiqathango eyongezelelekileyo echazwe KwiMimiselo neMiqathango | Xbox (https://www.xbox.com/legal/subscription-terms).
- x. Imirhumo Engasetyenziswayo Yenkonzo Ye-Xbox. Kumazwe athile, u-Microsoft angacima ukuhlawuliswa okuqhubekayo aze amise ukubhatalisa ukuba akuwusebenzisi umrhumo wakho weeNkonzo ze-Xbox kangangexesha elithile. U-Microsoft uza kunika isaziso ngaphambi kokucima ukuhlawuliswa okuqhubekekayo. Nolwazi oluthe kratya, kuquka ukuba lingakanani ixesha lokungasebenzisi, jonga Imibuzo Eqhele Ukubuzwa Ngokungasebenzisi umrhumo | Xbox Support (https://support.xbox.com/en-GB/help/subscriptions-billing/manage-subscriptions/xbox-subscription-inactivity-policy).
- xi. Isivumelwano somsebenzisi esongezelelekileyo kunye nemithetho yokuziphatha. Ezinye iiNkonzo ze-Xbox zinganemimiselo nemithetho yazo yokuziphatha.
I-Store
- b. I-Store. "Ivenkile" ixela iNkonzo ekuvumela ukuba ukhangele, ukhuphele, uthenge, kwaye ukale uphinde uhlaziye izishicileli (igama elithi “isishicileli” liquka imidlalo) kunye nezinye iziqhualtho ezidigithali. La magama aquka ukusebenzisa iiVenkile ezithile ezimnini okanye zisetyenziswa ngu Microsoft okanye amanqabane akhe(kuquka, kodwa kungapheleli kwiVenkile ye-Ofisi, Ivenkile ka Microsoft ku Windows kunye neVenkileka Microsoft kwi-Xbox). "Ivenkile ye-Office" ithetha iVenkile yeemveliso ze-Ofisi kunye nee-App ze-Ofisi, i-Microsoft 365, i-SharePoint, i-Exchange, i-Access, kunye neProjekthi (iinguqulelo ze-2013 okanye kamva), okanye nawaphi na amava anikwe uphawu lweVenkile se-Office. "IVenkile ye-Microsoft kwi Windows" ithetha iVenkile, ezimnini okanye zisetyenziswa ngu Microsoft okanye amanqabane akhe, yezixhobo ze Windows ezifana nefowuni, i-PC kunye ne-tablet, okanye nawaphi na amava anikwe uphawu lweVenkile ye Microsoft kwaye afumaneka kwizixhobo ze Windows ezifana nefowuni, iPC, okanye i-tablet. "IVenkile ye-Microsoft kwi-Xbox" ithetha iVenkile ezimnini okanye zisetyenziswa ngu Microsoft okanye amanqabane akhe e-Xbox consoles, okanye nawaphi na amava anikwe uphawu lweVenkile ye-Microsoft kwaye ayifumaneka kwi-Xbox console.
- i. IMimiselo yePhepha-mvume. Sizakwalatha umpapashi we-aplikeshini nganye efumaneka kwi-Store esinxulumeneyo. Ngaphandle kokuba imimmiselo yelayisenisi eyahlukileyo inikezelwe ngesicelo, iMimmiselo yelayisenisi yoMgangatho weSishicileli ("SALT") ekupheleni kwalamagama iyavumelana phakathi kwakho kunye nompapashi wesicelo obeka imimmiselo yelayisenisi efaka isishicileli osikhuphela nangayiphi iVenkile na ephethwe okanye esetyenziswa ngu Microsoft okanye amanqabane akhe (ngaphandle kweVenkile ye-Office). Ukwenzela ukucacisa, Le miMiselo iquka ukusetyenziswa kunye neenkonzo ezinikezelwa ngu-Microsoft Services. ICandelo le-5 laleMimiselo likwasebenza kuzo naziphina ii-Aplikeshini zaBanye aBantu neeNkonzo ezifunyanwa nge-Store. Ii-aplikeshini ezikhutshelwe nge-Office Store azilawulwa yi-SALT kwaye zinemimiselo yephepha-mvume eyahlukileyo esebenzayo.
- ii. Uhlaziyo. U-Microsoft uyakukhangela ngokuzenzekelayo aze ahlaziye ukhuphelo kwii-aplikeshini zakho, nokuba awungenanga kwi-Store enxulumeneyo. Ungatshintsha i-Store yakho okanye iisetingi zenkqubo ukuba ukhetha ukungafumani uhlaziyo oluzenzekelayo kwii-aplikeshini ze-Store. Ukanti, ezinye ii-aplikheshini ze-Office Store ezihowustwa onlayini ngokuphleleyo okanye ngokungaphelelanga, zisenokuhlaziywa nanini na ngumphuhlisi we-aplikheshini kwaye zisenokungafuni imvume yakho ukuze zihlaziywe.
- iii. Uthelekelelo noPhononongo. Ukuba uhlela okanye uhlola i-aplikeshini okanye ezinye iiMveliso eziDijithali kwi-Store, ungafumana i-imeyili evela kwa-Microsoft equlathe iziqulatho ezivela kumpapashi we-aplikeshini okanye weeMveliso eziDijithali. Nayiphi na i-imeyili enjalo ivela kwa-Microsoft; asabelani ngedilesi yakho ye-imeyili nabapapashi bee-aplikheshini okanye beeMveliso eziDijithali obafumana kwi-Store.
- iv. ISilumkiso soKhuselo. Ukuze uphephe ukonzakala, ukuphatheka kakubi okanye ukuxhamleka kwamehlo okunokwenzeka, kufanele uthathe ikhefu ngamaxesha athile usuke kwiigeyimu nakwezinye ii-aplikheshini, ingakumbi ukuba uva iintlungu okanye ukudinwa ngenxa yokuzisebenzisa. Ukuba uziva ungaphathekanga kakuhle, thatha ikhefu. Ukungaphatheki kakuhle kuquka ukuziva unesicaphucaphu, unencilikithi, unesiyezi, udidekile, unentloko ebuhlungu, udiniwe, uxhamleka amehlo okanye amehlo akho omile. Ukusebenzisa ii-aplikheshini kungakuphazamisa okanye kukusithe kwizinto ezikungqongileyo. Phepha izinto ezinokukuwisa, izitephu, iisilingi ezisezantsi, izinto ezophukayo okanye zexabiso ezinokonakala. Yipersenti encinci kakhulu yabantu abanganohlaselo xa bebone imifanekiso ethile efana nezibane ezidanyazayo okanye iipateni ezingabonakala kwii-aplikeshini. Kwanabantu abangenayo imbali yohlaselo banganemeko engaxilongwanga engabangela uhlaselo. Iimpawu zingabandakanya ubudizi, ukubona ngenye indlela, ukudikizela, uxhuzulo okanye ukungcangcazela kwamalungu omzimba, ukubangathi ulahlekile, ukudideka, ukungabikho sezingqondweni okanye ukuzanyazanyiswa. Kwangoko yeka uyisebenzisa uze udibane nogqirha ukuba uthe wanayo nokuba yeyiphina kwezimpawu, okanye udibane nogqirha wakho phambi kokuba usebenzise ii-aplikeshini ukuba wakhe wanazo iimpawu ezinento yokwenza nohlaselo. Abazali kufanele bahlole ukusebenzisa kwabantwana babo imifuziselo yeempawu ze-aplikeshini.
Iifitsha Zosapho Zika-Microsoft
- c. Iifitsha Zosapho Zika-Microsoft . Abazali nabantwana bangasebenzisa iifitsha zosapho zika-Microsoft, kunye noKhuseleko loSapho lwakaMicrosoft, ukuze bakhe intembeko esekelwe kukuqondwa macala ukuba zeziphi iindlela zokuziphatha, iiwebhusayithi, ii-apps, imidlalo, iindawo ezifikelelekayo kunye nenkcitho elungele usapho lwabo. Abazali bangayila usapho ngokuya ku https://account.microsoft.com/family (okanye ngokulandela imiyalelo kwisixhobo sabo sika-Windows okanye kwi-Xbox console) baze bameme abantwana okanye abanye abazali ukuba bajoyine. Kukho iifitsha ezininzi ezifumanekayo kumalungu osapho, ngoko nceda uhlole le nkcazelo inikezelweyo ngocoselelo xa uvuma ukudala okanye ukungenela usapho naxa uthenga iiMveliso eziDigithali ukuze usapho lube nokufikelela. Ngokudala okanye ngokungenela usapho, uyavuma ukusebenzisa olu sapho ngokuambelana neenjongo zalo kwaye awusayi kulusebenzisa ngendlela engagunyaziswanga ukuze ungene ngokungekho mthethweni kwinkcazelo yomnye umntu. IiFitsha Zosapho zika-Microsoft zifumaneka kuphela ku-Microsoft Services ibe azinakuthunyelwa kwamanye amaqonga. Ngokomzekelo, iisethingi ze-Xbox ezingqamene ngqo Nokhuseleko Lwentsapho, ezo sethingi zisebenza kwiikhonsoli ze-Xbox, kwi-Xbox Cloud Gaming nakwi-app ye-Xbox ekwi-PC okanye kwiidivayisi ezimobhayili kodwa zingangafumaneki kwimidlalo ye-Xbox Game Studios okanye kwiinkonzo ezifikelelwa okanye ezidlalwa kwezinye iidivayisi okanye kwamanye amaqonga. Ukuze uqinisekise ukuba intsapho yakho idlala ngokukhuselekileyo, nceda uphawule iisethingi zabazali kwezi divayisi nakula maqonga.
Imiyalezo yeQela
- d. Imiyalezo yeQela. Intlaninge yeenkonzo zika-Microsoft zikuvumela ukuba uthumele imiyalezo kwabanye abantu ngelizwi okanye nge-SMS ("imiyalezo"), kwaye/okanye zivumele u-Microsoft kunye neenkampani eziphantsi kwakhe ukuba zithumele imiyalezo enjalo kuwe nakomnye okanye kwabanye abasebenzisi egameni lakho. XA UYALELA U-MICROSOFT KUNYE NEENKAMPANI EZIPHANTSI KWAKHE UKUBA BATHUMELE IMIYALEZO ENJALO KUWE OKANYE KWABANYE, UMELA KWAYE UYASIQINISEKISA UKUBA WENA NOMNTU NGAMNYE OSIYALELE UKUBA SIMTHUMELE UMYALEZO NIYAVUMA UKUFUMANA IMIYALEZO ENJALO NAYO NAYIPHI NA IMIYALEZO EBHALIWEYO YOLAWULO OLUMAYELANA NOKU EVELA KU-MICROSOFT KUNYE NEENKAMPANI EZIPHANTSI KO-MICROSOFT. "Imiyalezo ebhaliweyo yolawulo" yimiyalezo nonaniselwano yamaxesha athile evela kwiinkonzo ezithile zika-Microsoft, iquka kodwa ingaphelelanga "kumyalezo wolwamkelo" okanye imiyalelo yendlela yokuyeka ukufumana imiyalezo. Wena okanye amalungu eqela lakho angasanqweneliyo ukufumana le miyalezo ningakhetha ukuyeka ukufumana eminye imiyalezo evela ku-Microsoft okanye kwiinkampani eziphantsi ko-Microsoft nanini na ngokulandela le miyalelo inikezelweyo. Ukuba awusanqweneli ukufumana le miyalezo okanye ukuthatha inxaxheba kwiqela, uyavuma ukuba uya kuphuma ngokulandela le miyalelo inikezelweyo yilo nkqubo okanye zezo nkonzo zifanelekileyo. Ukuba unesizathu sokukholelwa ekubeni ilungu leqela alisanqweneli ukufumana le miyalezo okanye ukuthatha inxaxheba kwiqela, uyavuma ukulisusa kwiqela. Ukwamela kwaye uqinisekisa kuthi ukuba wena nomntu ngamnye osiyalele ukuba simthumele imiyalezo niyayiqonda into yokuba ilungu ngalinye leqela linoxanduva lweendleko zazo naziphi na iintlawulo zemiyalezo izivavanywe ngumboneleli weeselfowuni, kuquka naziphi na iintlawulo zemiyalezo yamazwe ngamazwe ezinokubakho xa imiyalezo ithunyelwa ukusuka kwiinombolo zaseMelika.
U-Skype, u-Microsoft Teams ne-GroupMe
- e. U-Skype, i-Microsoft Teams neGroupMe.
- i. IiNkonzo Zongxamiseko. Kukho iiyantlukwano ezibalulekileyo phakathi kweenkonzo zomnxeba wemobhayile okanye iinkonzo zefowuni eqhelekileyo kunye ne-Skype, i-Microsoft Teams kunye ne-GroupMe. Phantsi kwemithetho yasekuhlaleni okanye ekazwelonke, imigaqo okanye umthetho, u-Microsoft ubopheleleke ukuya kutsho kumkhamo othile ukuba abonelele ngeenkonzo zongxamiseko ezifana nokufowunela u-911 okanye 112 kwimeko yongxamiseko ("IiNkonzo Zongxamiseko") kusetyenziswa u-Skype, u-Microsoft Teams kunye n-GroupMe. Ziinguqulelo zesoftwe ka-Skype to Phone ezilinganiselweyo ezixhasa ukufowunela iiNkonzo Zongxamiseko kumazwe ambalwa kwaye kuxhomekeka kwiqonga elisetyenziswayo. Iinkcukacha malunga nokufumaneka kunye nendlela yokuyisetya le fitsha ungazifumana apha: https://www.skype.com/go/emergency. Ukuba uyaphumela xa usebenzisa u-Skype to Phone kwimeko yongxamiseko, kuza kufuneka ubonelele ngeenkcukacha zendawo okuyo ngokobuqu ukuze iinkonzo zongxamiseko zikwazi ukuza kukunceda.
- ii. Ii-API okanye Usasazo. Ukuba ufuna ukusebenzisa isishicileli i-Skype kunye nemveliso ekunxibelelaneni nangaluphi na ukusasazwa, kufuneka uhambisane ne "Broadcast TOS" https://www.skype.com/go/legal.broadcast. Ukuba ufuna ukusebenzisa nayiphi na inkqubo yoqwalaselo lwenkqubo ("API") eveziweyoo okanye eyenziwe yafumaneka ngu Skype kufuneka uhambisane nemigqaliselo efanelekileyo yelayisenisi, ekhoyo e www.skype.com/go/legal.
- iii. Imigaqo-nkqubo Yokusebenzisa Ngobulungisa. Imigaqo-nkqubo yokusetyenziswa eyiyo ingasebenza kwisisshicileli i-Skype kunye nemveliso. Nceda uphonononge le migaqo eyilelwe ukukhusela ubuqhetseba nokusebenzisa gwenxa kwaye ingabeka iminyino kuhlobo, kwixesha okanye kumyinge weminxeba okanye kwimiyalezo okwazi ukuyithumela. Le migaqo idityaniswe kule Mimiselo ngokufunisa. Ezi polisi ungazifumana ku https://www.skype.com/go/terms.fairusage/.
- iv. Ukusebenzisela Isiqu/Okungekuko Okorhwebo. Ukusetyenziswa kwesishicileli i-Skype kunye nemveliso kukusetyenziswa ngokokwakho kunye nokungashishini ngayo. Uvumelekile ukuba usebenzise u-Skype emsebenzini usenzela uthungelwano lwakho loshishino.
- v. INombolo ye-Skype/i-Skype To Go. Ukuba U Microsoft ukunikezela ngeNombolo ye-Skype okanye inombolo ye-Skype To Go, uyavuma ukuba awungonini wenombolo okanye uwunalungelo lokugcina le nombolo ngonaphakade. Kwamanye amazwe, inombolo ingenziwa ifumaneke kuwe liqabane lika Microsoft hayi ngu Microsoft, kwaye unokufuna ukungena kwisivumelwano esahlukileyo kunye neliqabane. Ngeenkcukacha ezingakumbi nge-Skype Number jonga https://go.skype.com/home.skype-number.
- vi. I-Skype Manager. I-Akhawunti yoLawulo loMphathi ka-Skype yenziwe kwaye ilawulwa nguwe, usebenza njengomlawuli oyedwa weqela laBaphathi baka-Skype ungeloziko loshishino. Unganxibelelanisa i-akhawunti yokobuqu ka-Microsoft ("kwi-Akhawunti eNxibelelanisiweyo") yeqela laBaphathi baka-Skype. Ungachonga abalawuli abongezelelweyo kwiqela lakho laBaphathi baka-Skype ngokuxhomekeke ekuvumeni le Mimiselo. Ukuba uhambisa iiNombolo zika-Skype kwi-Akhawunti eNxibelelanisiweyo, unoxanduva lokuthotyelwa kwazo naziphi na iimfuno ezimayelana nendawo yokuhlala okanye abakuyo abasebenzisi bakho be-Akhawunti eNxibelelanisiweyo. Ukuba ukhetha ukuphelisa unxibelelwano lwe-Akhawunti eNxibelelanisiweyo kwiqela laBaphathi baka-Skype, nobuphi na ubulungu obuhanjisiweyo, iKhredithi ka-Skype okanye iiNombolo zika-Skype azisayi kukhupheka kwaye iZiqulatho Zakho okanye izinto ezayanyaniswa nezi-akhawunti zipheliselwe unxibelelwano azisayi kufikeleleka kuwe. Uyavuma ukusebenza naziphi na iinkcukacha zokobuqu zabasebenzisi bakho be-Akhawunti eNxibelelanisiweyo ngokwemithetho esebenzayo yokukhuselwa kweengcombolo. I-Skype Manager yakho inganqunyanyiswa ukuba amalungu ayasilela ukuthobela Indlela Yokuziphatha equlethwe kule MSA.
- vii. IMirhumo ye-Skype. Onke amaxabiso eemveliso ze-Skype ezihlawulwayo aquka irhafu esebenzayo, ngaphandle kokuba kuchazwe ngenye indlela. Iimirhumo ehlawulwa ngokufowunela iminxeba engaphandle yomrhumo iquka umrhumo woqhagamshelo (ohlawuliswa kanye ngomnxeba) nexabiso lomzumzu njengoko limiselwe kwi www.skype.com/go/allrates. Imirhumo yomnxeba iyakutsalwa kwibhalansi yeKhredithi yakho ye-Skype. U Microsoft angatshintsha amaxabiso akhe okufowuna nanini na ngokuthumela olo tshintsho kwi www.skype.com/go/allrates. Ixabiso elitsha lizakusebenza kumnxeba wakho olandelayo emva kokupapashwa kwamaxabiso amatsha. Nceda ukhangele amaxabiso akutshanje phambi kokuba ufowune. Umnxeba wemizuzu eqhezukileyo nemirhumo yamaqhezu iyakusiwa kwelona nani lisondeleyo. Kwamanye amazwe, iimveliso ezihlawulelwayo ze-Skype zinikezelwa liqabane lasekuhlaleni lika Microsoft kunye nemimmiselo yokusetyenziswa kweliqabane izakufakwa kuloo ntengiso. Nangona kuchazwe oku kungasentla, unganalo ilungelo, phantsi komthetho osebenzayo, lokuba xa ucela ufumane imali mbuyiselo yayo yonke imirhumo eshiyekileyo, ukuba kunokwenzeka utshintshele i-Skype Number yakho iye konye umboneleli weenkonzo.
- viii. IKhredithi ye-Skype. U-Microsoft akaqinisekisi ukuba uya kukwazi ukusebenzisa ibhalansi ye-Skype Credit ukuze uthenge yonke imveliso ye-Skype ehlawulelwayo njengoko iimveliso ezihlawulelwayo zingatshintsha amaxesha ngamaxesha. Ukuba awusebenzisi i-Skype Credit yakho kwixesha leentsuku eziyi-180, u Microsoft uzakubeka i-Skype Credit yakho kwimo engasebenziyo. Unga ungenza isebenze kwakhona iKhredit ye-Skype ngokulandela ilinki yokwenza isebenze kwakhona ku https://www.skype.com/go/store.reactivate.credit. Ukuba ufakwe e-Japan uze uthenge iKhredithi ye-Skype kwiwebhusayithi ye-Skype, ezi zivakalisi zibini zingaphambili azibhekisi kuwe kwaye iKhredithi yakho ka-Skype iya kuphelelwa kwiintsuku ezili-180 emva komhla wokuyithenga. Yakube ikhredithi yakho iphelelwe, awusayi kukwazi ukuphinda uyivuselele okanye uyisebenzise. Ukuba iakhawunti yakho ka-Microsoft ivaliwe, nangasiphi na isizathu, nayiphi i-Skype Credit engasetyenziswanga neyayanyaniswa ne-akhawunti yakho ka-Microsoft iya kukulahlekela ingabinakukhutshwa. I-Skype Credit azinakufuduselwa kwabanye abantu.
- ix. I-Skype Dial Pad. Ungasebenzisa i-Skype Dial Pad xa unomrhumo osebenzayo okanye ngokusebenzisa i-Skype Credit emva kokupheliswa kwe-Skype efumaneka kwiikhompyutha nakwiiaplikeyshini ezimobhayili. I-Skype Dial Pad yimveliso ka-Skype kwaye unokuyifikelela kuMicrosoft Teams okanye usebenzisa i-intanethi.
- x.Iintlawulo zeMiyalezo yaMazwe ngaMazwe. U-GroupMe ngoku usebenzisa iinombolo eziseMelika ngeqela ngalinye elenziweyo. Umyalezo obhaliweyo ngamnye othunyelwa okanye ovela kwinombolo ka-GroupMe uya kubalwa njengomyalezo obhaliweyo wamazwe ngamazwe othunyelwe okanye ovela eMelika. Ngokuxhomekeka kwindawo okuyo, u-Microsoft Teams kungenzeka usebenzisa inombolo yefowuni enokubalwa ngathi ngumyalezo wamazwe ngamazwe. Nceda ubuze kumboneleli wkaho ngeentlawulo ezayanyaniswa nizamazwe ngamazwe.
- xi. I-SMS ku-Microsoft Teams. Xa kuthunyelwa imiyalezo eneenombolo zase-Australia, U-Microsoft Teams angasebenzisa iinombolo zase- Australia ezibonelelwa yi-Belgacom International Carrier Services SA. enendawo yoshishino engundoqo ese-Boulevard du Roi Albert II, 27 1030, Bruxelles Belgium ("BICS"). U-Microsoft neenkampani azilawulayo akalohlakani le-BICS.
I-Bing neMSN
- f. I-Bing neMSN.
- i. I-Bing Neemathiriyeli Ze-MSN. Amanqaku, imibhalo, iifoto, iimaphu, iividiyo, abadlali bevidiyo kunye nematheriyeli yomnye umntu efumaneka ku-Bing no-MSN, kuquka nafumaneka, ngee-bot, ii-aplikheshini neenkqubo zika-Microsoft, enzelwe ukusetyenziselwa kuphela ezobuqu nezingezizo ezoshishino. Olunye usetyenziso, kuquka ukukhuphela, ukukopa okanye ukuphinda kuhanjiswe imatheriyeli, okanye ukusebenzisa le matheriyeli okanye ezi mveliso ukwakha ezakho iimveliso, luvumeleke kuphela kangangoko kugunyazisiwe ngu-Microsoft okanye ngabo banamalungelo, okanye kuvunyelwe ngumthetho wekopi osebenzayo. U-Microsoft okanye abanye abantu abanamalungelo banawo onke amalungelo kwimathiriyali enganikwanga ngokuvakalisiweyo ngu-Microsoft ngaphantsi kwemimiselo yephepha-mvume, nokuba kungokuqukayo, igatya lomthetho elithintela omnye ekukhanyeleni into ethile, okanye ngenye indlela.
- ii. I-Bing Maps. Usengabinako ukusebenzisa imifanekiso ye-Bird's eye yase-United States, eKhanada, eMexico, eNew Zealand, e-Australia okanye eJapan uyisebenzisele urhulumente ngaphandle kwemvume yethu ebhaliweyo esecaleni.
- iii. Ii-Bing Places. Xa unikezela ngeDatha yakho okanye iZiqulatho Zakho kwi-Bing Places unika u-Microsoft ilayisensi yobutyebi bengqondo anokuyisebenzisa ehlabathini jikelele ngaphandle kokuyihlawulela, aphinde ayivelise, ayigine, ayitshintshe, ayinyuse, ayipromowuthe, ayigqithise, abonise ngayo aze ahambise iDatha neZiqulatho Zakho (kuquka amalungelo obunini abangababhali kwiDatha yakho nakwiZiqulatho Zkho); aze abonelele ngelayisensi kwabanye ngayo nawaphi okanye onke amalungelo angasentla.
I-Cortana
- g. I-Cortana.
- i. Ukusebenzisa kwesiqu okuNgekuko okoRhwebelwano. I-Cortana yiNkonzo yokuncedisa yoBuqu yakwa-Microsoft. IIfitsha, iinkonzo kunye neziqhulatho ezinikezelwa ngu Cortana (Zizonke "iNnkozo ze Cortana") zozekusetyeniswa nguwe kuphela hayi ngokoshishino.
- ii. Umsebenzi kunye neZiqulatho. I-Cortana inikezela ngoludwe lweefitsha, ezinye zazo zilungiselelwe umntu wazo. IiNkonzo ze Cortana zingakuvumela ukuba ufikelele kwiinkonzo, ulwazi okanye ukusebenza okunikezelwa zezinye iinkonzo ze-Microsoft okanye ii-App zangaphandle. ImiMiselo eyenzelwe kanye iinkonzo ekwicandelo 13 nayo ibhekisa ekusebenziseni kwakho iiNkonzo zika-Microsoft ezisebenzayo ezifikeleleka ngeeNkonzo ze-Cortana. I-Cortana ibonelele ngeenkcukacha zeenjongo zokucwangcisa zakho kuphela kwaye kufuneka usebenzise ingqiqo eyeyakho ezimeleyo xa uphonononga naxa uxhomekeka kwezi nkcukacha. U-Microsoft akaqinisekisi ngoxhomekeko, ngokufumaneka okanye amaxesha amava angawobuqu abonelelwa yi-Cortana. U Microsoft akaxanduva ukuba ifitsha ye-Cortana iyalibaziseka okanye iyakuthiintela ekufumaneni, ukuphonononga okanye ukuthumela unxibelelwano okanye isaziso, okanye ukufumana inkonzo.
- iii. Ii-Apps neeNkonzo zaBanye aBantu. Njengenxalenye yokunikezela ngeenkonzo ze Cortana, u Cortana unokuphakamisa kwaye akuncede usebenze kunye nee-App zangaphandle neNkonzo (izakhono zenkampani yangaphandle okanye iinkonzo ezixhunyiwe). Ukuba uyakhetha, u Cortana angatshintshisisa ulwazi ngeeNkqubo zokusebenza zeQbane kunye neeNkonzo, njengekhowudi yakho yeefayili kunye nemibuzo kunye neempendulo ezibuyiselwe yi-App yangaphandle kunye neeNkonzo, ukukunceda ufumane iinkonzo eziceliwe. U Cortana unokukunceda ukuba wenze ukuthenga nge-App zeqabane kunye neeNkonzo usebenzisa ukukhetha kwe-akhawunti kunye nezicwangciso ezinzile ngokuchanekileyo kunye neeNkqubo zokusebenza zeqabane kunye neeNkonzo. Ungaqhawula inkonozo yakho ye-Cortana kwii-App zangaphandle kunye neeNkonzo nanini na. Ukusebenizsa kwakho iiNkozo ze Cortana ukuqhakamshela kwii-App neeNkozo zangaphandle kuhambelana necandelo 5 laleMimmiselo. Abapapashi bee-Apps kunye neeNkonzo zaBanye aBantu basenakho nokutshintsha okanye nokuyekisa umsebenzi okanye uphawu lwee-Apps kunye neeNkonzo zaBanye aBantu okanye itlanganisela kunye neeNkonzo ze-Cortana. U-Microsoft akanaxanduva okanye tyala ngezi softwe okanye femwe zabanye abantu.
- iv. Izixhobo eziVula i-Cortana. Izixhobo ezisebenzisa i-Cortana ziimveliso okanye izixhobo ezikwazisiweyo ukufikelela kwiiNkonzo ze-Cortana, okanye ziimveliso okanye izixhobo ezihambelana neeNkonzo ze-Cortana. Izixhobo ezivula i-Cortana ziquka izixhobo okanye iimveliso zabanye abantu ezingezizo ezika-Microsoft, angazivelisiyo okanye angaziphuhlisiyo. U-Microsoft akanaxanduva okanye tyala ngezi zixhobo okanye ngezi mveliso zabanye abantu.
- v. Uhlaziyo lweSoftwe. Singaqwalasela ngokuzenzekelayo inguqulelo yakho yesishicilei se Cortana kwaye ukhuphele uhlaziyo lwesishicileli okanye ukuguqulwa koqwalaselo okanye ufuna ukuba ngabaphikisi beCortana banike amandla amadivaysi ukugcina isishicileli seeNkonzo ze Cortana.
Ii-App zika-Microsoft 365 NeeNkonzo
- h. Ii-App zika-Microsoft 365 NeeNkonzo.
- i. IMimiselo Yokusebenzisa. U-Microsoft 365 Family, u-Microsoft 365 Personal, u-Office 365 Basic, u-Sway, u-OneNote.com kunye naziphi na ezinye ii-app zika-Microsoft 365 okanye iiNkonzo okanye iiNkonzo ezisebenzisa igama lika-Office zenzelwe ukusetyenziselwa okobuqu, okungekuko okoshishino, ngaphandle kokuba unamalungelo okuzisebenzisela ushishino phantsi kwesivumelwano esizimeleyo no-Microsoft. Ukusebenzisa ii-apps ezinje ngo-Word, u-Excel, u-Powerpoint, u-Outlook, u-OneDrive, u-Access kunye noPublisher kuMicrosoft 365 Personal kunye nezinye iiNkonzo ezirhunyelwayo zeMicrosoft 365 zilawulwa yimimiselo yelayisensi eyongezelelweyo eku https://aka.ms/useterms kunye nale Mimiselo.
- ii. IMimiselo Eyongezelelekileyo ka-Outlook. U-Outlook uquka ukusebenzisa i-Bing Maps. Nayiphi na ikhontenti ebonelelwa kusetyenziswa i-Bing Maps, kuquka iikhowudi zeendawo, ingasetyenziswa kuphela kwimveliso ebonelela ngekhontenti. Ukusebenzisa kwakho i-Bing Maps kulawulwa yiMimiselo Yomsebenzisi ka-Bing Maps efumaneka e go.microsoft.com/?linkid=9710837 kunye noxwebhu luka-Microsoft Lobumfihlo olufumaneka e go.microsoft.com/fwlink/?LinkID=248686.
Iimveliso zeKhompyutha
- i. Iimveliso zeKhompyutha. Ngo-Microsoft Groove, u-Microsoft Movies & TV, i-Store, iinkonzo ze-Xbox kunye nazo naziphi na ezinye iinkonzo ezinxulumeneyo zexesha elizayo, u-Microsoft anokwenza uzifumane, uzimamele, uzibone, uzidlale okanye uzifunde (loo nto uyenzayo) umculo, imifanekiso, iividiyo, imibhalo, iincwadi, iigeyimu okanye ezinye izinto ("Iimveliso zeKhompyutha") osenokuzifumana ngesimo sedijithali. Iimveliso zeKhompyutha zezakho kuphela, zisetyenziselwa ukuzonwabisa okungeloshishino. Uyavuma ukuba awusayi kuphinda uzihambise, uzisasaze, uzenze elubala okanye uzibonise elubala okanye uzigqithise naziphi na iikopi zeMveliso yeKhompyutha. Iimveliso zeKhompyutha zisenokuba zezika-Microsoft okanye zezomnye umntu. Kuzo zonke iimeko, uyayiqonda kwaye uyivuma into yokuba amalungelo akho ngokuphathelele kwiiMveliso zeKhompyutha anyiniwe yile Mimiselo, ngumthetho wamalungelo ekopi kunye neMithetho yokuSebenzisa efumaneka ku- https://go.microsoft.com/fwlink/p/?LinkId=723143. Uvumile ukuba awusayi kuzama ukutshintsha naziphi na iiMveliso zeKhompyutha ozifumene ngayo nayiphi na kwezi Nkonzo, nangaso nasiphi na isizathu, kuquka nangesizathu sokufihla okanye sokutshintsha ubumnini okanye uvimba weeMveliso zeKhompyutha. U-Microsoft okanye abanini bezi Mveliso zeKhompyutha basenakho ngamanye amaxesha ukuzisusa iiMveliso zeKhompyutha kweze Nonzo ngaphandle kokunikezela ngesaziso.
I-Microsoft Storage
- i. I-Microsoft Storage.
- i. Ukunikezelwa kukaVimba ku-OneDrive. Ukuba uneziqulatho ezingaphezulu ezigcinwe kwiakhawunti yakho ye-OneDrive kunoko ukubonelelwayo phantsi kwemimiselo yeenkonzo zakho ezisimahla okanye ezihlawulelwayo ze-Microsoft storage kwaye awuphenduli kwisaziso esivela ku-Microsoft sokulungisa iakhawunti yakho ngokususa iziqulatho ezingaphaya kokumiselweyo okanye ngokutshintshela kwisicwangciso somrhumo esitsha esinovimba ongakumbi, sinelungelo lokuyivala iakhawunti yakho kwaye sicime okanye sivale ukungena kwakho kwiZiqulatho Zakho ze-OneDrive. Funda okungakumbi ngomda wokugcina ku-Mcrosoft storage apha (https://prod.support.services.microsoft.com/office/how-does-microsoft-storage-work-2a261b34-421c-4a47-9901-74ef5bd0c426).
- ii. Intsebenzo yeeNkonzo ka-OneDrive. Ngokuxhomekeke kwizinto ezifana nezixhobo zakho, unxibelelwano lwe-intanethi kunye nemizamo ka-Microsoft yokugcina intsebenzo kunye nokunyaniseka kweenkonzo zakhe, usenakho kumaxesha athile ukufumana ukulibaziseka xa ulayisha okanye ungqamanisa iziqulatho ku-OneDrive.
- iii. Ukunikezelwa kukaVimba ku-Outlook.com. Ukuba ugqitha ngapha komda wovimba we-imeyile ka-Outlook.com okanye uyadlula kumda ka-Microsoft storage obonelelwa simahla okanye owurhumelayo, awuzukwazi ukuthumela okanye ukufumana imiyaleze de ususe iziqulatho ezingaphezulu komda okanye utshintshele kumrhumo omtsha onovimba owaneleyo. Ukuba uyasulela ukususa iziqulatho ezidlulayo kumda okanye uyasilela ukufumana uvimba owongezelelekileyo emva kokufumana isaziso ku-Microsoft, sinelungelo lokucima okanye senze ungakwazi ukufikelela kwiZiqulatho Zakho. Funda okungakumbi ngomda wokugcina ku-Mcrosoft storage apha (https://prod.support.services.microsoft.com/office/how-does-microsoft-storage-work-2a261b34-421c-4a47-9901-74ef5bd0c426).
I-Microsoft Cashback
- k. I-Microsoft Cashback. Inkqubo ye-Microsoft Cashback ("Cashback") ibangela ukuba abathengi bakwa-Microsoft bafumane amabhaso okubuyiselwa imali xa bethenga kwiivenkile ezithatha inxaxheba besebenzisa iimveliso neenkonzo ezithile zika-Micorosft ezinjengo-Bing.com no-Microsoft Edge. Ngokubhalisela i-Cashbak okanye ukuvulela isibonelelo seCashback, uyayamkela ibe uyayivuma Imimiselo Nemiqathango yeConditions (https://www.microsoft.com/bing/rebates-terms). Iimfaneleko ezithile, izithintelo nokunye ukulinganiseleka kuyasebenza ekuthatheni kwakho inxaxheba kwi-Cashback; ngenkcazelo engakumbi jonga i-Cashback FAQ (https://www.bing.com/rebates/faq).
I-Microsoft Rewards
- l. I-Microsoft Rewards.
- i. Inkcazelo Jikelele. Kusimahla ukuzibandakanya nenkqubo ebizwa Microsoft Rewards ("Inkqubo Yembuyekezo"), ibe ikuvumela ufumane amanqaku ("Amanqaku") kwezinye izinto ezenziwayo nokuwasebenzisela izinto zobuqu ezinye iimveliso neenkonzo zika-Microsoft. Ukuba akhawunti ye-Microsoft ibe uhlala kuMmandla othatha inxaxheba (uchazwe ngezantsi), uza kubhaliswa kwiNkqubo Yembuyekezo ngokuzenzekelayo kwaye ungaqalisa ukuzuza Amanqaku ngoko nangoko. Unokukurhoxisa nanini naukuthatha inxaxheba kwakho kwiNkqubo Yembuyekezo, ngokulandela le miyalelo ingezantsi.
- ii. Amanqaku ungawasebenzisa ngeendlela ezahlukahluhlukeneyo ("Iindlela Zokusebenzisa Amanqaku"), kuquka ukuwasebenzisa kwiimveliso neenkonzo ezithile ezidweliswe Kwikhasi Lokusebenzisa Amaqaku ku https://aka.ms/redeemrewards ("Imbuyekezo"). Ukuze ukufanelekele ukusebenzisa Amanqaku akho kuyo nayiphi Indlela Yokusebenzisa Amanqaku, umele uqale wenze isebenze iakhawunti yakho yeNkqubo Yembuyekezo ("iAkhawunti Yembuyekezo") kwindawo ethi iDeshibhodi Yembuyekezo ku https://rewards.microsoft.com/ okanye kwiiwebhusayithi nakumakhasi athile ka-Microsoft. Awubhatali ukuze wenze iAkhawunti Yembuyekezo isebenze.
- iii. Imiqathango nokulinganiseleka okuthile kuyasebenza ekufumaneni, ekusebenziseni nakwezinye iindlela zokusebenzisa Amanqaku kwiNkqubo Yembuyekezo. Ukufumana inkcazelo engakumbi jonga icandelo leMbuyekezo kwi https://support.microsoft.com ("FAQ").
- iv. Izinto Ezifunekayo. Kufuneka ube akhawunti esebenzayo ye-Microsoft ibe umele uhlale komnye wemimandla edweliswe kwindawo ethi FAQ ("Imimandla") ukuze wenze iAkhawunti Yembuyekezo isebenze okanye usebenzise Amanqaku. Unokuvula uze usebenzise iAkhawunti Yembuyekezo enye nokuba uneedilesi ze-imeyile ezininzi. Umzi ngamnye ulinganiselwe ekusebenziseni kwiiAkhawunti Zembuyekezo ezintandathu. INkqubo Yembuyekezo yenzelwe kuphela ukusetyenziselwa izinto zobuqu kungekhona kwezorhwebo. Ukusebenzisa inethiwekhi efihliweyo (VPN) okanye enye iteknoloji okanye inkonzi enokusetyenziswa ukufihla indawo okuyo kungaphumela ekubeni iAkhawunti Yembuyekezo yakho irhoxiswe uze uphulukane naManqaku owafumeneyo.
- v. Ukufumana Amanqaku. Unokunikwa amathuba okufumana Amanqaku kwizinto ezithile ezifanelekayo ("Izibonelelo"), ezifana nokuKhangela, Ukuthenga, ukusebenzisa iimveliso neenkonzo ezithile zika-Microsoft kunye namanye amathuba akwa-Microsoft. Kufuneka ube neAkhawunti Yezibonelelo esebenzayo ukuze ukwazi ukuxhamla kwezi Zibonelelo. Emva kokufikelela iimfaneleko zeZibonelelo ezithile, kusenokufuneka ubange Amanqaku kwiDeshibhodi Yembuyekezo ngaphambi kokuba Amanqaku afakwe kwi-Akhawunti yakho Yembuyekezo. Ukusilela ukubanga Amanqaku lingekapheli ixesha elichazwe nguMicrosoft kungabangela ukuba uwaphose Amanqaku. Izibonelelo Ezifanelekayo zingohluka ngokoMmandla kwaye zingafumaneka kangangexesha elithile okanye zibe phantsi kweminye imiqathango. Kufuneka uthobele yonke imimiselo nemiqathango Yesibonelelo esithile ukuze ufumane Amanqaku aphuma neso Sibonelelo. Unokuboniswa Amanqaku ngqo kwiDeshibhodi Yembuyekezo okanye xa usebenzisa iimveliso neenkonzo zika-Microsoft ezithile. Amaxesha ngamaxesha, u-Microsoft angakubonelela okanye akunike Amanqaku awongezelelekileyo ngokokubona kwakhe yedwa enoba uqale wanikezela ngesaziso okanye akakhange anikezele ngaso, kuquka ngokukhangela apho u-Microsoft egqiba kukuba Kukukhangela ngenjongo kunye nolunye unxibelelwano neenkonzo zika-Microsoft.
- vi. Ngokweenjongo zeNkqubo Yezibonelelo, "Ukukhangela" kuthetha xa umntu efaka amagama ngokwakhe ngenjongo ethembekileyo yokufumana iziphumo esebenzisa uBing ngeenjongo zakhe zokukhangela; "Ukukhangela" akuquki ukukhangela okungenanjongo okanye okungenziwa ngeenjongo zophando lobuqu okanye ukukhangela okwenziwa nge-bot, imacro okanye ezinye iindlela ezizenzekelayo okanye zalo naluphi na uhlobo lobuqhetseba. Ngeenjongo Zenkqubo Yembuyekezo "Ukuthenga" yinkqubo yokuthenga iimveliso okanye yokukhuphela kunye nokuthenga ilayisensi yeziqulatho ezidijithali ngqo ku-Microsoft, nokuba zisimahla okanye ziyahlawulelwa. Amanqaku akanikezelwa ngayo yonke into Ethengwayo kwa-Microsoft ibe imiqathango ethile iyasebenza.
- vii. Imiqathango Nokulinganiseleka Kwamanqaku. Amanqaku anikezelwa ngu-Microsoft kwiAkhawunti Yembuyekezo enye ibe awanakuthunyelwa kuye nawuphi na omnye umntu okanye kuyo nayiphi na iarhente. Nangona kukho oku kungasentla, ngamaxesha athile u-Microsoft angathi ngokwesigqibo sakhe yedwa akuvumele (i) wabelane ngaManqaku akho kunye nabantu ohlala nabo endlini (kusenokubakho izithintelo ezithile), (ii) anikele ngaManqaku akho ukuze axhase intlangano engenzi nzuzo echazwe kwiKhasi Lokusebenzisa Amanqaku, okanye (iii) ngokuxhomekeka kuMmandla okuwo ibe nangokuxhomekeka kwimimiselo nemiqathango, asebenzise onke okanye Amanqaku akho athile kwezinye iinkqubo zembuyekezo okanye iinkqbo zokuthembeka kwabathengi kuquka iinkqubo eziphethwe ngu-Microsoft okanye amaqela angaphandle agunyazisiweyo. Ngalo lonke ixesha Amanqaku ahlala engaka-Microsoft ibe awayiyo impahla yakho yobuqu; awanalo ixabiso elilingana nemali kwaye awunakufumana nayiphi na imali ezinkozo okanye imali xa utshintshisa ngawo. Amanqaku anikezelwa kuwe ngeenjongo zokukhuthazwa kwentengo kuphela. Awunakho ukuwathenga Amanqaku. U-Microsoft angalinganisela inani laManqaku okanye Leembuyekezo ezinokufunyanwa okanye ezinokusetyenziswa ngumntu omnye, ngabantu abahlala endlini enye okanye kwixesha elithile (umz. ngosuku) ukuba loo nto ayikwenzi uchanabeke xa kusenziwa ngeenjongo ezintle; nceda ujonge icandelo elithi FAQ ukuze ubone imiqathango ekhoyo ngoku. Ngaphandle kokuba Isibonelelo okanye Indlela Yokusebenzisa Amanqaku itsho ngenye indlela, Amanqaku owafumeneyo kule Nkqubo akasebenzi, kwaye akunakuwasebenzisa edibene, nayo nayiphi na inkqubo ebonelelwa ngu-Microsoft okanye ngabanye abantu. Amanqaku angasetyenziswanga anxulumene neAkhawunti Yembuyekezo yakho ayaphelelwa ukuba awufumani okanye awusebenzisi nawaphi na Amanqaku akwiAkhawunti Yembuyekezo yakho kangangeenyanga ezili-12 ezilandelelanayo.
- viii. Ukuzisebenzisa. Ukhetho Lweendlela Zokusebenzisa Amanqaku luza kwenziwa lufumaneke kuwe kwiKhasi Lokusebenzisa Amanqaku nakwiiwebhusayithi ezithile nakumakhasi athile ka-Microsoft. Kufuneka ufumane kuze kufumaneke onke Amanqaku afunekayo kwiAkhawunti Yembuyekezo yakho nakwiNdlela Yembuyekezo ngaphambi kokuba usebenzise Amanqaku akho kuloo Ndlela Yembuyekezo. Kusenokubakho inani elincinci laMabhaso afumanekayo, kwaye loo Mabhaso aya kuhanjiswa ngokwalowo ufike kuqala. Kusenokufuneka unikezele ngeenkcukacha ezithe vetshe, njengedilesi yakho ye-imeyili kunye nenombolo yefowuni (ngaphandle kwe-VOIP okanye kwenombolo esimahla), kwaye usenakho nokucelwa ukuba ufake ikhowudi yokuthintela ubuqhophololo okanye usayine amaxwebhu ezomthetho awongezelelekileyo ukuze utshintshise Amanqaku kwiiNdlela Ezithile Zokusebenzisa Amanqaku. Wakube uwasebenzisile Amanqaku akho, awunakho ukurhoxisa okanye ubuyisele Indlela Yokusebenzisa Amanqaku ukuze ubuyiselwe Amanqaku ngaphandle kwaxa iimveliso zimoshakele okanye njengoko kufuneka ngokomthetho osebenzayo. Ukuba ukhethe Indlela Yokusebenzisa Amanqaku engekhoyo kwistokho okanye engafumanekiyo ngenxa yezinye izizathu, sisenokutshintsha Indlela Yokusebenzisa Amanqaku ngenye endaweni yayo ngexabiso elilinganayo okanye sikubuyisele amanqaku akho ngokokubona kwethu kuphela.
- ix. U-Microsoft angahlaziya okanye ayeke ukubonelela ngeNdlela Zokusbeenzisa Amanqaku ezithile ngalo naliphi na ixesha nangaso nasiphi na isizathu. Ezinye Iindlela Zokusebenzisa Amanqaku zisenokuba neemfaneleko zeminyaka yobudala okanye umMandla okanye eminye imimiselo nemiqathango ukuze zisetyenziswe. Naziphi na iimfaneleko okanye imiqathango enjalo iya kuqukwa kwisibonelelo saloo nto iza kusetyenziswa. Unoxanduva lwazo zonke iirhafu zikarhulument, zequmrhu nezasekuhlaleni kunye nazo naziphi na ezinye iindleko zokwamkela nokusebenzisa Indlela Yokusebenzisa Amanqaku. Imbuyekezo ziya kuthunyelwa nge-imeyile kwidilesi ye-imeyile ehambelana ne-Iakhawunti yakho ye Microsoft, ngoko gcina idilesi yakho ye-imeyile isexesheni. AMabhaso angahanjiswanga akasayi kuphinda akhutshwe kwaye ke ngoko uyakulahlekelwa ngawo. Imbuyekezo azinakuphinda zithengiswe. Ungatshintshisela Amanqaku angadlulanga ku-550,000 ngonyaka wekhalenda kule Nkqubo Yembuyekezo.
- x. Ukurhoxisa IAkhawunti Yakho Yamanqaku. Ukuba awusanqweneli ukuthatha inxaxheba kwiNkqubo yaManqaku, landela le miyalelo ku iphepha lokukhetha ukungazibandakanyi (https://rewards.microsoft.com/optout) ukuze urhoxise iAkhawunti yakho Yembuyekezo. Ukuba urhoxisa iAkhawunti Yembuyekezo, uza kuphulukana nawo onke Amanqaku owafumeneyo ngoko nangoko ibe uza kungakwazi ukufumana Amanqaku amatsha kwixesha elizayo. Ukuze uphinde ufumane Amanqaku, kufuneka uvule iAkhawunti Yembuyekezo entsha (kodwa u-Microsoft akazuwabuyisa Amanqaku obuphulukene nawo). IAkhawunti Yembuyekezo ingarhoxiswa (uze uphulukane naManqaku) ukuba awungeni Iakhawunti yakho ye-Microsoft kangangeenyanga ezili-12 ezilandelelanayo.
- xi. Utshintsho Kwinkqubo okanye Ukuyekiswa Kwayo. U-Microsoft unelungelo lokutshintsha, lokuyekisa okanye lokurhoxisa iNkqubo Yembuyekezo okanye nayiphi na inxalenye yayo, ngalo nangaliphi na ixesha ngokokubona kwakhe qha ibe engakhange anikezele isaziso kwangaphambili. Sekunjalo, ukuba iNkqubo Yembuyekezo iyarhoxiswa okanye iyayekiswa, siza kwenza iinzame ezisengqiqweni ukukwazisa nge-imeyile nakwiDeshibhodi Yeembuyekezo size sikunike iintsuku ezingama-90 ubuncinane ukuze usebenzise Amanqaku akho, ngaphandle kokuba sigqiba ngokuba ukurhoxisa okunjalo kumelwe kwenziwe ngoko nangoko ngenxa yezizathu ezingokomthetho okanye zokhuseleko.
- xii. Eminye Imimiselo. U-Microsoft unelungelo lokurhoxisa ngoko nangoko iAkhawunti Yembuyekezo yakho, akuyekise ukuba uthathe inxaxheba kwiNkqubo Yembuyekezo yexesha elizayo, uphulukane naManqaku owafumeneyo aze arhoxise okanye anqumamise nayiphi Indlela Yokusebenzisa Amanqaku oyifumene ngeNkqubo Yembuyekezo ukuba u-Microsoft ukholelwa ukuba uye waqhaqha, waxhaphaza, wenza ubuqhetseba kuyo nayiphi na inxalenye yeNkqubo Yembuyekezo okanye uye wophula le mimiselo. U-Microsoft unelungelo lokurhoxisa okanye lokunqumamisa nayiphi Indlela Yokusebenzisa Amanqaku oyifumeneyo okanye ozame ukuyifumana ngeNkqubo Yembuyekezo ukuba u-Microsoft ugqiba kwelokuba awufaneleki ukufumana Indlela Yokusebenzisa Amanqaku ngenxa yezizathu ezingomthetho (njengemithetho yokuthumela izinto kwamanye amazwe). Ngoxa u-Microsoft esenza zonke iinzame zokuqinisekisa ukuchana, ngamanye amaxesha zibakho iimpazamo. Ngenxa yoko, u-Microsoft unelungelo lokulungisa ezo mpazamo ngamaxesha athile, nokuba oko kuchaphazela Izibonelelo zangoku okanye Amanqaku okanye Iimbuyekezo eziza kufunyanwa okanye eziza kusetyenziswa. Xa kusenzeka kubekho ukungangqamani phakathi kwale mimiselo yeNkqubo Yembuyekezo okanye ezinye iingxelo eziqulethwe kwizinto ezihambiselanayo okanye ezentengiso, le mimiselo iya kulawula.
I-Azure
- m. I-Azure. Ukusebenzisa kwakho inkonzo ye-Azure kulawulwa yimimmiselo nemiqathango yesivumelwano esahlukeneyo ngaphantsi kwalapho ufumene khona iinkonzo, njengoko kuxeliwe kwipheyiji yeeNkcukacha Zomthetho ze-Microsoft Azure https://aka.ms/AA7z67v.
I-Microsoft Soundscape
- n. I-Microsoft Soundscape. Uyavuma ukuba i-Microsoft Soundscape (1) ayiyilelwanga, ayenzelwanga okanye yenziwe ifumaneke njengesixhobo sezonyango kwaye (2) ayiyilelwanga okanye ayenzelwanga ukuthathela indawo icebiso leengcali zezonyango, unyango okanye ugwebo lwazo kwaye ayimele isetyenziselwe ukuthathela indawo okanye ukumela icebiso lengcali yezonyango, uxilongo, unyango okanye ugwebo lwayo.
I-Power Platform
- o. I-Power Platform. Ukusebenzisa kwakho inkonzo ye-Power Platform kulawulwa yimimiselo nemiqathango kwaye imiqathango engaphantsi kwesivumelwano esahlukileyo oye wafumana ngaso iinkonzo njengoko kuchaziwe kwipheyiji yeeNkcukacha Zomthetho ze-Power Platform ku Microsoft Power Platform (https://www.microsoft.com/en-us/power-platform/business-applications/legal).
I-Dynamics 365
- p. I-Dynamics 365. Ukusebenzisa kwakho inkonzo ye-Dynamics 365 kulawulwa yimimiselo nemiqathango sesivumelwano esahlukileyo oye wafumana ngaso iinkonzo njengoko kuchaziwe kwikhasi leeNkcukacha Zomthetho ze-Dynamics 365 ku Microsoft Dynamics 365 (https://www.microsoft.com/en-us/dynamics-365/business-applications/legal)
Ukusebenzisa i-Copilot AI
- q. Ukusebenzisa i-Copilot AI. Ukusebenzisa kwakho i-Copilot AI (ngaphandle kwe-Copilot ekhusela idatha yorhwebo) kulawulwa yimimiselo nemiqathango eyongezelelekileyo oye wafumana phantsi kwayo ezo nkonzo, ichazwe ngokweenkcukacha Ku Imiqathango Yokusebenzisa - Copilot (bing.com) (https://www.bing.com/new/termsofuse#content-policy) kunye nale Mimiselo. Ukuba ungumsebenzisi ka-Microsoft Copilot onokukhuselwa kwedatha yezorhwebo, nceda ungene kweli khasi ukuze uhlole imimiselo yokusebenzisa esebenza kuwe, kunye nale Mimiselo: https://aka.ms/BCETermsOfUse.
IiNkonzo Ze-AI
- r. IiNkonzo Ze-AI. "Iinkonzo ze-AI" zinkonzo okanye iifitsha ezisebenzisa iteknoloji Yoomatshini Abakrelekrele (AI) kuquka naziphi na iinkonzo zokuvelisa izinto kusetyenziswa iAI.
- i. Aziboneleli Ngecebiso Lobungcali. Iinkonzo ze-AI aziyilelwanga, azinanjongo okanye azimele zisetyenziselwe ukuthathela indawo icebiso leengcali.
- ii. Ukuqhaqha Ikhowudi. Awumele usebenzise iinkonze ze-AI ukuze ufumanise izinto ezibumba iimodeli, ikhowudi neenkqubo ezakhelwe kuzo. Nokomzekelo, awumele uzame ukwazi uze ususe ubunzima neemodelu okanye uzame ukukhuphela naziphi na iinxalenye zeenkonzo ze-AI kwisixhobo sakho.
- iii. Ukukhuphela Idatha. Ngaphandle kokuba uvunyelwe ngokucacileyo, awumele usebenzise ukukhangela, ukutsala okanye iindlela zokukhuphela ingcombolo ekwi-intanethi usebenzisa iinkonzo ze-AI.
- iv. Ukulinganiseleka kokusetyenziswa kwedatha ngokusuka kwiiNkonzo ze-AI. Awumele usebenzise iinkonzo ze-AI okanye idatha yeenkonzo ze-AI okanye wenze, uqeqeshe okanye uphucule (ngokungqalileyo nangokungangqalanga) nayiphi na iteknoloji yeAI.
- v. Ukusebenzisa Iziqulatho Zakho. Njengenxalenye yokubonelela ngeenkonzo ze-AI, u-Microsoft uza kusebenzisa aze agcine izinto ozingenisayo kwinkonzo kunye nezinto ezikhutshwa yinkonzo ngeenjongo zokubeka esweni nezokuthintela ukuxhatshazwa okanye ukusetyenziswa ngokuyingozi okanye izinto ezikhutshwa yinkonzo.
- vi. Ubunini Beziqulatho. U-Microsoft akabangi ubunini baso nasiphi na isiqulatho obonelela ngaso, osipowustayo, osifakayo okanye osithumela okanye osifumana kwiinkonzo ze-AI (kuquka iingxelo namacebiso). Kuza kufuneka uzigqibele malunga namalungelo obunini onabo kwisiqulatho osingenisayo kunye nokusebenziseka kwaso, phakathi kwezinye izinto ucinga nge(e)ndlela esinokuseyenziswa ngayo kunye nemithetho yaloo ndawo. Uyatsho ibe uyazimelaukuba ungumnini okanye ulawula onke amalungelo esiqulatho sakho njengoko kuchazwe kule Mimiselo ngaphandle kokulinganiseleka onke amalungelo ayimfuneko ukuze ubonelelwe, upowuste, ulowude, ungenise okanye uthumele isiqulatho.
- vii. iinkcukacha zokungena zomyili wesiqulatho. Xa usebenzisa iinkonzo zeAI ukuze wenze ikhontenti, u-Microsoft angagcina inkcazelo malunga nekhontenti aze ayinxulumanise le nkcazelo nekhontenti esebenzisa iinkcukacha zokungena zomntu owenza ikhontenti. Awumele usebenzise iinkonzo zeAI okanye wenze isiqulatho ngenjongo yokususa, yokutshintsha, yokwenza angacaci okanye yokufihla iinkcukacha zokungena kwikhontenti okanye ezinye iindlela zokubona imvelaphi, amaphawu okanye iimpawu ezibonisa ukuba iziphumo zenziwe ziinkonzo zeAI okanye zenziwe ziinkonzo zeAI ukuze wenze isiqulatho ngenjongo yokuqhatha abantu malunga nokuba iziqulatho zenziwe ngeenkozo zeAI.
- viii. Amabango amaqela angaphandle. Nguwe wedwa onoxanduva lokuphendula kuwo nawaphi na amabango amaqela angaphandle malunga nokusebenzisa Kwakho iinkonzo ze-AI uthobela imithetho esebenzayo (kuquka kodwa kungaphelelanga ekunyhasheni amalungelo okushicilela okanye amanye amabango amalunga neziqulatho ezivele ngoxa Usebenzisa iinkonzo ze-AI).
- ix. Ukulinganiselwa Kokusebenzisa. Ukongezelela ekuthobeleni "Indlela Yokuziphatha" engasentla, uyavuma ukuba awuzukusebenzisa iinkonzo zeAI kuquka ezo zenza izigqibo okanye ezikwaziyo ukuthatha amanyathelo enoba ziyazenzela okanye kukho amanqanaba athile okubandakanyeka komntu:
- 1. Ukwenza izigqibo okanye ukuthatha amanyathelo anokuba nefuthe kwimeko yezomthetho yakhe nabani na, eyezimali, amathuba ebomini, amathuba engqesho okanye amalungelo oluntu okanye enokuphumela ekonzakaleni emzimbeni okanye ngokwengqondo komntu okanye amaqela abantu kungakhange kuqale kubekho umntu obeke iliso phezu kwezo zigqibo;
- 2. Ukuqhatha ngabomi okanye ukunikela inkcazelo yobuxoki ngabom (umz, izibhengezo eziqhathayo) okanye ukusebenzisa izenzo ezingacaci elubala (umz, izinto ezibonakalayo, ezivakalayo okanye eiznye izinto ezingaphaya kokuqonda okuqhelekileyo komntu) ngenjongo yokumqhatha okanye ukutshintsha indlela yokuziphatha yaloo mntu ukuze ibangele onzakale;
- 3. Ukuxhaphaza ukuba sesichengeni komntu ngenxa yeminyaka yakhe, ukukhubazeka kwakhe okanye imeko ethile yezentlalo okanye yezoqoqosho ngenjongo okanye ngeziphumo ezinegalelo elikhulu lokutshintsha indlela eqhelekileyo yokuziphatha komntu okanye umntu okwiqela oziphatha ngendlela enokuthi ngokusengqiqweni imbangele okanye abangele omnye umntu onzakale kakhulu;
- 4. Ukuze ubale ngokwentlalo okanye uqikelele ukuba umntu ukweliphi iqela nto leyo enokukhukholela ukuba abantu okanye amaqela athile abantu acalucalulwe, angaphathwa ngobulungisa, impatho ibe mbe, ingabancedi okanye ibonzakalise;
- 5. Ukuze uhlole umngcipheko wokwenza ulwaphulo mthetho komntu ngokusekelwe ekuhlalutyeni umntu okanye ekuhloleni iimpawu zobuntu bakhe. Ezi zithintelo azisayi kusebenza kwiinkonzo zeAI ezisetyenziselwa ukuxhasa ukuhlola ukubandakanyeka komntu kulwaphulo mthetho, nto leyo esele isekelwe kwzibakala ezinokuqinisekiswa nezinxibelelene ngqo nolwaphulo mthetho;
- 6. Ngokusekelwe kwinkcazelo yeminwe yabo, kufakwe abantu kuluhlu okanye kuqondwe okanye kucingelwe ibala, izimvo zezopolitiko, ukuba lilungu lemanyano yabasebenzi, ukuba lilungu lonqulo okanye iinkolelo ezisekelwe kwintanda bulumko okanye ubomi bokwabelana ngesondo okanye isini umntu akhetha ukuba siso ngaphandle kokuleyibhelisha okanye ukuhluza okusemthethweni kwenkcazelo yomzimba enjengemifanekiso, ngokusekelwe kwidata yomzimba okanye ngokwenza uluhlu lwedatha yomzimba kwimiba yokunyanzelisa imithetho;
- 7. Ukwenza okanye ukwandisa oovimba bengcombolo bokuqonda ukuba ubuso bobukabani ngokusebenzisa imifanekiso engajoliswanga kumntu othile, mifanekiso leyo efumaneka kwi-intanethi okanye kwiividiyo zeCCTV;
- 8. Ukusebenzisa iteknoloji esebenza ngoku ekwiikhamera zeedivayisi ezimobhayili ezisetyenziswa ngabezo mthetho emhlabeni wonke ukuze kuzanywe ukwazi ukuba ungubani umntu phantsi kweemeko ezingenamithetho iyilawulayo "iimeko ezivulelekileyo," eziquka (kungalinganiselwanga) amapolisa ajikelezayo anxibe iikhamera okanye iikhamera ezisemotweni asebenzisa iteknoloji yokwazi ukuba ubuso bobukabani ukuze azame ukuqonda abantu abasele bekuvimba wengcombolo wabarhanelwa okanye abo babekhe bangamabanjwa; okanye
- 9. Ukuzama ukucingela indlela umntu avakalelwa ngayo ngokubona umzimba, indlela acinga ngayo okanye iimpawu zakhe zokuziphatha (umz, izimbo zobuso, ukushukuma kobuso okanye amagama awasebenzisayo) kuquka ukucingela iimvakalelo ezifana nomsindo, ukwenyanya, ukonwaba, ukudakumba, ukothuka, uloyiko okanye amanye amagama asetyenziswa ngokuqhelekileyo ukuze achaze ukuba umntu uvakalelwa njani.
Iinkonzo Zonxibelelwano
- s. Iinkonzo Zonxibelelwano. Iinkonzo ezenza abantu bakwazi ukunxibelelana, ziquka kodwa aziphelelanga kuSkype, kuTeams, kuOutlook noGroupMe, ezi nkonzo zilawulwa yimimiselo eyongezelelekileyo efumaneka ku https://aka.ms/useterms ikunye nale Mimiselo.
Ingqokelela
14. Ingqokelela. Eli candelo, namacandelo 1, 9 (emali ezithwele phambi kokuba kuphele le Mimiselo), 10, 11, 12, 15, 17 nalawo athi ngenxa yemimiselo yawo isebenze emva okuphela kwale Mimiselo ayakusinda ekuphelisweni okanye ekurhoxisweni kwale Mimiselo. Ngokomlinganiselo ovunyelwe ngumthetho osebenzayo, singahambisa ngale Mimiselo, senze esinye isivumelwano ngezibophelelo zethu phantsi kwale Mimiselo, okanye senze enye ilayisensi yamalungelo ethu phantsi kwale Mimiselo, ngokupheleleyo okanye ngokungaphelelanga, nanini na ngaphandle kokukwazisa. Awunako ukwabela le Mimiselo okanye ugqithise nawaphina amalungelo okusebenzisa iiNkonzo. Esi sisivumelwano esipheleleyo phakathi kwakho no-Microsoft sokuba usebenzise iiNkonzo. Sidlula naziphina izivumelwano zangaphambili eziphakathi kwakho no-Microsoft ezimalunga nokusebenzisa kwakho iiNkonzo. Ekungeneni kule Mimiselo, awukhange uxhomekeke kuyo nayiphina ingxelo, ukumelwa, isigunyaziso, ukuqonda, ukuzibophelela, ukuthembisa okanye ukuqinisekisa ngaphandle kokuba kuvakaliswe kule Mimiselo. Zonke iindawo zale Mimiselo zisebenza kakhulu kangangoko kuvunywa ngumthetho onxulumeneyo. Ukuba inkundla yamatyala okanye umlamli uthi asikwazi kunyanzelisa inxalenye yaleMimiselo njengoko kubhaliwe, singayitshintsha loo mimiselo ngemimiselo efanayo kangangoko kunyanzeliswa phantsi komthetho onxulumeneyo, kodwa intsalela yale Mimiselo ayizokutshintsha. Le mimiselo yeyokuxhamla kwakho kuphela nokwethu. Le Mimiselo ayiyeyokuxhamlwa ngomnye umntu, ngaphandle kwabalandeli emva kuka-Microsoft nababelweyo. Izihloko zamacandelo zezokuba ukhangele kuphela kwaye azinafuthe lezomthetho.
15. Amabango kuMele aFakwe uNgaphelanga uNyaka omNye. Naliphina ibango elinxulumene naloo Mimiselo okanye iiNkonzo kumele afakwe kwinkundla yamatyala (okanye kulamlo ukuba icandelo le-10.d liyasebenza) ungaphelanga unyaka omnye womhla ongafaka ngalo ibango okokuqala, ngaphandle kokuba umthetho wendawo ohlala kuyo ufuna ixesha elidana lokufaka amabango. Ukuba alifakwanga lingaphelanga elo xesha, lizakuthintelwa ngonaphakade.
16. IMithetho yeziNto eziya kwamanye amaZwe. Kumele uthobele yonke imithetho yehlabathi yokuthumela kwamanye amazwe nemigaqo esebenza kwisoftwe na/okanye kwiiNkonzo, eziquka iminyino yendawo ekusingwe kuyo, abasebenzisi, injongo yokusebenzisa. Ngeenkcukacha ezithe vetshe ngezithinthntelo zemimandla kunye nezithintelo zokuthumela izinto kwamanye amazwe, tyelela ku https://www.microsoft.com/exporting.
17. Ukubekelwa amaLungelo kunye neNgxelo eBuyiswayo. Ngaphandle kwezibonelelo ezichaziweyo phantsi kwale miMiselo, u-Microsoft akakuniki ilayisensi okanye nawaphi na amanye amalungelo alo naluphi na uhlobo phantsi kwazo naziphi na iipethenti, ulwazi, amalungelo ekopi, iimfihleko zorhweo okanye nabuphi na ubutyebi bengqondo buka-Microsoft okanye obulawulwa ngu-Microsoft okanye naliphi na iziko elinxulumeneyo, kuquka kodwa kungaphelelanga kulo naliphi na igama, idilesi yorhwebo, ilogo okanye okulingana nayo. Ukuba unika u-Microsoft naliphi na icebo, isiphakamiso, ingcebiso okanye ingxelo ebuyiswayo, kuquka kube kungaphelelanga kumacebo ngeemveliso ezintsha, iitekhnoloji, iipromowushini, amagama emveliso, ingxelo ebuyiswayo ngeemveliso nokuphuculwa kweemveliso ("Ingxelo eBuyiswayo"), unika u-Microsoft, ngaphandle kokumhlawulisa, kweeroyalthi okanye kwesinye isibophelelo kuwe, ilungelo lokwenza, lokuba ethe wenza, lokudala umsebenzi osuselwe kuloo nto, lokusebenzisa, lokwabelana nokushishina ngeNgxelo yakho eBuyiswayo nangayiphi na indlela nangayiphi na injongo. Awusayi kunikezela ngeNgxelo eBuyiswayo exhomekeke kwilayisensi efuna u-Microsoft enze ilayisensi yesoftwe yakhe, yeetekhnoloji okanye yamaxwebhu aya nakuwuphi na omnye umntu kuba u-Microsoft equka iNgxelo yakho eBuyiswayo kwezo zinto.
IZAZISO
Izaziso nenkqubo yokwenza amabango okunyhashwa kwamalungelo awodwa ombhali. U-Microsoft uyawahlonipha amalungelo awodwa abanye abantu. Ukuba unqwenela ukuthumela isaziso sokunyhashwa kwamalungelo akhethekileyo ombhali kuquka namabango okunyhashwa kokushicilela nceda sebenzisa iinkqubo zethu zokufaka IZaziso zokuNyhashwa (https://www.microsoft.com/en-us/legal/intellectualproperty/infringement) nkqubo ezo ziyinxalenye yale Mimiselo. YIMIBUZO ENXULUMENE NALE NKQUBO KUPHELA EYA KUFUMANA IMPENDULO.
U-Microsoft usebenzisa iinkqubo ezimiselwe kwi-Title 17, i-United States Code, Section 512 kwaye apho kuyimfuneko iSahluko III se-Regulation (EU) 2022/2065 ukuphendula izaziso zokunyhashwa kwamalungelo okushicilela. Kwiimeko ezifanelekileyo, u-Microsoft angavala okanye aphelise ii-akhawunti zabasebenzisi beeNkonzo zakwa-Microsoft abasenokuba ngabanyhashi abaphindaphindayo. Ngokubhekele phaya, phantsi kweemeko ezifanelekileyo, u-Microsoft angarhoxisa ukusebenza ngezaziso zabantu okanye iinkampani ezingenisa izaziso ezingenasihlahla. Ingcaciso ebhekele phaya yeenkqubo ezisebenzayo kwiNkonzo ethile, kuquka ukulungiswa okunokubakho ngenxa yezigqibo ezithathwe ngu-Microsoft njengenxalenye yezi nkqubo ingafunyanwa ku Izaziso Zokungathobeli (https://www.microsoft.com/legal/intellectualproperty/infringement).
Izaziso neenkqubo malunga namalungelo awodwa ombhali ngenxa yentengiso. Nceda hlola Izikhokelo zethu Zamalungelo Akhethekileyo Ombhali (https://go.microsoft.com/fwlink/?LinkId=243207) malunga neenkxalabo zamalungelo awodwa ombhali kwinethiwekhi yethu yeentengiso.
Izaziso zamalungelo awodwa neempawu zokurhweba. IiNkonzo zinelungelo elilodwa lika © Microsoft Corporation ne/okanye ababoneleli bakhe, One Microsoft Way, Redmond, WA 98052, U.S.A. Onke amalungelo agciniwe. Imimiselo iquka Uphawu Lokurhweba luka-Microsoft neMigaqo yeBrendi (https://www.microsoft.com/en-us/legal/intellectualproperty/trademarks) (njengoko kutshintshwa kwixesha ngexesha). U-Microsoft kunye namagama, ii-logo, ii-icon zazo zonke iimveliso zika Microsoft, izishicileli, kunye neenkonzo zingazimpawu zorhwebo ezingabhaliswanga okanye zibhaliswe kwiqela leenkampani zakwa-Microsoft e United States kwaye/okanye kweminye imida. Oku kulandelwayo luluhlu olungapheliyo lwezika Microsoft ezibhalisiweyo iimpawu zorhwebo ku https://cdn-dynmedia-1.microsoft.com/is/content/microsoftcorp/microsoft/mscle/documents/presentations/TrademarksListFY25Q3.pdf. Amagama eenkampani zokwenene neemveliso ingaziimpawu zokurhweba zabamnini zazo. Nawaphina amalungelo anganikwanga ngokuchaziweyo kule Mimiselo agciniwe. Isoftwe ethile esetyenziswe kwiiseva zebhusayithi yakwa-Microsoft isekelwe kwinxalenye yomsebenzi we-Independent JPEG Group. Copyright © 1991-1996 Thomas G. Lane. Onke amalungelo agciniwe. Isishicileli se "gnuplot" sisetyenziswa kwezithile iiseva ze-website sinobunini mveliso © 1986‑1993 Thomas Williams, Colin Kelley. Onke amalungelo agciniwe.
Isaziso sezonyango. U-Microsoft akaboneleli ngezonyango okanye nangayiphina ingcebiso yokhathalelo lwezempilo, uxilongo okanye ngonyango. Rhoqo funa ingcebiso kagqirha wakho okanye yabanye ababoneleli bokhathalelo lwezempilo abaqeqeshiweyo ngayo nayiphina imibuzo onganayo malunga nemeko yezonyango, yezosondlo, yokuphila qete okanye inkqubo yempilo-ntle. Ungaze utyeshele ingcebiso yozeqeqeshelwe ezonyango okanye ulibazise ekufuneni yona ngenxa yeenkcukacha ozifumene kwi okanye ngeeNkonzo.
Iikowuti ze-stock ne-index data (kuquka ne-index values). Inkcazelo yemali ebonelelwe kusetyenziswa Iinkonzo imele kukusetyenziselwa wena buqu kwaye akumele ushishine ngayo. Awunokuzisebenzisa nayiphi na idatha yezimali okanye amaphawu ezinye iinkampani ngokunxulumene nokukhupha, ukudala, ukuxhasa, ukurhweba, ukumaketha, okanye ukukhuthaza intengo yazo naziphi na izixhobo zezimali okanye iimveliso zotyalo-mali (ngokomzekelo, iingxelo, izinto ezivela kwenye, iimveliso ezihleliweyo, ingxowa-mali yotyalo-mali, ukutshintshiselana ngengxowa-mali yokurhwebelwano, iipotfoliyo zotyalo-mali, njl.njl., apho ixabiso, imbuyekezo no/okanye ukusebenza kwesixhobo okanye imveliso yotyalo-mali elisekwe kuyo, elinxulumene kuyo, okanye ngenjongo yokulandela i-Indexes okanye i-proxy yazo nayiphi na idatha yezimali) ngaphandle kwesivumelwano esisecaleni kunye nenkampani ekhupha loo layisenisi.
Isaziso sezimali. U-Microsoft akayo-broker/dealer okanye umcebisi obhalisiweyo wotyalo-mali phantsi kwe-United States federal securities law okanye imithetho yezabelo yeminye imida kwaye akacebisi bantu ngokuba batyale imali kuye, bathenge, okanye bathengise ngezabelo okanye ngezinye iimveliso zezimali okanye iinkonzo. Akhonto iqulathwe kwiiNkonzo esisibonelelo okanye isenzo sokuthengisela okanye ukuthengisa naziphina izabelo. Ayingo-Microsoft ingengabo nabaniki bakhe bephepha-mvume leekowuti ze-stock okanye akacebisi nangaziphina iimveliso ezithile zezimali okanye iinkonzo. Akukho nto kwiiNkonzo eyenzelwe ukuba ibe ziingcebiso zeengcali, kuquka kube kungaphelelanga kwiingcebiso zotyalo-mali nezerhafu.
Isaziso nge-H.264/AVC ne-VC-1 iMigangatho yeVidiyo. Isoftwe ingaquka i-H.264/AVC ne/okanye ubugcisa be-codec ye-VC-1 obunelayisensi ekhutshwe yi-MPEG LA, L.L.C. Obu bugcisa yifomathi yokucutha idatha zeenkcukacha zevidiyo. I-MPEG LA, L.L.C. ifuna esi saziso:
LE MVELISO INEPHEPHA-MVUME NGAPHANTSI KWE-H.264/AVC KUNYE NE-VC-1 ENAMAPHEPHA-MVUME EPOTFOLIYO YE-PATENT YOSETYENZISO LOBUQU NELO LUNGELULO OLORHWEBELWANO LOMTHENGI KWI (A) ENCODE YEVIDIYO KUTHOTYELO NEMIGANGATHO ("IMIGANGATHO YEVIDIYO") NE/OKANYE (B) YE-DECODE H.264/AVC, MPEG-4 VISUAL, NE-VC-1 IVIDIYO IBI-ENKHOWUDWE NGUMTHENGI OZIBANDAKANYE KUMSEBENZI WOBUQU NALOWO UNGENGUWO OWORHWEBELWANO NE/OKANYE IBIFUNYENWE NGUMBONELELI WEVIDIYO ONEPHEPHA-MVUME YOKUBONELELA NGEVIDIYO ENJALO. AKUKHO PHEPHA-MVUME ELIYAKUKHUTSHWA OKANYE ELIYAKUQUKWA NAKOLUPHINA OLUNYE USETYENZISO. IINKCUKACHA EZONGEZELELWEYO ZINGAFUNYANWA KWA-MPEG LA, L.L.C. JONGA IWEBHUSAYITHI YE-MPEG LA( (https://www.mpegla.com)).
Ngeenjongo zokucacisa kuphela, esi saziso asinyini okanye sikuthintele ekusebenziseni isoftwe ebonelelwe phantsi kwale Mimiselo yokusetyenziswa kushishino lwesiqhelo yobuqu kwelo shishino elingabandakanyi (i) kuhambisa ngokutsha kwesoftwe kwabanye abantu, okanye (ii) ukudalwa kwemathiriyali NGEMIGANGATHO YEVIDIYO ethobela ubugcisa bokuhambisa kwabanye abantu.
Isaziso nge-H.265/HEVC iMigangatho yeVidiyo. Isoftware ingaquka ubugcisa be-codec ye-H.265/HEVC. I-Access Advance LLC ifuna esi saziso:
UKUBA IQUKIWE KULE SOFTWE ITEKNOLOJI YE-H.265/HEVC NGOMNYE OKANYE KWABANINZI ABANEE-PATENT ZE-HEVC EZIDWELISWE KU: PATENTLIST.ACCESSADVANCE.COM. NGOKUXHOMEKA UKUBA UYIFUMENE NJANI LE SOFTWE, LE MVELISO ISENOKUBA INELAYISENSI PHANTSI KWE-HEVC ADVANCE PATENT PORTFOLIO.
Ukuba le softwe ifakwe kwisixhobo se-Microsoft, ulwazi oluthe kratya ngelayisensi lungafunyanwa ku: aka.ms/HEVCVirtualPatentMarking.
IMIMISELO YEPHEPHA-MVUME LE-APLIKHEYISHINI ELISEMGANGATHWENI
IMIMISELO ESEMGANGATHWENI YEPHAPHA-MVUME LE-APLIKESHINI
IVENKILE KA MICROSOFT, IVENKILE KA MICROSOFT YE-WINDOWS, KUNYE NEVENKILE KA MICROSOFT YE-XBOX
Le mimiselo yephapha-mvume sisivumelwano phakathi kwakho nompapashi we-aplikeshini. Nceda uyifunde. Zisebenza kwii-applications ze-software ozikhuphelayo ukusuka kwiVenkile ka-Microsoft, iVenkile ka-Microsoft eku-Windowsokanye iVenkile ka-Microsoft ekwi-Xbox (nganye ibhekiswe kule mimiselo yelayisenisi njenge "iVenkile"), kuquka naziphi iintlaziyo okanye izongezo ze-application, ngapahndle kokuba i-application iza memimiselo eyahlukeneyo, kuleyo imeko loo mimiselo iza kusebenza.
NGOKUKHUPHELA OKANYE NGOKUSEBENZISA I-APLIKESHINI, OKANYE NGOKUZAMA UKWENZE NAYIPHINA KWEZI, WAMKELA LE MIMISELO. UKUBA AWUYAMKELI, AWUNALO ILUNGELO LOKUKHUPHELA KWAYE AKUFANELANGA WENZE NJALO OKANYE USEBENZISE I-APLIKESHINI.
Umpapashi wesishicileli uthetha ukuthi iqumrhu lelayisenisi yesishicileli kuwe, njengoko ichongiwe kwiVenkile.
Ukuba uthobela le mimselo yephepha-mvume, unala malungelo angezantsi.
- 1. AMALUNGELO OKUFAKELA NAWOKUSEBENZISA; OKUPHELELWA. Usenokufaka uze usbenzise i-aplikeyshini kwizixhbo zika-Windows okanye kwiikhonsoli ze-Xbox njengoko zichaziwe kwiMigaqo yoKusebenzisa ka-Microsoft (https://go.microsoft.com/fwlink/p/?LinkId=723143). U-Microsoft unelungelo lokutshintsha iMigaqo yoKusebenzisa (https://go.microsoft.com/fwlink/p/?LinkId=723143) nanini na.
- 2. IINKONZO EZIKWI-INTANETHI.
- a. Imvume yeenkonzo ezikwi-Intanethi okanye ze-wireless. Ukuba i-aplikeshini iqhagamshela kwiinkqubo zekhompyutha phezu kwe-Intanethi, engaquka ukuhamba netwekhi e-wireless, ukusebenzisa i-aplikeshini kusebenza njengemvume ekugqithisweni kweenkcukacha zesixhobo esisemgangathweni (kuquka kodwa kunganyinwanga kwiinkcukacha ezinokuntshokotha ngesixhobo sakho, inkqubo nesoftwe ye-aplikeshini, nemida) zeenkonzo ezikwi-Intanethi okanye ze-wireless. Ukuba eminye imimiselo yazisiwe ngokunxulumene nokusebenzisa kwakho iinkonzo ongene kuzo usebenzisa i-aplikeshini, loo mimiselo ikwasebenza nayo.
- b. Ukusetyenziswa gwenxa kweenkonzo ezikwi-Intanethi. Awunakusebenzisa inkonzo ekwi-Intanethi nangayiphina indlela enokwenza umonakalo kuyo okanye yenze umonakalo nakubani na oyisebenzisayo okanye inetwekhi ye-wireless. Awunakuyisebenzisa inkonzo ukuzama ukuzuza ufikelelo olungagunyaziswanga kuyo nayiphina inkonzo, iingcombolo, kwi-akhawunti, okanye kwinetwekhi nangayiphina indlela.
- 3. UKUSEBENZA KWEPHEPHA-MVUME. I-aplikeshini inephepha-mvume, kwaye ayithengwanga. Esi sivumelwano sikunika kuphela amalungelo athile okusebenzisa i-aplikeshini. Ukuba u-Microsoft uvala ukukwazi bokusebenzisa ii-aplikeshini ezikwisixhobo sakho ngokungqinelana nesivumelwano sakho sakwa-Microsoft, nawaphina amalungelo anxulumene nephepha-mvume ayakupheliswa. Umpapashi we-aplikheshini ngawakhe onke amalungelo. Ngaphandle kokuba umthetho osebenzayo ukunika amalungelo amaninzi nangona kukho olu nyino, ungasebenzisa i-aplikeshini kuphela njengoko kuvumelekile kwaye kuchaziwe kwesi sivumelwano. Ekwenzeni njalo, kumele uthobele nayo nayiphina iminyino enokuntshokotha kwi-aplikeshini evumela wena kuphela ukuba uyisebenzise ngeendlela ezithile. Awunako:
- a. Ukusebenza ngakuyo nayiphina iminyino enokuntshokotha kwi-aplikeshini.
- b. Ukuqhaqha, ukucalula, okanye ukuyichitha i-aplikeshini, ngaphandle kwaye kuphela kangangoko umthetho osebenzayo ukuvumela nangona kukho olu nyino.
- c. Ukwenza iikopi ezininzi ze-aplikeshini kunezo zichazwe kwesi sivumelwano okanye kuvunyelwe ngumthetho osebenzayo nangona kukho olu nyino.
- d. Ukupapasha okanye kungenjalo wenze i-aplikeshini ifumaneke kwabanye ukuze bayikhope.
- e. Ukurentisa, ukuqeshisa okanye ubolekise nge-aplikeshini.
- f. Ukugqithisela le aplikheshini okanye esi sivumelwano komnye umntu.
- 4. AMAXWEBHU. Ukuba amaxwebhu abonelelwe ne-aplikeshini, ungenza ikopi uze usebenzise amaxwebhu xa ufuna ukujonga into kuwo.
- 5. UBUGCISA NEMIQATHANGO YOKUTHUMELA KWELINYE ILIZWE. Le aplikeshini ingaxhomekeka kulawulo lwe-United States okanye kubugcisa behlabathi okanye kwimithetho yokuthumela kwamanye amazwe nemigaqo. Kumele uthobele yonke imithetho yehlabathi yokuthumela kwamanye amazwe nemigaqo esebenza kubugcisa obusetyenziswe okanye obuxhaswe yi-aplikeshini. Le mithetho iquka imiqathango kwindawo ekusingwe kuyo, nabasebenzisi bemveliso nenjongo yokusetyenziswa kwayo. Ngeenkcukacha malunga neemveliso ezinophawu lakwa-Microsoft, yiya kwiwebhusayithi yokuthumela kwamanye amazwe yakwa-Microsoft (https://go.microsoft.com/fwlink/?linkid=868967).
- 6. IINKONZO ZENKXASO. Qhagamshelana nompapashi we-aplikeshini ukuze ufumanise ukuba zeziphi iinkonzo zenkxaso ezifumanekayo. U-Microsoft, umvelisi we-hardware yakho nomthwali we-wireless yakho (ngaphandle kokuba omnye wabo ngumpapashi we-aplikeshini) abanaxanduva lokubonelela ngeenkonzo zenkxaso ze-aplikeshini.
- 7. ISIVUMELWANO SIPHELA. Esi sivumelwano, nayiphi na ipolisi yobumfihlo esebenzayo, nayiphi na imimiselo eyongezelelekileyo ekhapha i-aplikheshini, kunye nemimiselo yezinto zokuncedisa nohlaziyo, zenza isivumelwano esipheleleyo phakathi kwakho nompapashi we-aplikheshini wale aplikheshini.
- 8. UMTHETHO OSEBENZAYO.
- a. e-United States naseKhanada. Ukuba ufumene i-aplikeshini e-United States okanye eKhanada, imithetho yesiphaluka okanye yephondo uhlala kulo (okanye, ukuba ishishini, apho indawo yakho yoshishino engundlunkulu ikuyo) ilawula ukutolikwa kwesivumelwano kwaye amabango okuphulwa kwayo, nawo onke amanye amabango (kuquka nokhuseleko lomthengi, ukhuphiswano olungenabulungisa namabango embambano) nokuba yeyiphi imigomo yemithetho engqubanayo.
- b. Ngaphandle kwe-United States naseKhanada. Ukuba ufumene i-aplikeshini kwelinye ilizwe, imithetho yelo lizwe iyasebenza.
- 9. IFUTHE LEZOMTHETHO. Esi sivumelwano sichaza amalungelo ezomthetho athile. Unganawo amanye amalungelo aphantsi kwemithetho esiphaluka okanye kwelizwe lakho. Esi sivumelwano asitshintshi malungelo akho aphantsi kwemithetho yesiphaluka okanye kwelizwe lakho ukuba imithetho yesiphaluka okanye yelizwe lakho ayisivumeli ukuba senze njalo.
- 10. ISIQINISEKISO SOMLANDULI. Kuxhomekeke kwezomthetho i-aplikeshini inephepha-mvume "likanjengoko injalo", "nazo zonke iziphene kwaye "ngokufumaneka kwayo". Umngcipheko wokuyisebenzisa ngowakho wonke. Umpapashi we-aplikeshini, egameni layo, u-Microsoft (ukuba u-Microsoft ayinguye umpapashi we-aplikeshini), abathwali be-wireless bokuba yinetwekhi kabani ibonelelwa i-aplikeshini, kwaye umbandakanyi wethu ngamnye, umthengisi, i-arhente nababoneleli ("amaQela aQukiweyo"), awaniki ziqinisekiso ezivakalisiweyo, magunya, okanye imiqathango enxulumene ne-aplikeshini. Umngcipheko uphela wobulunga, ukhuseleko, ukuphatheka kakuhle kunye nentsebenzo yale aplikheshini ngowakho. Ukuba i-aplikeshini inokubonisa ukuba yonakele, uthatha indleko yako konke ukulungiswa okufanelekileyo okanye ukukhanda. Unganamalungelo omthengi awongezelelweyo ngaphantsi kwemithetho yendawo ohlala kuyo okuba esi sivumelwano asinak'utshintsha. Ngokomlinganiselo ovunyelwe phantsi kwemithetho yasekhaya, aMaqela aQukwayo ashiya ngaphandle naziphi na iziqinisekiso okanye imiqathango, kuquka neyokuthengiseka, ukulungela intsingiselo ethile, ukhuseleko, ukuphatheka kakuhle kunye nokungophuli isivumelwano.
- 11. UKUNYINWA NASEKUBEKENI BUCALA KONCEDO NOMONAKALO. Kngangoko kungavunyelwanga ngumthetho, ukuba unaso nasiphina isiseko sokufumana okonakeleyo, ungabuyiselwa kumpapashi we-aplikeshini kuphela umonakalo othe ngqo ukuya kutsho kwisixa-mali osihlawulele i-aplikeshini okanye i-USD$10.00 nokuba yeyiphi enkulu. Ngokomlinganiselo ovunyelwe ngumthetho osebenzayo, awunakho ukusebenzisa ilungelo, ufune ukubuyiselwa nawuphi na omnye umonakalo, kubandakanya isiphumo, inzuzo elahlekileyo, okhethekileyo, ngokungangqalanga okanye umonakalo owenzekileyo ukusuka kumpapashi wesicelo. Ukuba imithetho yakho yasekhaya inyanzelisa iwaranti, isiqinisekiso okanye imeko nangona le migaqo ingasebenzi, ngokuxhomekeke kumthetho osebenzayo, ubude bexesha layo lilinganiselwe kwiintsuku ezingama-90 ukusuka kukhuphelo lwesicelo.
Olu nyino lusebenza kuyo:
- Nantonina enxulumene ne-aplikeshini okanye neenkonzo ezenziwe zafumaneka nge-aplikeshini; kunye
- Namabango olwaphulo lwesivumelwano, isiqinisekiso, okanye umqathango, ubutyala obungqongqo, ukungakhathali, okanye enye imbambano; ukunyhashwa komthetho okanye komgaqo; ukuzityebisa ngokungafanelekanga; okanye phantsi kwayo nayiphina ithiyori; zonke kangangoko zivunyelwa ngumthetho osebenzayo.
Lukwasebenza naxa:
- Olu ncedo lungakubuyekezi nakweyiphi ilahleko; okanye
- Umpapashi we-aplikeshini ebesazi okanye bekufanele ukuba wazile ngomonakalo onokwenzeka.
IiNkonzo eziChatshazelweyo
Ezi nkonzo zilandelayo, ii-aplikeshini neenkonzo zichatshazelwe siSivumelwano seeNkonzo sakwa-Microsoft, kodwa sisenokungafumaneki kwimakethi yakho?
- Amakhasi e-Bing
- Amava onxibelelwano anganyanzelekanga e-Microsoft 365
- I-Account.microsoft.com
- I-akhawunti yakwaMicrosoft
- I-App Eqoqosha ii-SMS
- I-Bing Apps
- I-Bing Dictionary
- I-Bing Image and News (iOS)
- I-Bing Maps
- I-Bing Search APIs/SDKs
- I-Bing Search app
- I-Bing Translator
- I-Bing Webmaster
- I-Bing.com
- I-Bingplaces.com
- I-Clipchamp
- I-Cortana skills by Microsoft
- I-Cortana
- I-Default Homepage and New Tab Page on Microsoft Edge
- I-Dev Center App
- I-Device Health App
- I-Dictate
- I-education.minecraft.net
- I-Face Swap
- I-Feedback Intake Tool for Azure Maps (aka “Azure Maps Feedback”)
- I-Forms.microsoft.com
- I-forzamotorsport.net
- I-Groove Music Pass
- I-Groove
- I-GroupMe
- I-Iigeyimu zika-Xbox no-Windows, ii-apps neewebhusayithi ezipapashwe ngu-Microsoft
- I-Iimuvi ne-TV ye-Microsoft
- I-Iingqokelela zika-Microsoft
- I-Iingqokelela
- I-Image Creator from Microsoft Designer
- I-Ivenkile yeWindows
- I-Ivenkile
- I-LineBack
- I-Link to Windows
- I-Maps App
- I-Microsoft 365 Business Standard, Microsoft 365 Business Basic, Microsoft 365 Apps, Microsoft 365 app, Microsoft 365 Copilot, Microsoft 365 Copilot app, and Microsoft 365 Copilot Chat*
- *Until a commercial domain is established for use of these services, at which time separate Microsoft commercial terms will govern instead.
- I-Microsoft 365 Consumer
- I-Microsoft 365 Family
- I-Microsoft 365 Personal
- I-Microsoft 365 yewebhu
- I-Microsoft Academic
- I-Microsoft Add-Ins for Skype
- I-Microsoft Bots
- I-Microsoft Copilot
- I-Microsoft Defender yomntu ngamnye
- I-Microsoft Educator Community
- I-Microsoft Family
- I-Microsoft Health
- I-Microsoft Launcher
- I-Microsoft Loop
- I-Microsoft Math Solver
- I-Microsoft Pay
- I-Microsoft Pix
- I-Microsoft Reading Coach
- I-Microsoft Research Interactive Science
- I-Microsoft Research Open Data
- I-Microsoft Rewards
- I-Microsoft Soundscape
- I-Microsoft Sway
- I-Microsoft Teams
- I-Microsoft Translator
- I-Microsoft Wallpaper
- I-Minecraft Realms Plus and Minecraft Realms
- I-Mixer
- I-MSN (eyayisaziwa ngokuba yi-Microsoft Start)
- I-MSN Dial Up
- I-MSN Explorer
- I-MSN Food & Drink
- I-MSN Health & Fitness
- I-MSN Money
- I-MSN News
- I-MSN Premium
- I-MSN Sports
- I-MSN Travel
- I-MSN Weather
- I-MSN.com
- I-Next Lock Screen
- I-Office Store
- I-OneDrive.com
- I-OneDrive
- I-OneNote.com
- I-Outlook.com
- I-Paint 3D
- I-Phone Link
- I-Presentation Translator
- I-rise4fun
- I-Seeing AI
- I-Send
- I-Skype in the Classroom
- I-Skype Manager
- I-Skype.com
- I-Skype
- I-Smart Search
- I-Snip Insights
- I-Spreadsheet Keyboard
- I-Sway.com
- I-to-do.microsoft.com
- I-Translator for Microsoft Edge
- I-Translator Live
- I-Umncedisi ngeNkxaso neMbuyekezo we-Office 365 ye-Microsoft
- I-Universal Human Relevance System (UHRS)
- I-UrWeather
- I-ux.microsoft.com
- I-Video Breakdown
- I-Visio Online
- I-Web Translator
- I-whiteboard.office.com
- I-Windows Live Mail
- I-Windows Live Writer
- I-Windows Movie Maker
- I-Windows Photo Gallery
- I-Xbox Game Pass
- I-Xbox Live Gold
- I-Xbox Live
- I-Xbox Music
- I-Xbox Store
- INkxaso yakwa-Microsoft (yaBathengi)
- Ii-apps kunye neenkonzo eziqukiweyo kunye ne-Microsoft 365 Basic
- Ii-apps kunye neenkonzo eziqukiweyo kunye ne-Microsoft 365 Yobuqu
- Ii-apps kunye neenkonzo eziqukiweyo kunye ne-Microsoft 365 Yosapho
- Ii-apps kunye neenkonzo eziqukiweyo kunye nemirhumo yabathengi ye-Microsoft 365
- Iigeyimu ze-Minecraft
- Iigeyimu, ii-app neewebhusayithi zika-Windows, ezipapashwe ngu-Microsoft
- Iigeyimu, ii-app neewebhusayithi zika-Xbox Game Studios
- Inguqulelo esimahla ye-Microsoft 365
- Izaphulelo ze-Bing
- Ukukhangela kuka-Microsoft kwi-Bing